1. NgokomMiselo 3 wemiMiselo ephathelele ekunikweni uxolelo kwaBazali kwiNtlawulo yeeFizi zeSikolo,ka-2005 (Regulations relating to the Exemption of Parents from the Payment of School Fees), kunyanzelekile ukuba amabhunga olawulo ezikolo neenqununu zazise abazali, ngencwadi ebhaliweyo, ngemali yeefizi zesikolo ezihlawulwa qho ngonyaka kunye nenkqubo yokwenza isicelo sokucela ukuxolelwa kwintlawulo yeefizi zezikolo xa umfundi amkelwe esikolweni. Le miMiselo iphinde ngaphezulu imisele ukuba inqununu nomzali mabasayine ifom emiselweyo ukulungiselela le njongo njengengqinisekiso yokuba umzali ebexelelwe.
2. UmMiselo 3(1)(d) umisela ukuba ikopi yefom esayiniweyo mayithunyelwe kwiNtloko yeSebe leMfundo okanye konikezelwe amagunya yiyo ukulungiselela iinjongo zerekhodi.
3. INtloko yeSebe leMfundo inikezele amagunya ayo ngokunxulumene noku, ngokweSiqendu 62(2) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho 84/1996) (South African Schools Act, 1996 (Act 84/1996)), njengoko ufakelwe izilungiso, kumagosa akwiSebe leMfundo leNtshona Koloni, njengoko kucacisiwe kwishedyuli eqhotyoshelweyo. Olu nikezelo lwamagunya luqalisa ukususela ngoku.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngalo mba.


ISAYINWE: NGU-H.A. LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:12

Schedule  (ubukhulu: 12 KB)