1. KwiSetyhula 51/2007 ye-20 Septemba 2007, nakwiisetyhula zangaphambili ezimalunga neMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali (Norms and Standards) lweengxowa zezikolo, zacelwa iinqununu zezikolo zikarhulumente ukuba zisebenzise imigqaliselo yokonga umbane ukwenzela ukugcina iindleko zazo zombane ziphantsi. Ngenxa yengxaki eya ikhula yokunqongophala kombane elizweni nangenxa yesibongozo esenziwe ngu-Eskom sokubhenela kubo bonke abasebenzisi bombane, ziyacelwa kwakhona zonke iinqununu ukuba zixhase eli phulo ngokuthi zisebenzise le migqaliselo ilandelayo:
1.1 Izibane zangaphandle mazicinywe emini.
1.2 Kuphela kuxa ukukhanya kwendalo kunganelanga apho kungakhanyiswa izibane zeklasi emini.
1.3 Kuphela zizibane zokhuseleko nezibane ezikwiikona emazihlale zingacinywanga ebusuku.
1.4 Ngeempelaveki nangeeholode zesikolo, ezi zibane zikhankanywe apha ngasentla mazikhanyiswe ebusuku zicinywe kusasa.
1.5 Makucingwe ngokufakela iimitha zombane wamakhadi (pre-paid electricity meters) njengoko ezi mitha ziya kwenza izikolo zikwazi ukulawula ngcono usetyenziso neendleko zombane wazo. U-Eskom noninzi loomasipala bavakalise ukuba banako ukuzifakela ezi mitha.
2. Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule setyhula ibhunga lolawulo, ootitshala nabafundi besikolo sakho.


ISAYINWE: NGU-T.S. SHAYI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:10