1. Mininzi imibuzo efikayo emalunga nokungeniswa kwezicelo zefanitshala nezixhobo zokusebenza, ezihlelwe zaze zarekhodwa njengeempahla ezinkulu nezincinane kwiRejista yee-Asethi (Asset Register).
2. ISetyhula kaNondyebo No. 18 ka-2008, yomhla we-6 Meyi 2008, imisela ukuba intloko yesebe mayigcine irejista yazo zonke ii-asethi ezishenxisekayo (movable assets). Ngokolu xwebhu Preparation Guide to the Annual Financial Statements, olwakhutshwa yi Ofisi kaNondyebo kaZwelonke, I-Ofisi kaNondyebo wePhondo ifuna kwakhona ngoku ukuba iintloko zamasebe zilungelelanise (reconcile) zonke ii-asethi eziyimpahla encinane (all minor assets) (ii-asethi ezixabisa ngaphantsi kwe-R5 000) ezithengiweyo, nenkcitho ekwiBAS (with the expenditure on BAS) kwakunye naleyo ekwiLOGIS. Ingxelo malunga noku mayingeniswe kuNondyebo qho ngenyanga nganye. Ukuze kube nokulungelelaniswa iLOGIS neBAS, zonke iimpahla ezifakwa kwi-inventri (all inventory items) (ifanitshala nezixhobo zokusebenza) mazithengwe yaye zihlawulwe ngokusebenzisa iLOGIS, ethi ke ngokuzenzekelayo iqhagamshelane neBAS (which automatically interfaces with BAS) ngokusebenzisa iLOGIS Integration. Ngoko ke yonke inkcitho eyenziwe ngokusebenzisa iLOGIS iya kubonakala kwiBAS. Nangona kunjalo, ukuba impahla efakwa kwi-inventri (an inventory item) ihlawulwa ngokusebenzisa iBAS, ayisayi kuvela kwiLOGIS.
3. Okwangoku, ii-ofisi zezithili zemfundo azikwazi kufikelela kwiLOGIS kwaye ukususela ngoku, yonke ifanitshala nezixhobo zokusebenza ezithengwayo mazithengwe ngokuqala kudlulwe kuNdlunkulu, kungakhathaliseki zindleko zichaphazelekayo. Oku kuya kuvumela uNdlunkulu ukuba aqinisekise ukuba kusetyenziswa i-Item Control Number echanekileyo kwiLOGIS; ukuba loo mpahla inikwa ibhakhowudi ekwiLOGIS; ukuba inkcazo yaloo mpahla nexabiso layo zibhalwe ngokuchanekileyo; ukuba indawo ekuyo iboniswe ngokuchanekileyo nokuba iRejista yee-Asethi yeSebe iWCED ihlaziywa qho.

4. Kucelwa bonke aBaphathi abaJongene neStokhwe (Responsibility Managers) kwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili zemfundo balandele ngqo le nkqubo ilandelayo:
4.1 Makuzaliswe le fom Log 1 (Requisition) ngokumalunga nefanitshala nezixhobo zokusebenza ize isayinwe nguMphathi oJongene neStokhwe. Le fom Log 1 mayithunyelwe kuMnu RL Africa, ose-6th floor eGrand Central Towers. Le ngcaciso ilandelayo mayivele kule fom Log 1:

  1. Inkcazo epheleleyo nazo zonke iinkcukacha zenkcazo yempahla (specifications) kunye nenani lezinto (item)(s) ezifunwayo.

  2. Imvume yomphathi weprogram ochaphazelekayo (relevant programme manager) ngayo yonke inkcitho yokuthenga iimpahla (ezinkulu nezincinane) zazo zonke iiprogram

  3. Indawo kanye eza kuba kuyo impahla leyo (iimpahla ezo) (isakhiwo, umgangatho nenombolo ye-ofisi) (Makurekhodwe inombolo yebhakhowudi yocango eyafakelwa nguNdlunkulu ukuba yindawo esele ikhona)

  4. Apho ku-odolwe ngaphezulu kwento enye efanayo, uMphathi oJongene neStokhwe (responsibility manager) makabhale acacise apho into nganye iya kusiwa khona. Apho kungekho sithuba saneleyo kwifom LOG 1, kungenziwa olunye uluhlu lwempahla (lweempahla) luze luqhotyoshelwe.

  5. (e) Qinisekisa ukuba zonke iirikhwizishini zibhalwe iinombolo ngokulandelelanayo. Ikhowudi yoMsebenzisi oyiNtloko (Chief User code) mayikhokele inombolo yerikhwizishini.
4.2 Iimali zeerikhwizishini ezichaphazelekayo maziboniswe kwiBAS Allocation form (PGWC002). Makuboniswane nabeCandelo loLawulo lwee-Akhawunti (Directorate: Management Accounting) ngokumalunga neekhowudi zezitraksha zemali (financial structure codes) ekufuneka zisetyenziswe.
4.3 Qiniseka ukuba iinkcukacha zenkcazo yempahla (specifications) ziphelele yaye zichanekile. Iinkcukacha zenkcazo yempahla ezingachanekanga zidla ngokuba ngoonobangela abalibazisa ukusingathwa nokugqitywa kwezicelo zokuthengwa kweempahla ezifunwayo.
4.4 Iirikhwizishini zefanitshala nezixhobo zokusebenza mazingeniswe ubuncinane kwiintsuku ezingama-30 phambi kokuba zifuneke ezi mpahla. Iikowuteshini zezi mpahla ziya kufumaneka kwiSourcelink. Kuya kufunwa abo bakhuphisana ngamaxabiso (bids) kwizixhobo ezixabiso lingaphezu kwe-R200 000. Ngako oko ke iirikhwizishini zezi mpahla mazingeniswe ubuncinane kwiinyanga ezi-3 kwangaphambili (in advance).
4.5 Iirikhwizishini mazahlula-hlulwe kuze kungeniswe iirikhwizishini ezahlukeneyo ngezi zinto zilandelayo:
  1. Contract items: Items available on National or Provincial transversal contract, which include

    • the purchase of shredders and rental of reprographic machines (contract RT 3/2006 GE)
    • IT equipment (contract RT 285); and
    • IT software (contract RT 185).

    ABaphathi abaJongene neStokhwe (Responsibility managers) mabaqinisekise ukuba, ngokumalunga nezixhobo ze-IT, imvume ye-Ditcom ihamba kunye nerikhwizishini evunyiweyo (approved requisition).

  2. Non-contract items: Items not available on National or Provincial transversal contract: including software (that is not available on contract RT 185), binders, fax machines, etc.

  3. Equipment, including standard and non-standard furniture: filing cabinets, workstations, etc. However, standard modular work stations and accompanying furniture for MMS and SMS members will be purchased from Service Products in accordance with the provisions of the Accounting Officers System, and standard open-plan work stations will be purchased from the provincial contract administered by the Department of Transport and Public Works. The current contractor is Cape Seating Manufacturers.
5. ISebe i-WCED linyanzelekile ukuba lilandele ngqo iMiyalelo ye-Ofisi kaNondyebo ngokunxulumene nee-inventri, yaye zona kunye neRejista yee-Asethi ziya kuhlaziywa okokoko. Makugxininiswe ukuba yonke ifanitshala nezixhobo zokusebenza ziselugcinweni nakwinyameko yoMphathi oJongene neStokhwe ochaphazelekayo. Ifanitshala nezixhobo zokusebenza ezilolu hlobo kufuneka ke ngoko, zigcinwe kwindawo ekhuselekileyo. Ngako oko ke, iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke aBaphathi abaJongene neStokhwe.
6. Kucelwa niqaphele ukuba ingcaciso ekhankanywe apha ngasentla mayifundwe kunye nezi Setyhula 28/2005 ye-23 Meyi 2005, 41/2005 ye-17 Agasti 2005 nale 63/2007 ye-29 Novemba 2007.
7. Asaza kuhlala esebenza amanyathelo akwiSetyhula 0021/2005, yomhla we-22 Apreli 2005, malunga nokuthengwa kweempahla ngokukhetha abathile kuqala (preferential procurement) o.k.t. asebenza ekukhethweni kwabathile kuqala kwiikowuteshini ezifumaneka ngeSistim yokuThenga ngoMatshini (Electronic Purchasing System) kunye neekowuteshini ezibhalwe ngesandla ezifumanekileyo zokubonelelwa ngeempahla neenkonzo.
8. Bayacelwa abaphathi abajongene nestokhwe ukuba bazise bonke abasebenzi okubhalwe kule setyhula.
9. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule setyhula ingabhekiswa kwaba bantu balandelayo:

Mr HJ Fisher       021 467 2804

Mr D Scholtz       021 467 2799

Ms M Abrahams  021 467 2809



ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:12:07