1. ISiqendu 18 esimalunga nokuQhutywa, ukuLawulwa nokuPhathwa koVavanyo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (kwiGazethi kaRhulumente No 31337, ngoAgasti 2008) simisela imiqathango kubaviwa yokubhalwa kweemviwo zokuxabangela.
2. Iimviwo zokuqala zokuXabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ziya kuqhutywa ngoFebruwari/Matshi 2009 ngabaviwa abazifezekisayo iimfuno ezingummiselo ezicaciswe kule migaqo ikhankanywe ngasentla. Ezi mfuneko zingummiselo zishwankathelwe ngolu hlobo lulandelayo:
2.1 Ukuba umviwa akazonezanga iimfuneko ezingummiselo ezincinane kwiimviwo zokuphela konyaka zangaphandle, kodwa abe efuna ubuninzi bezifundo ezibini ukuze akwazi ukupasa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, unokubhalisela izifundo ezibini zeemviwo zokuxabangela zingagqithanga iintsuku ezingama-21 emva kokuba zikhutshiwe iziphumo. Ezi zifundo zozibini mayibe zizifundo umviwa ebekhe wazihlalela kwiimviwo zokuphela konyaka ogqithileyo.
2.2 Ukuba umviwa akaphilanga ngokokude angabikho kuviwo olunye okanye kwezingaphezulu, unokubhalisela iimviwo zokuxabangela. Makungeniswe ubungqina obubhaliweyo kwiziko elo kubhaliswa kulo.
2.3 Umviwa onika ubungqina obubhaliweyo obubonisa ukuba ukulungele ukwamkelwa kwiZiko leMfundo ePhakamileyo okanye umsebenzi othile, kodwa abe engayonezi imimiselo eyimfuneko yeFakhalthi yeMfundo ePhakamileyo okanye imimiselo eyimfuneko yomsebenzi othile unako ukubhalisela ubuninzi bezifundo ezibini.
3. Iimviwo zokuXabangela ze-NSC zicwangciselwe ukuqala ngowe-17 Februwari 2009 zize zigqitywe ngowe-25 Matshi 2009.
4. Zimbini iiseshoni ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iiseshoni zakusasa nezasemva kwemini ziya kuqala ngo-09:00 nango-14:00 ngokulandelelanayo.
5. Apha kuqhotyoshelwe ithayimthebhile yabaviwa abaya kubhala iimviwo zokuXabangela zeSatifikethi seMatriki kuZwelonke ngo-2009.
6. Iifom zokubhalisela iimviwo zokuxabangela ziya kuthunyelwa kubo bonke abaviwa abakulungeleyo ukuhlalela iimviwo nje emva kokuba zikhutshiwe iziphumo. Iifom zokubhalisa ezizalisiweyo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:
Directorate: Examinations Administration
Attention: Mrs C Abrahams
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000

okanye ziziswe ngesandla apha

WCED Call Centre,
Grand Central Towers: 2nd Floor
Lower Plein Street
CAPE TOWN
7. Umhla wokuvala ukubhalisela uviwo lokuxabangela (supplementary examination entries) nguLwesihlanu, we-23 Januwari 2009. Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabaviwa ukuba bawulandele ngqo lo mhla, njengoko ukubhalisela uviwo sewugqithile umhla wokuvala kungayi kuvunyelwa.
8. Kuya kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela kwizikolo eziziisekondari nakumanye amaziko njengoko kumiselweyo lisebe lemfundo. Ukuba isikolo asifumaneki njengeziko lokubhalela uviwo lokuxabangela, inqununu mayazise umcebisi ngeze-IMG wayo engagqithanga uLwesihlanu we-23 Januwari 2009, ukwenzela ukuba kwenziwe amalungiselelo eziko elingelinye lokubhalela uviwo.
9. Kuya kusetyenziswa abagadi babaviwa abaziintloko kwanabagadi ababebandakanyeka ekuqhutyweni kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukugada ezi mviwo, njengoko kukhankanyiweyo kwiimvumelwano zabo ezisayiniweyo.
10. Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
10.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo, njl. njl.
10.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
10.3 Akuvumelekanga ukubhala okanye ukwenza iinowuthsi nanini ngeli thuba lale mizuzu iyi-35. Ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (an irregularity).
10.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhile yoviwo.
11. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa ababhale iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoNovemba 2008 ukuze bakuqaphele.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:12:10

ithayimthebhile  (ubukhulu: 49 KB)