1. Ngokomhlathi (6) walo mgaqo-nkqubo: The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF), utshintsho kwizifundo luvumeleka kwezi meko zilandelayo:
1.1 Umfundi angatshintsha isifundo esinye okanye ngaphezu koko kunyaka wakhe weBakala 10.
1.2 Abafundi banokutshintsha isifundo kwiBakala 11 okanye 12 ukuba isikolo sikuthatha oko njengeyona nto elungiselela abafundi ngakumbi ukutshintsha eso sifundo. Isikolo sinokuthatha eso sigqibo kuphela emva kothetha-thethwano neNtloko yeSebe leMfundo okanye nodluliselwe amagunya yiyo.
2. Inkqubo elandelwayo kulo lonke utshintsho lwezifundo kumaBakala 10 - 12 mayichazwe kumgaqo-nkqubo wovavanyo wesikolo.
3. Inqununu njengenkokeli ekufundiseni inoxanduva lokuphumeza yonke imigaqo-nkqubo.
4. Umfundi nomzali/nomgcini womfundi mababe nolwazi lokuba ukhetho lwezifundo ezithile, ngokuxhomekeka kwindlela leyo izifundo ezidityaniswe ngayo, lungambangela ukuba umfundi angabinakuqhubeka nemfundo ephakamileyo. Kufuneka ke ngoko izikolo zibacebise abafundi ngokhetho lwezifundo zabo ukuze zilungele amakhondo abo omsebenzi abaya kuwandela kwixesha elizayo.
5. Makuqatshelwe ukuba iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke siya kukhutshwa kuphela xa umfundi ebonisa ulwazi kuzo zonke iziphumo zokufunda nemigangatho yovavanyo eya kuba ifundisiwe kwithuba leminyaka emithathu (kwiBakala 10, 11 nele-12.)
6. Utshintsho lwezifundo kwiBakala 10 luya kulawulwa sisikolo.
7. Utshintsho lwezifundo kumaBakala 11 nele-2 kufuneka luthintelwe, ngaphandle kokuba luthathwa njengento ebaluleke gqitha, kwimeko enjalo ke kuya kusebenza le nkqubo ilandelayo:
7.1 Umzali kufuneka enze isicelo esibhaliweyo sokutshintsha isifundo kwinqununu yesikolo.
7.2 Inqununu iya kumazisa ngokufumana kwayo isicelo eso ngokubhalela abazali ileta yaseburhulumenteni, ichaze igama neenkcukacha zomfundi nesifundo esidala kunye nesitsha.
7.3 Isigqibo sokuba ngaba lwenziwe na utshintsho lwesifundo oluyimfuneko siya kuxhomekeka kwimbali yomfundi, kwinkqubo yomfundi kwisifundo esidala nesizathu sokutshintsha isifundo.
7.4 Inqununu iya kuthetha-thethana nomfundi, nomzali/nomgcini wakhe, notitshala wesifundo kunye nomcebisi ngezekharityhulam weso sifundo, kwaye kufuneka kufikelelwe kwimvumelwano malunga nokuba ngaba oku yeyona nto elungiselela umfundi ngakumbi na ukutshintsha isifundo eso.
7.5 Emva kothetha-thethwano nzulu nasemva kokuba kufikelelwe kwimvumelwano, umfundi, umzali/umgcini wakhe, utitshala weklasi nenqununu kufuneka basayine imvumelwano (memorandum of agreement) (isiHlomelo A), ebonisa ukuba utshintsho lwesifundo yeyona nto ilungiselela umfundi ngakumbi.
7.6 Ileta esuka kwinqununu, exhaswa yileta evela kumzali kwakunye nemvumelwano, mazingeniswe kumlawuli wesithili oya kuzingenisa kwiSebe iWCED (kwaNdlunkulu).
7.7 Izicelo zokuvunywa kotshintsho lwezifundo kumaBakala 11 nele-12 mazingeniswe kwiSebe iWCED ziqale zidlule kwi-ofisi yesithili ubuncinane kwinyanga enye phambi kokuqala konyaka omtsha wezifundo. Kuphela kukwiimeko ezizodwa apho izicelo zokutshintsha izifundo ziya kuvunywa emva kokuqala konyaka wezifundo, kodwa ingadlulanga i-25 Januwari.
8. Kuya kuhlala kuluxanduva lwenqununu ukuqinisekisa ngobhaliso lomfundi oluchanekileyo kwi-CEMIS.
9. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba abazali, ootitshala nabafundi bamaBakala 10 - 12 bayakufunda kwaye bakuqonde okubhalwe kulo mgaqo-nkqubo kunye neziphumo zawo.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:05

Isihlomelo A  (ubukhulu: 6 KB)