1. Ziyakhunjuzwa zonke izikolo zikarhulumente nee-ofisi zezithili zemfundo kwiPhondo leNtshona Koloni ukuba ithuba lokuba sesikhundleni kwamabhunga olawulo ezikolo (SGBs) akhoyo njengangoku liya kuphela ngo-2009.
2. IKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Departments Committee (HEDCOM)) iwuvumile umjikelo olandelayo wonyulo olutsha lwamabhunga olawulo ezikolo oluya kubanjwa ngoJuni 2009. Njengoko zonke izikolo zikarhulumente kufuneka zibambe unyulo lweSGB ngo-2009, ziyacetyiswa ke ngoko ukuba ziqalise ukwenza amalungiselelo oko, kwangoku.
3. Izikolo zikarhulumente nee-ofisi zezithili zemfundo zinikwe iikopi ezifakelwe izilungiso zala maxwebhu Measures relating to Governing Bodies for all Ordinary Public Schools (Provincial Gazette Extraordinary 6519 of 20 May 2008) nolu Measures relating to Governing Bodies for all Public Schools for Learners with Special Education Needs (Provincial Gazette Extraordinary 6554 of 12 September 2008). Kubalulekile ukuba iinqununu namagosa ezithili zemfundo afunde de akwazi okukula maxwebhu afakelwe izilungiso. Kukwabalulekile nokuziqaphela iindima ezahlukileyo nemisebenzi eyimfanelo ekufuneka izikolo nee-ofisi zezithili zemfundo ziyenze ngethuba eliphambi konyulo, ngexesha lokubanjwa konyulo nasemva kwalo.
4. Unyulo lweSGB kwiphondo luya kuququzelelwa luze lubekwe esweni ziikomiti ezintathu ezabelwe lo msebenzi, ezizezi: ikomiti yonyulo yephondo, ikomiti yonyulo yesithili nekomiti yonyulo yesikolo neziya kutyunjwa ngokusebenzisana kunye nabathathi-nxaxheba. INtloko yeSebe ikuvumile ukuqeshwa kukaMnu R Larney (021 467 2337) njengoMququzeleli wePhondo ukuze akhokele ikomiti yonyulo yephondo, neya kubandakanya bonke nabathathi-nxaxheba, lo gama abalawuli bezithili zemfundo beya kujongana nokusekwa kweekomiti zonyulo zezithili nokuququzelela ukusekwa kweekomiti zonyulo zezikolo. Iindima zeekomiti zonyulo ezahlukeneyo zidweliswe kwisiHlomelo A. Ingcaciso engaphezulu malunga noku iya kunikwa kamva. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yabo bonke abathathi-nxaxheba kule nkqubo, njengoko le ofisi kufuneka inike rhoqo ingxelo ngokuqhubekayo malunga nenkqubelo yamalungiselelo onyulo lwe-SGB kwiSebe leMfundo kuzwelonke.
5. Iinqununu zezikolo zikarhulumente ziya kuthi kwakhona ziqeqeshwe njengamagosa onyulo aza kusingatha unyulo lwee-SGB. Iinkcukacha ezizezinye ziya kuthunyelwa kwiinqununu ngethuba elifanelekileyo.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise le ofisi ungadlunga owama-30 Januwari 2009, kodwa zidlule kuqala kwii-ofisi zezithili zemfundo zazo, imihla ekuya kuqhutywa ngayo unyulo lwamabhunga olawulo ezikolo, kwizikolo zazo.
7. ISebe iWCED liyaqonda ukuba unyulo lwamabhunga olawulo ngumsebenzi omkhulu kakhulu kwaye sithembele kwintsebenziswano yomntu wonke ochaphazelekayo ukulwenza lube yimpumelelo. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana noMnu I Morkel okanye uMnu A Brierley kwezi nombolo zefoni 021 467 2768 okanye 021 467 2210, okanye uthumele ngefeksi imibuzo yakho kwezi nombolo 021 467 2996 okanye 021 467 2565.


ISAYINWE: NGU- HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:12:09

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 17 KB)