1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0148/98 yomhla we-24 Novemba 1998.

2. Umgaqo-nkqubo kaZwelonke nowePhondo omalunga nokusetyenziswa kwezithuthi zikarhulumente uqulathwe kwiSetyhula yezoThutho No. 4 ka-2000 eyakhutshwa liSebe lezoThutho, nemiMiselo yeNkonzo kaRhulumente (Department of Transport, and the Public Service Regulations).
2.1 Le setyhula yezoThutho ikhankanywe apha ngasentla icacisa ukuba izithuthi zibonelelwa ngenjongo yokuncedisa amasebe ukuba aphumeze iinjongo zawo. Kufuneka, ke ngoko, zisetyenziswe ngeyona ndlela iyiyo inenzuzo enkulu (most effective way).
2.2 NgokweSiqendu 9.1 soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (In terms of Section 9.1 of the Public Financial Management Act), "Igosa elimele ukuphendula ngosetyenziso lwemali yeziko malenze konke okusemandleni alo ngenkathalo ngandlela zonke ukuthintela nokuqaphela kwangoko usetyenziso olungagunyaziswanga, olutenxileyo, olungeyomfuneko nolumosha imali, kwaye kufuneka, ukulungiselela le njongo, liqalise iinkqubo zokusetyenziswa ngendlela eyiyo enenzuzo, eyimpumelelo nesekuhleni kolawulo lwemali kunye nezinto ezingabangela ilahleko." ("The accounting officer of an institution must exercise all reasonable care to prevent and detect unauthorised, irregular, fruitless and wasteful expenditure, and must, for this purpose, implement effective, efficient and transparent processes of financial and risk management".)

3. IIHAMBO EZISEMTHETHWENI ZASEBURHULUMENTENI

ISebe i-WCED lizibophelele ekuboneleleni ngezithuthi ezifanelekileyo ukwenzela ukuba amagosa abe nokwenza umsebenzi wawo. Oku kuladelayo kuthathwa njengeehambo ezisemthethweni zaseburhulumenteni:

  • Iihambo zokubonelela ngeenkonzo kumaziko emfundo, umz. ukuhlola izikolo, ukucebisa izikolo
  • Iihambo zokuya ezintlanganisweni, koomasifundisane nakwiisemina
  • Iihambo eziya kwiindawo ezakhiwayo, umz. kwizikolo ezitsha okanye kwizibonelelo ezitsha
  • Ukubonelela ngenkonzo yekhuriya
  • Ukusa izithuthi zikarhulumente kwindawo ezilungiswa kuyo ukuze zilungiswe okanye zenzelwe iikoteshini
4. IIHAMBO EZINGAGUNYAZISWANGA
4.1 Ngokubhekiselele kumhlathi 2.2, oku kulandelayo kuthathwa njengeehambo ezingagunyaziswanga:
  • Usetyenziso lwesithuthi sikarhulumente ngaphandle kwesigunyaziso esimiselweyo (ngokuzalisa ungenise ifom u-Z606)
  • Usetyenziso lwesithuthi sikarhulumente ukuya kwiziko lokumakishela ukuya kumakisha okanye kumodareyitha iincwadi zeempendulo zoviwo
  • Ukuhamba ngaso ukusuka sekhaya usiya kwindawo yomsebenzi
  • Ukuya kuthenga ezivenkileni
  • Ukuthatha iihambo zokubethwa ngumoya umz. ukuya elunxwemeni
  • Ukuhambisa usapho lwakho okanye abantu abalusapho lwakho ngesithuthi sikarhulumente ngaphandle kwesigunyaziso esiyimfuneko
  • Ukuhambisa oogxa bakho okanye abanye abantu abangagunyaziswanga ukuba basebenzise isithuthi eso
  • Iihambo ezingagunyaziswanga zokuya naphi na
  • Ukusetyenziswa kwesithuthi ligosa elixhamlayo kwisikim esibonelela ngemali yokuthenga imoto elikudidi oluphakathi nakudidi oluphezulu kwezolawulo (middle management and senior management) okanye ukuhanjiswa kwalo ngesithuthi eso
  • Usetyenziso lwaso kuwo nawuphi na umsebenzi ongabhalwanga kuxwebhu olusisigunyaziso sokuthatha uhambo.
4.2 Ukuba lithi igosa lisekondwe kwenye i-ofisi okanye kwesinye isikhululo, isithuthi sikarhulumente esakhutshwa kwindawo yomsebenzi yokuqala masibuyiselwe kuloo ndawo. Ukuba kukho imfuno yezothutho kwi-ofisi entsha okanye kwisikhululo esitsha, makungeniswe isicelo esitsha sokucela isithuthi sikarhulumente kwi-ofisi entsha okanye kwisikhululo esitsha.
4.3 Kwiimeko apho isigunyaziso sokuthatha uhambo singenakuvezwa okanye apho isithuthi sikarhulumente sisetyenziswa gwenxa, imigqaliselo yezothutho yenza isibonelelo sokuba igosa elijongene nokusetyenziswa kwemithetho yendlela (traffic law enforcement officer) lithathele inyathelo umqhubi, nyathelo elo lingabandakanya ukubanjwa komqhubi nokuthinjwa kwesithuthi sikarhulumente.
4.4 ISebe i-WCED linako kwakhona ukuthathela inyathelo umqhubi ngesenzo sokuziphatha kakubi (misconduct) ngokomgaqo wezoluleko (disciplinary code), kwaye angawiselwa izohlwayo ezinokubandakanya, phakathi kwezinye izinto, isilumkiso esibhaliweyo, ukunqunyanyiswa okanye ukugxothwa emsebenzini. Kwiimeko ezinjengezi, ubungqina buya kubandakanya ingxelo yokulandelela umkhondo weendlela ezihanjwe sisithuthi (tracking report), iilogishithi zesithuthi nesigunyaziso sokuthatha uhambo ngesithuthi sikarhulumente esisetyenzisiweyo.
4.5 Abaqhubi baya kuba netyala bona buqu ngenxa yazo naziphi na izenzo zokwaphula umthetho wezendlela ezenziweyo kwaye bayabongozwa abaqhubi ukuba bayithobele imithetho yendlela. Ukuphinda-phinda ukwaphula umthetho kungakhokelela ekunqunyanyisweni komqhubi ekusebenziseni izithuthi zikarhulumente.

5. USETYENZISO LWEZITHUTHI ZIKARHULUMENTE NEZITHUTHI EZIQESHIWEYO
5.1 Ukuze kube nokusetyenziswa isithuthi sikarhulumente okanye isithuthi esiqeshiweyo (leased vehicle), igosa elo kulindeleke ukuba lenze isicelo soko ngohlobo olumiselweyo kwaye malibe naso isigunyaziso sokuthatha uhambo. Ngenxa yeendleko zepetroli ezixhomileyo, ayacelwa amagosa ukuba ayicwangcise imisebenzi efuna usetyenziso lwezithuthi zikarhulumente ngendlela apha eya kuthintela inkcitho engeyomfuneko.
5.2 Ngethuba leeholide zezikolo, zonke izithuthi zikarhulumente mazipakwe e-ofisini okanye kwiziko elo. Iintloko zee-ofisi okanye zamaziko zinako ukuwutyeshela lo mgaqo-nkqubo kuphela kwiimeko ezizodwa kakhulu (exceptional cases), kwakuba kuthathelwe ingqalelo isiphumo soko ngokwasezimalini ngakurhulumente.
5.3 Iintloko zee-ofisi zisebenza ngokusisigxina ezi-ofisini yaye ke azinako ukuthi ziza kusebenzisa isithuthi sikarhulumente ngokupheleleyo ngelo xesha, kuba izithuthi ezo zabelwe amaziko. Ukuba kuza kuthathwa uhambo lwaseburhulumenteni, kufuneka intloko yenze isicelo ngendlela emiselweyo. (Funda kumhlathi 4.1 ngokumalunga namalungu akulawulo oluphakathi nakulawulo oluphezulu.)
5.4 Amagosa ezothutho makaqinisekise ukuba le miqathango ikhankanywe apha ngasentla ithotyelwa ngokungqongqo nokuba izitshixo, ii-logbook, ne-toll cards zibuyiswa kunye nesithuthi. Amagosa achaphazeleka kwiiprojekthi ezizodwa (special projects) ngethuba leeholide zezikolo makenze isicelo sokusebenzisa isithuthi sikarhulumente ukulungiselela kanye loo njongo.

6. UKWENZIWA KWESICELO SOKUGUNYAZISWA
6.1 Akukho gosa maliqhube isithuthi sikarhulumente ngaphandle kokuba linayo ilayisensi yokuqhuba esemthethweni nesigunyaziso esisemthethweni sokuba lithathe olo hambo luthile. Umqhubi makazalise ifom egunyazisa ukuthathwa kohambo (Z606). Oku makuvunywe kula manqanaba mathathu alandelayo:
  • KwaNdlunkulu ngumntu okwisikhundla esingekho ngaphantsi kweso sesekela-mlawuli
  • Kwizithili zemfundo ngumntu okwisikhundla esingekho ngaphantsi kweso segosa elikhulu (senior official)
  • Kwiziko lemfundo yintloko yeziko elo
6.2 Igosa elivuma isicelo maliqinisekise ukuba olo luhambo lwaseburhulumenteni olusemthethweni kwaye kukho imali eyaneleyo ekhoyo elungiselelwe olo hambo.
6.3 Umqhubi ungenisa i-Z606 evunyiweyo kwigosa lezothutho ubuncinane kwiiyure eziyi-24 ngaphambi kohambo. Phambi kokuba isithuthi sithathwe, umqhubi makangenise ilayisensi yakhe yokuqhuba esemthethweni engabhalwanga sohlwayo (valid unendorsed driver's licence) kwigosa lezothutho ukuze itshekishwe. Ikopi yayo iya kufakwa kwifayili yelayisensi yokuqhuba yomqhubi ngeenjongo zokugcina iirekhodi. Amagosa angenako ukuveza ilayisensi yokuqhuba esemthethweni akayi kunikwa isithuthi sikarhulumente. Izigunyaziso zokuthatha uhambo azinakukhutshelwa ithuba elingaphezu kwenyanga enye.
6.4 Abasebenzi abaqeshwe ngemvumelwano nabasebenzi abangesosigxina (contract and temporary employees) beSebe i-WCED mabaqale benze isicelo semvume yokusebenzisa izithuthi zikarhulumente, njengoko urhulumente inguye ojongana nentlawulo ngomonakalo kwizithuthi. Kufuneka kufunwe imvume kwicandelo lezoThutho ngeZithuthi zikaRhulumente (Government Motor Transport) phambi kokuba abasebenzi abaqeshwe ngemvumelwano babe nokuqhuba izithuthi zikarhulumente.
6.5 Makuthotyelwe yonke imigqaliselo esebenzayo kusetyenziso lwezithuthi zikarhulumente. Nawuphi na umonakalo kwisithuthi sikarhulumente, owenzeke ngenxa yengozi, ubusela, njl. njl. mawuripotwe ngoko nangoko ngumqhubi kwigosa lezothutho (transport officer) kunye nakwisikhululo samaPolisa esikufuphi zingaphelanga iiyure ezingama-24 kwehle eso siganeko.
6.6 Isithuthi sikarhulumente masigcinwe sicocekile ngaphakathi nangaphandle yaye sibuyiswe sikwimeko ebesikhutshwe sikuyo ngaphambili. Ukuphinda-phinda ukwaphula ukungathobeli lo mqathango kungakhokelela ekubeni igosa elo limangalelwe ngokungqinelana nomgaqo wokuziphatha wenkonzo yabasebenzi bakarhulumente.

7. UKUPAKWA KWEZITHUTHI ZIKARHULUMENTE KWIPROPATHI YABUCALA
7.1 ISetyhula yezoThutho uNo. 4 ka-2000 imisela ukuba xa isithuthi sikarhulumente sipakwe kwipropathi yabucala, makuthathwe onke amanyathelo okusikhusela ekubiweni, emlilweni, ekonakalisweni nasekusetyenzisweni ngokungagunyaziswanga. Makubekho igaraji etshixwayo okanye iigeyithi ezitshixwayo ukukhusela isithuthi. Luxanduva lwentloko ye-ofisi okanye yeziko ukutshekisha ukuthotyelwa kwalo mqathango wokusetyenziswa kwaso kunye nokuvuma okanye ukwala ukusetyenziswa kwaso ngokungqinelana noku.
7.2 Makukhutshwe ifom yesigunyaziso esisayiniweyo sokupaka isithuthi sikarhulumente kwikhaya legosa, o.k.t. Application for Private Garaging of State-Owned Vehicles. Lo gama isithuthi sikarhulumente sipakwe kwikhaya legosa, masingaze sisetyenziselwe naziphi na iinjongo zabucala. Ukusetyenziselwa iinjongo zabucala kwesithuthi sikarhulumente, okanye isithuthi esirentwe ngokwe-GMT2005/05 Contract, kuthintelwe (is prohibited).
7.3 ISebe i-WCED lilindele kwigosa ngalinye elithweswe uxanduva lokusebenzisa isithuthi sikarhulumente ukuba liqinisekise ukuba ezo zithuthi azisetyenziswa ngokungafanelekileyo nokuba izicelo zokusetyenziswa ngokusemthethweni ziyatshekishisiswa ngamagosa ekugqithiselwe kuwo lo msebenzi. Abakhweli abangagunyaziswanga ngokusemthethweni o.k.t. abo bahanjiswa ngesithuthi ingekuko ukuphumeza iinjongo zaseburhulumenteni, amagosa angekho msebenzini kunye nepropathi yabucala, umz., ifanitshala, mayingaze ithuthwe ngezithuthi zaseburhulumenteni, ngaphandle kokuba kufunyenwe isigunyaziso esibhaliweyo esenziwe yiNtloko yeSebe leMfundo, okanye ngulowo edlulisele kuye igunya layo.

8. Okubhalwe kule setyhula makwaziswe onke amagosa asebenzisa izithuthi zikarhulumente ekwenzeni imisebenzi yawo ukuze akuthathele ingqalelo.

9. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nala magosa alandelayo
Mnu JG Heath: Ino. yefoni 021 467 2797
Mnu C.Barron: Ino. yefoni 021 467 2789
10. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:19