1. Intshayelelo

"This circular serves as an amendment to Circular 0004/2008."

Lo Mgaqo-nkqubo National Senior Certificate: A Qualification at Level on the National Qualifications Framework (NQF), ucacisa ukuba abaviwa bangatshintsha isifundo esinye okanye (izifundo ezingaphezu koko) kwiBakala 10, lo gama isifundo sinokutshintshwa kwiBakala 11 okanye 12 ukuba isikolo sikuthatha oko njengeyona nto eya kulungiselela umfundi bhetele neya kuba yinzuzo kuye.


2. Ukutshintshwa kwezifundo kumaBakala 10 no-11
2.1 Ukususela ngo-2009 ukuya phambili, izikolo ziya kusingatha lonke utshintsho lwezifundo kumaBakala 10 no-11.
2.2 Le mimiselo Regulations for the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, Government Gazette 31337 of 29 August 2008, icacisa oku kulandelayo:
2.2.1 Umfundi unokutshintsha izifundo ezibini ezona zininzi kwiBakala 10, ngokuxhomekeka kwimvume yenqununu yeso sikolo umfundi abhalise kuso.
2.2.2 Umfundi unokutshintsha isifundo esinye kwiBakala 11, ngokuxhomekeka kwimvume yenqununu yeso sikolo umfundi abhalise kuso.
2.3 Umgaqo-nkqubo wovavanyo wesikolo kufuneka ucacise inkqubo elandelwayo kulo naluphi na utshintsho lwesifundo olwenziwa kwinqanaba lesikolo.
2.4 Umfundi nomzali/nomgcini womfundi kufuneka bazi ukuba ukukhetha izifundo ezithile, ngokuxhomekeka kumaqela ezifundo ezihamba kunye (subject groupings), kunokwenza umfundi angakwazi ukuya kufikelela kwimfundo ephakamileyo. Ngako oko ke kufuneka izikolo zibacebise abafundi ngokuchaneka kokhetho lwezifundo abalwenzayo.
2.5 Mayiqatshelwe into yokuba iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) siya kunikwa kuphela umfundi obonise ulwazi kuzo zonke iziphumo zokufunda nakwimigangatho yovavanyo ekuye kwafikelelwa kuyo (covered) kwithuba leminyaka emithathu (kumaBakala 10, 11 no-12).
2.6 Umhla wokuvala wokwenza izicelo zoguqulo lwezifundo kwiBakala 10 - 11 ngumhla wama-28 kuFebruwari kunyaka nagmnye.

3. Ukutshintshwa kwezifundo kwiBakala 12
3.1 Umfundi unokutshintsha isifundo ESINYE kwiBakala 12, yaye oku kuya kuvunyelwa kuphela kwiimeko ezizodwa, ekuya kuthi kuloo meko kusebenze le nkqubo ilandelayo:
3.1.1 Kufuneka umzali/umgcini womfundi enze isicelo sokutshintsha isifundo kwinqununu yesikolo ngencwadi ebhaliweyo.
3.1.2 Isigqibo sokuba ngaba lungenziwa na utshintsho lwesifundo olufunekayo siya kususela kwimbali yomfundi, indlela aqhuba ngayo (performance) kwisifundo esidala kunye nesizathu sokufuna ukutshintsha isifundo.
3.1.3 Inqununu iya kuthetha-thethana nomfundi, umzali/umgcini womfundi, utitshala wesifundo nomcebisi wezekharityhulam weso sifundo, yaye kufuneka kuvunyelwane ngabo bonke ukuba ngaba oko kutshintsha isifundo kuya kuba yeyona nto imlungiselela ngakumbi umfundi naya kuzuza lukhulu ngayo (in the best interest of the learner to change).
3.1.4 Emva kothetha-thethwano lokwenene nasemva kokufikelela kwimvumelwano, umfundi, umzali/umgcini womfundi, utitshala weklasi nenqununu mabasayine uxwebhu lwemvumelwano (memorandum of agreement) (IsiHlomelo A), olubonisa ukuba utshintsho lwesifundo lwenziwa kuba kuyeyona nto imlungiselela ngakumbi umfundi naya kuzuza lukhulu ngayo.
3.1.5 Ileta evela esikolweni, exhaswa yincwadi evela kumzali/kumgcini womfundi noxwebhu lwemvumelwano (memorandum of agreement), mazingeniswe kumphathi wekomiti yesekethe okanye kumcebisi ngeze-IMG noya kuqinisekisa ukuba isicelo sesichanekileyo, sizaliswe zonke iinkcukacha yaye singeniswa kwiSebe i-WCED (kwaNdlunkulu) ukuba siqwalaselwe nguMlawuli oyiNtloko weCandelo leeMviwo neeMvavanyo (Chief Director: Examinations and Assessment).
3.2 Izicelo zokuvunywa kokutshintshwa kwesifundo kwiBakala 12 mazifike kwi-ofisi yesithili semfundo ungadlulanga umhla we-31 Januwari wonyaka ngamnye. Umhla osikiweyo wokungeniswa kwesicelo kuMlawuli oyiNtloko weCandelo leeMviwo neeMvavanyo yi-ofisi yesithili semfundo ngowe-14 kuFebruwari.
3.3 Luxanduva lwenqununu ukuqinisekisa ukuba kwenziwa ubhaliso oluchanekileyo kwi-CEMIS. Ungadlulanga owe-15 Matshi kunyaka ngamnye.

4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala nabasebenzi bazo, abazali/abagcini babafundi kunye nabafundi.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:27


isiHlomelo A  (ubukhulu: 39 KB)

The National Senior Certificate: a Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF)
(ubukhulu: 586 KB)

Government Gazette 31337: Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate  (ubukhulu: 2176 KB)