1. INGCACISO EYANDLALELAYO
Njengoko nisazi, uMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998 (UMthetho 76 ka-1998) wenza isibonelelo sokuqeshwa kootitshala abasandula kufumana iziqinisekiso kunye nootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina kwiZithuba zeNqanaba 1 abakhe baqhawula inkonzo ngaphandle kokupapasha izithuba, kungekho nengcebiso yebhunga lolawulo lesikolo. Iinkcukacha ngokumalunga noku zingafunyanwa kwiSetyhula 0014/2007 ye-16 Matshi 2007.

2. ABAFUMENE IIBHASARI ZEFUNZA LUSHAKA
2.1 Ukususela ngo-2007, iSebe leMfundo likazwelonke lenze ukuba kufumaneke inani elikhulu leebhasari ezifunyanwa ngabantu abanqwenela ukufumana iziqinisekiso zokuba ngootitshala ngokufundiswa ngeFunza Lushaka Bursary Scheme. Iqela lokuqala labafumana iibhasari lagqiba izifundo zalo ekupheleni kuka-2007. Ngako oko ke, aba bantu bafundiswa ngezi bhasari bayafumaneka ukuba baqeshwe ngokukhawuleza kwiZithuba zeNqanaba 1. Ke ngoko sisizathu esivakalayo ukuba aba titshala bafanelekileyo nabafumene uqeqesho baqeshwe kwizithuba ezikwicandelo lemfundo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba baqhubele phambili iimfuno zemfundo yaye baphumeze imiqathango engqongqo yebhasari leyo ichaphazelekayo.
2.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) linqwenela ukuqesha aba titshala abasandula kufumana iziqinisekiso ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Aba titshala banokuqeshwa isigxina ngaphandle kokulindela ukuba ezo zithuba zipapashwe kuluhlu lwezithuba yaye ukuqeshwa kwabo isigxina kuya kwenziwa ngokweSiqendu 6A soMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998 (UMthetho 76 ka-1998) (Employment of Educators Act, 1998) (Act 76 of 1998).

3. IMIGAQO EBANZI ELAWULA UKUQESHWA KOOTITSHALA KWIZITHUBA ZENQANABA 1
Kuphela ngootitshala abahlala kwiPhondo leNtshona Koloni abaya kufaneleka ukuqeshwa njengoko kucacisiweyo kwiSiqendu 6A. Ukongeza, zonke iinkqubo zokuqesha mazenziwe kuthathelwa ingqalelo umgaqo-nkqubo wobulungisa kwezengqesho (employment equity policy) kunye neemfuno zekharityhulam zesithuba eso. Makusetyenziswe ezi khrayitheriya zilandelayo xa kuqeshwa abantu, nezibekwe ngolandelelwano lwezinto emazikhethwe kuqala:
3.1 Abafumene iibhasari zeFunza Lushaka nootitshala abasandula kufumana iziqinisekiso zobutitshala
3.2 Ootitshala abangaqeshwanga nootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina kunye/okanye ootitshala abangazange babe nathuba lakuqhubela phambili uphuhliso lwekhondo labo lomsebenzi kwezemfundo nabankonzo yabo ingazange ipheliswe lisebe elingumqeshi ngenxa yokuziphatha kakubi okanye yokunyamalala emsebenzini (abscondence) kwithuba leminyaka emibini edlulileyo.
3.3 Ootitshala abangazange baphunme enkonzweni ngethuba leminyaka emibini edlulileyo elisusela phambi komhla wokuqeshwa osebenzayo kweso sithuba baqwalaselelwa ukuba baqeshwe kuso.
3.4 Abanye ootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina okanye abangaqeshwanga, o.k.t. ootitshala ababegxothiwe emsebenzini okanye abanyamalalayo emsebenzini (absconded) okanye abaphumayo enkonzweni kwithuba leminyaka emibini edlulileyo
3.5 Ootitshala abenza isicelo baze banikwa iPhakheji yokuYeka ngokuZithandela emSebenzini ekwaVunyelwana ngayo (Mutually Agreed Severance Package) okanye iPhakheji yokuYeka ngokuZithandela emSebenzini (Severance Package) ka-2003 nabo bangazange baqeshwe isigxina ukususela ngelo xesha
3.6 Ootitshala abathatha iPhakheji yokuYeka emSebenzini ngokuZithandela ngokweSigqibo 3/1996 se-ELRC ngo-1996, 1997 nango-1998

4. INKQUBO MALUNGA NOKUQESHWA KWEZI ZITHUBA
4.1 Ngokumalunga nootitshala abadweliswe kumhlathi 3 olapha ngasentla, i-WCED iya
4.1.1 kwamkela amagama abatyunjiweyo (nominations) avela ezikolweni nezicelo zalowo nalowo titshala ezisuka kootitshala;
4.1.2 kuthetha-thethana nebhunga lolawulo elichaphazelekayo ngesithuba esingenamntu neemfuno zaso;
4.1.3 kuqinisekisa ukuba umenzi-sicelo uyazanelisa iimfuno zesithuba kwaye uneziqinisekiso ezimiselweyo; yaye
4.1.4 kusingatha izicelo ize izimatanise nezithuba ezingenabantu ezikhoyo.
4.2 Uyacelwa uqaphele ukuba kuya kukhethwa kuqala ukuqesha ootitshala abasandula kufumana iziqinisekiso zobutitshala kunabo titshala bakhe baqhawula inkonzo.

5. UKUVUNYWA KWAMAGAMA ATYUNJIWEYO
Igunya lokuvuma amagama abo batyunjiweyo ngokweSiqendu 6A lithweswe abaphathi be-IMG abakwii-ofisi zezithili zemfundo ezahlukeneyo.

6. IZINTO NGOKUBANZI
6.1 Ziyacelwa iinqununu ukuba zinike ikopi yale setyhula oosihlalo bamabhunga olawula ezikolo zabo ukuqinisekisa ukuba bayazi malunga nolu fakelo lwezilungiso.
6.2 Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi abakwiziko lakho, e-ofisini yakho okanye kwicandelo lakho, kubandakanywa nabo basekhefini ngoku, uze ubacele ukuba balusayine olu xwebhu babhale nomhla ukubonisa ukuba balufundile.


ISAYINWE: NGU-CJ FOURIE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:06