1. Kuvunyiwe njengangoku ukudluliswa kwamagunya ngokoMthetho weMfundo yaBadala noQeqesho 2000, (uMthetho 52 ka-2000), owaqala ukusebenza ngomhla owapapashwa ngawo (13 Disemba 2000) kwiGazethi kaRhulumente. La maxwebhu emithetho yokudluliswa kwamagunya aqhotyoshelweyo amalunga namagunya athweswe uMphathiswa neNtloko yeSebe leMfundo, aqala ukusebenza ukususela ngoku.
2. Njengoko iisetyhula, iingcaciso ezimfutshane neefayili eziqhotyoshelwe kuzo zithunyelwa kuphela ngefomathi ye-imeyili, ayacelwa amagosa ukuba aziprintele iikopi zawo zamaxwebhu emithetho yokudluliswa kwamagunya kwii-imeyili zawo ukuba anqwenela ukuba abe nekopi engamaphepha yamaxwebhu emithetho yokudluliswa kwamagunya.
3. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:14

ABET Delegation: MEC  (ubukhulu: 74 KB)
ABET Delegation: Head of Education  (ubukhulu: 44 KB)