1. Okuqhotyoshelwe kolu xwebhu sisicwangciso samaxesha okubhala iiMviwo zokuGqibezela iMatriki sika-2008 kwakunye nesicwangciso samaxesha eemvivo sabafundi babucala beMatriki abazakubhala ngo Meyi / Juni 2008.
2. Umhla wokuvalwa ukubhalisela ezi mviwo nguLwesine we-31Januwari 2008. Ziyacelwa iinqununu nabaviwa ukuba kulandelwe ngqo lo mhla njengoko ifom zobhaliso ezifike kade zingayi kwamkelwa.
3. Kuza kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela kwizikolo ezizisekondari nakwezinye iindawo njengoko linokumisela eli Sebe. Ukuba asifumaneki isikolo njengendawo yokubhalela uviwo lokuxabangela, inqununu mayixelele umphathi wesekethe ungadlulanga umhla wama-31 Januwari 2008 ukwenzela ukuba kube nokulungiswa enye indawo yokubhalela.
4. Umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhalela uviwo kwimizuzu engama-30 phambi kwexesha elisemthethweni lokuqala kwaloo seshoni yoviwo. Eli xesha malisetyenziswe ngolu hlobo:
4.1 Imizuzu yokuqala eli-20 mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa ezindaweni zabo, ukubanika amaphepha emibuzo, njl. njl.
4.2 Imizuzu eli-10 esaleleyo abaviwa mabafundisise iphepha lemibuzo balicokise.
5. Akuvunyelwanga ukuba babhale okanye babhale amanqakwana ngalo naliphi na ixesha ngeli thuba lale mizuzu engama-30. Ukwaphulwa kwalo mthetho kuya kuba sisitenxo (an irregularity).
6. Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwisicwangciso samaxesha okubhala.
7. Kucelwa wazise bonke abafundi ababhale uViwo lweMatriki ngoNovemba 2007 okubhalwe kule setyhula kwakunye nabaviwa abaceba ukungenela iimviwo zika Meyi / Juni 20008 ukuze bakuthathele ingqalelo oku.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:18

Timetable  (ubukhulu: 28 KB)