1. Oku kwenzelwa ukungqina ukuba amagosa enza umsebenzi we-ovathayim ocwangcisiweyo emva ko-18:00 angafaka isicelo sokubonelelwa ngokuthuthwa ngesithuthi sikarhulumente ukusuka kwindawo yawo yomsebenzi ukuya kwiindawo ahlala kuzo, ngokuxhomekeka ekubeni iifom zesicelo zingeniswa kuselithuba elide (well in advance) nokuba lukho uthutho olulolu hlobo olufumanekayo.
2. Amagama neenombolo zezazisi (ID) zabakhweli abagunyazisiweyo mazibhalwe kwifom yokuGunyazisa uHambo (Trip Authorisation) (Z606) yaye abo bakhweli bangahanjiswa kuphela xa besisiwa kwiindawo ahlala kuzo.
3. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kunikwe ilifti nabani na ongumntu osebenza negosa elo okanye abantu bosapho kusasa kwihambo ebuyayo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:21