1. |
Oku kwenzelwa ukungqina ukuba amagosa enza umsebenzi we-ovathayim ocwangcisiweyo emva ko-18:00 angafaka isicelo sokubonelelwa ngokuthuthwa ngesithuthi sikarhulumente ukusuka kwindawo yawo yomsebenzi ukuya kwiindawo ahlala kuzo, ngokuxhomekeka ekubeni iifom zesicelo zingeniswa kuselithuba elide (well in advance) nokuba lukho uthutho olulolu hlobo olufumanekayo. |
2. |
Amagama neenombolo zezazisi (ID) zabakhweli abagunyazisiweyo mazibhalwe kwifom yokuGunyazisa uHambo (Trip Authorisation) (Z606) yaye abo bakhweli bangahanjiswa kuphela xa besisiwa kwiindawo ahlala kuzo. |
3. |
Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kunikwe ilifti nabani na ongumntu osebenza negosa elo okanye abantu bosapho kusasa kwihambo ebuyayo. |
ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:21
|