1. Ngokwemiqathango yomgaqo-nkqubo kazwelonke nemimiselo esetyenziswayo xa kusingethwe iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, kubaluleke kakhulu gqitha ukuba ukuthembeka (intergrity) kweemviwo kusingathwa ngendlela eyiyo.
2. Iimviwo zeprakhtikhali zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) kwi- Computer Applications Technology nakwi-Information Technology zilubeka emngciphekweni omkhulu ukhuseleko lwedatha (security of data). Oku kubangelwa kukuba kusetyenziswa kwa ezi khompyutha zinye eluviweni ezisetyenziswa ngexesha lezifundo kwanangenxa yokuba kufuneka kukotshwe iifayili kwikhompyutha yalowo nalowo mviwa (individual computers) ukwenzela abevi. Ngako oko ke ukuqinisekisa ukhuseleko lwedatha kubaluleke gqitha ukuba sifuna ukuqinisekisa ukuthembeka kwezi mviwo.
3. Le setyhula inemiyalelo ejolise ngqo kokuthile nangakumbi (very specific instructions) NEMAYILANDELWE ngabo bonke abagadi babaviwa nabanye abasebenzi abanako ukufikelela kwiindawo zokubhalela iimviwo ekusetyenziswa kuzo iikhompyutha. Iinqununu nabaphathi bamaziko okubhalela iimviwo, njengamagosa ongamele ukubhalwa kweemviwo, mabaqinisekise ukuba ilandelwa ngokuthe ngqo le miyalelo ngawo onke amaxesha.
4. Kucelwa uqaphele ukuba abagadi babaviwa mabangaze naphantsi kwayo nayiphi na imeko, baphume kwigumbi lokubhalela iimviwo de kube kugqitywe inkqubo ebalulekileyo echazwe kwiZiqendu 7.6 no-8.9 apha ngasezantsi.
5. Bonke abagadi babaviwa beemviwo zeprakhtikhali ze-Computer Applications Technology okanye ze-Information Technology kunyanzelekile okokuba bafumane uqeqesho, olunxulumene neemviwo zeprakhtikhali, kwigosa elifanelekileyo leSebe leWCED. Uqeqesho olulolu hlobo lunyanzelekileyo kwaye abo baqeqeshwayo baya kunikwa izatifikethi ezingqina ukuba baqeqeshiwe.

6. UNXIBELELWANO LWE-PEER-TO-PEER NETWORKS

Unxibelelwano lwee-Peer-to-peer networks (ezifana no-Windows 98 no-XP) aluboneleli ngamanqanaba afanayo okhuseleko njenge-server-based networks (ezifana no-Windows NT, Windows 2000 Server no-Novell). Ukusetyenziswa konxibelelwano oluyi-PEER-TO-PEER networks ke ngoko akuvunyelwanga kwaye izikolo mazenze lungasebenzi olu nxibelelwano (dismantle) ngexesha lokuqhutywa koviwo kwaye mazisebenzise iikhompyutha ezizisebenzela ngazodwa (stand-alone mode).


7. IIKHOMPYUTHA EZIZISEBENZELA NGAZODWA (STAND-ALONE COMPUTERS)
7.1 Amalungiselelo eemviwo
7.1.1 Ootitshala baya kufumana iCD eneefayili zedatha emayifakwe kwikhompyutha kwiintsuku ezimbini (2) phambi koviwo.
7.1.2 Ukulungisa iikhompyutha (setting up) makwenziwe xa kukho umgadi wabaviwa oyintloko, ukuze emva koko ilebhu yekhompyutha ivalwe bangayisebenzisi abaviwa.
7.1.3 Ii-folda neefayili ezinomsebenzi obewenziwe phakathi enyakeni mazikotshwe (backed up) ze zikhutshwe kwiikhompyutha ezisetyenziselwa iimviwo zeprakhtikhali.
7.1.4 Kwikhompyutha nganye, ootitshala mabenze ifolda (folder) ebhalwe Exam_data nabaya kukopela kuyo zonke iifayili zedatha. Xa kukotshwa iifayili zedatha ebezikwi-CD, uphawu (read-only attribute) MALUSUSWE kuzo zonke ezo fayili zikotshiweyo.
7.1.5 Iikhompyutha MAZABELWE abaviwa ngendlela engacwangciswanga (on a random basis). Eyona ndlela ibhetele yokwenza oku yile ilandelayo:
7.1.5.1 Nika ikhompyutha nganye ikhowudi. Ziprinte ezi khowudi kwiileyibhile (labels) (izitikha) zize zinikwe umviwa ngamnye ngexesha engena kwigumbi lekhompyutha.
7.1.5.2 Ileyibhile mayibe nesithuba apho umviwa anokubhala khona inombolo yakhe yoviwo, kwaye le leyibhile mayibuyiselwe kumgadi wabaviwa ngokukhawuleza emva kokuvula angene ekhompyutheni (log-in). Ukuba umviwa, ngenxa yezizathu ezifana nokumka kombane, kufuneka angene kwakhona ekhompyutheni (log in again), ingacelwa ileyibhile kumgadi wabaviwa, kodwa mayibuyiselwe kwakhona kumgadi wabaviwa ngokukhawuleza emva kokungena (log-in). (Khangela isiHlomelo A ubone isampula yeleyibhile.)
7.2 Iiseshoni zesibini
7.2.1 Kuvumeleke ukuba kubekho iiseshoni ezimbini zoviwo kuphela ezona zininzi. Ukuba kuthi kufuneke ukuba kubekho iiseshoni zoviwo ezimbni, makuqinisekiswe oku kulandelayo:
7.2.1.1 Abaviwa abaza kubhala uviwo kwiseshoni yesibini mabagcinwe phantsi kolawulo olungqongqo kwindawo ekhuselekileyo lonke ithuba lokuqhutywa kweseshoni yokuqala yoviwo. Lo gama belapho mabangasebenzisi ziselula okanye ezinye iintlobo zonxibelelwano kunye nabantu abangaphandle kwelo gumbi kwaye mabanganxibelelani nabaviwa ababhala iseshoni yokuqala okanye abo basanda kugqiba ukubhala iseshoni yabo yoviwo yokuqala. Nangona kunjalo, ngeli xesha balindileyo abaviwa beseshoni yesibini, kwindawo ekhuselekileyo zingakubo iincwadi zabo, bangafundela uviwo kwaye bangathetha omnye nomnye.
7.2.1.2 Umgqomo "Recycle Bin" kwikhompyutha nganye mawungabi nanto kuwo (emptied) phakathi kweeseshoni.
7.2.1.3 Apho abaviwa basebenzise i-local hard drive ukugcina iifayili zabo, ezi fayili zikotshwa zikhutshelwe ngononophelo kwenye into (another medium) ze zicinywe (deleted) kwi-hard drive. (Kucelwa uncede utshekishe ukuba ngaba iifayili zikotshwe ngokuchanekileyo nangokupheleleyo na PHAMBI kokuba zicinywe (deleted) kwi-hard disk)
7.2.1.4 Akukho zifayili zomsebenzisi (user files) ezithi zishiywe ziyimfihlo yakhe kwi-hard drive yayo nayiphi na ikhompyutha. Eyona ndlela ibhetele yokwenza oku kukukhangela "searching" kwi-hard drive nganye nokukhangela iifayili ezitshintshiweyo kwiiyure zangaphambili ezi-2 ukuya kwezi-3, kwaye ukuba zizifayili zabasebenzisi, mazicinywe.
7.3 Makwenziwe ifolda entsha kwikhompyutha nganye ukulungiselela iseshoni yesibini, nemayifakwe ileyibhile ebhalwe Exam_Data, kuze kugcinwe iifayili zedatha (save) ezifunekayo kule folda. Xa kukotshwa iifayili zedatha ebezikwi-CD, uphawu yeyokufundwa kuphela' (the read-only attribute) MALUSUSWE kuzo zonke ezo fayili zikotshiweyo.
7.4 Abaviwa MABAYINIKE elinye igama (rename) ifolda yedatha (Exam data folder) eneenombolo zoviwo zabo, baze bagcine (save) iifayili zabo kwifolda enikwe elinye igama (renamed folder) kwi-local hard drive.
7.5 Akuvumelekanga ukusetyenziswa kwee-stiffy disks njengoko sezishiywe lixesha kwaye zisoloko zineengxaki.
7.6 Utitshala makathi, kukho nomgadi wabaviwa oyintloko, akopele iifolda zabaviwa kwi-flash drive (enikwa kuphela izikolo ezisebenzisa iikhompyutha ezizisebenzela ngazodwa (stand alone computers) nakwi-CD, ukuze zombini zinikwe umgadi wabaviwa oyintloko. Makwenziwe kwakhona ikopi ye-CD ize inikwe inqununu. Inqununu, utitshala nomgadi wabaviwa oyintloko mabazalise uluhlu lokutshekisha oluqhotyoshelweyo bekunye (isiHlomelo B) ukuze bobathathu balusayine. Umgadi wabaviwa emva koko makayifake i-flash drive, enye yee-CD, indlela yokuhlalisa abaviwa (seating plan), iComputer Applications Technology okanye i-Information Technology Mark Sheet for Paper 1, noluhlu lokutshekisha olunesiHlomelo B, oluzaliswe zonke iinkcukacha kwingxowa yoviwo (examination bag), ayitywine aze ayigqithisele kwinqununu yesikolo. Inqununu ke yona mayigcine ingxowa etywiniweyo esefini okanye kwigumbi elinqatyisiweyo de ingeniswe kwiCandelo leeMviwo leWCED. I-CD yesibini nee-access labels (izitikha) mazigcinwe sisikolo zigcinwe zibekwe zodwa zingadityaniswa nezinye izinto kwigumbi elinqatyisiweyo okanye esefini.
7.7 Apho izikolo zingenazo izibonelelo (infrastructure) zokukopela iifolda zabaviwa kwi-flash drive kwaye zifuna ukusebenzisa ii-stiffy disks, makucelwe imvume yoku kuMnu I Francis (kule nombolo yefoni (021) 467 2549 okanye kule dilesi ye-imeyili ifrancis@pgwc.gov.za kwiintsuku eziyi-14 ubuncinane phambi kokuba kubhalwe iimviwo.
7.8 Idatha yeenkcukacha-manani (statistical data) enxulumene nefayili nganye eyenziweyo kwi-MS Office inexabiso elikhulu njengoko, phakathi kwezinye izinto, inengcaciso ecacisa ukuba zenziwe (created) nini iifayili. Ootitshala mabaqinisekise ukuba umhla wesistim nexesha (system date and time) lazo zonke iikhompyutha (workstations) zichanekile phambi kokuqala koviwo nokuba ABAZITSHINTSHI iifayili nangayiphi na indlela lwakuba lugqityiwe uviwo.

8. IIKHOMPYUTHA II-SERVER-BASED NETWORKED COMPUTERS
Ukuba isikolo sisebenzisa izibonelelo zonxibelelwano (network facilities) ukuqhuba uviwo lweprakhtikhali, MAKUTHATHWE la manyathelo alandelayo ukuthintela ukukotshwa kweefayili ngabaviwa okunokwenzeka:
8.1 Ootitshala baya kufumana i-CD eneefayili zedatha abaza kuzifaka kwiikhompyutha kwiintsuku ezimbini (2) phambi koviwo.
8.2 Ukulungisa iikhompyutha (setting up) makwenziwe kukho umgadi wabaviwa oyintloko, ukuze emva koko ilebhu yekhompyutha itshixwe abaviwa bangafikeleli kuyo.
8.3 MAKWENZIWE ngokupheleleyo (in total) iifolda ezahlukeneyo, ezileyibhilwe Exam_data 001 to Exam_data n, zenzelwe umviwa ngamnye kwinetwork drive efanelekileyo.
8.3.1 MAYINGENZEKI into yokuba abaviwa bakwazi ukufikelela kwezinye iifolda zedatha kunxibelewano (network). Ukuba oko akunakuqinisekiswa, makwenziwe unxibelelwano lwe-network lungasebenzi ukuze iikhompyutha zisetyenziswe njengezizisebenzela zodwa (stand -alone computers).
8.3.2 Iifayili zedatha ezifunwayo ngumviwa ngamnye mazikotshelwe kwifolda nganye. Xa kukotshwa iifayili zedatha kwiCD, uphawu (attribute) 'yeyokufundwa kuphela (read-only) MALUSUSWE kuzo zonke iifayili ezikotshiweyo.
8.3.3 Iiprofayili zabasebenzisi (user profiles) mazenziwe ngohlobo lokuba abaviwa bakwazi ukufikelela kuphela kwiinkqubo zokusetyenziswa kweekhompyutha (applications) abaya kuzifuna nakule folda ithile ikhankanywe ku-8.3 apha ngasentla. MAKUNGABIKHO KUFIKELELA kumsebenzi ogcinwe kwi-network wexesha laphakathi enyakeni. Ukuba oku akunakuqinisekiswa, ngoko ke iifolda neefayili ezinomsebenzi owenziwe phakathi enyakeni mazikhutshelwe zigcinwe (backed-up) zisuswe kwi-network.
8.3.4 MAKWENZIWE i-user ID ne-password ezahlukeneyo zomsebenzisi (separate user-ID and password) zize ziqhagamshelwe kule folda ikhankanywe ku-8.3 apha ngasentla. I-user-ID ne-password mazahluke kwezo zisetyenziswa ngabaviwa kwiiprakhtikhali zesiqhelo xa besenza umsebenzi wabo.
8.3.5 Kukhethwa ukuba iikhowudi zokungena (access codes) mazenziwe ngokuthi kudityaniswe izinto ekunzima ukulandeleka (randomly generated) umz. i-user ID: AxCyfDT, i-password : ShwOfT. MUSA ukunika ii-user ID nee-passwords ezinjengesishunqulelo segama lesikolo namanani alandelelanayo anokuqasheka.
8.4 Iikhompyutha MAZABELWE abaviwa ngendlela engacwangciswanga (on a random basis). Nantsi eyona ndlela ibhetele:
8.4.1 Ngokunika ikhompyutha nganye ikhowudi, ngokuziprinta ezi khowudi kwiileyibhile (labels) (izitikha) zize zinikwe umviwa ngamnye ngexesha engena kwigumbi lekhompyutha.
8.4.2 Ileyibhile mayibe nesithuba apho umviwa anokubhala khona inombolo yakhe yoviwo, kwaye le leyibhile mayibuyiselwe kumgadi wabaviwa ngokukhawuleza emva kokuvula angene ekhompyutheni (log-in). Ukuba umviwa, ngenxa yezizathu ezifana nokumka kombane, kufuneka angene kwakhona ekhompyutheni (log in again), ingacelwa ileyibhile kumgadi wabaviwa, kodwa mayibuyiselwe kwakhona kumgadi wabaviwa ngokukhawuleza emva kokungena (log-in). (Khangela isiHlomelo A ubone isampula yeleyibhile)
8.4.3 Kwakugqitywa uviwo iikhowudi zokungena (access codes) mazenziwe zingasebenzi (de-activated.)
8.5 I-intanethi, i-imeyili neesistim zomyalezo phakathi kweekhompyutha MAZENZIWE zingasebenzi (de-activated) ngethuba lokuqhubeka koviwo ukwenzela ukuba abaviwa bangabinakuthumela imiyalezo okanye iifayili ukusuka kwenye ikhompyutha ukuya kwenye. Ukuba oko akunakuqinisekiswa, makwenziwe unxibelelwano lwe-network lungasebenzi ukuze iikhompyutha zisetyenziswe njengezizisebenzela zodwa (stand -alone computers).
8.6 Kwezinye iisistim zonxibelelwano (networks) kunokugcinwa i-log yokuba ngubani na okhe wafikelela kwifolda. Ukuba inetwork inesi sibonelelo masenziwe sisebenze ngexesha leemviwo ze sigcinwe emva kokugqitywa koviwo ukulungiselela xa kuthe kwakho imibuzo emalunga nezitenxo (queries concerning irregularities). Le fayili yokungena (log file) mayikotshelwe kwi-CD kunye neefolda zabaviwa.
8.7 Idatha yeenkcukacha-manani (statistical data) enxulumne nefayili nganye eyenziweyo kwi- MS Office inexabiso elikhulu njengoko, phakathi kwezinye izinto, inengcaciso ecacisa ukuba zenziwe (created) nini iifayili. Ootitshala mabaqinisekise ukuba umhla wesistim nexesha (system date and time) kuzo zonke iikhompyutha (workstations) nakwiseva (server) zichanekile phambi kokuqala koviwo nokuba abazitshintshi iifayili nangayiphi na indlela lwakuba lugqityiwe uviwo, ngaphandle kokuba bayalelwe ngandlela yimbi, yaye de kube zikhutshiwe iziphumo zoviwo.
8.8 Abaviwa MABAYINIKE elinye igama (rename) ifolda yedatha (Exam_data n folder) eneenombolo zoviwo zabo, baze bagcine (save) iifayili zabo kwifolda enikwe elinye igama (renamed folder) kwi-network drive.
8.9 Utitshala makathi kukho nomgadi wabaviwa oyintloko, akopele iifolda zabaviwa kwi-flash drive (enikwe isikolo) nakwi-CD, ukuze zombini zinikwe umgadi wabaviwa oyintloko. Makwenziwe kwakhona ikopi (back-up copy) ye-CD ize inikwe inqununu. Inqununu, utitshala nomgadi wabaviwa oyintloko mabazalise uluhlu lokutshekisha oluqhotyoshelweyo bekunye (isiHlomelo B) ukuze bobathathu basalusayine. Umgadi wabaviwa emva koko makayifake i-flash drive, enye yee-CD, indlela yokuhlalisa abaviwa (the seating plan), i-Computer Applications Technology okanye i-Information Technology Mark Sheet for Paper 1 noluhlu lokutshekisha olusisiHlomelo B, oluzaliswe zonke iinkcukacha kwingxowa yoviwo, ayitywine aze ayigqithisele kwinqununu yesikolo. Inqununu ke yona mayigcine ingxowa etywiniweyo esefini okanye kwigumbi elinqatyisiweyo de ingeniswe kwiCandelo leeMviwo leWCED. I-CD yesibini kunye nee-access labels (izitikha) mazigcinwe sisikolo zize igcinwe zibekwe zodwa zingadityaniswa nezinye izinto kwigumbi elinqatyisiweyo okanye esefini.
8.10 Iiseshoni zesibini
Kuvumeleke ukuba kubekho iiseshoni ezimbini zoviwo ezona zininzi. Ukuba kuye kwakho imfuneko yokuba kubekho iiseshoni ezimbini, ncedani niqinisekise oku kulandelayo:
8.10.1 Abaviwa abaza kubhala uviwo kwiseshoni yesibini mabagcinwe phantsi kolawulo olungqongqo kwindawo ekhuselekileyo lonke ithuba lokuqhutywa kweseshoni yokuqala yoviwo. Lo gama belapho mabangasebenzisi ziselula okanye ezinye iintlobo zonxibelelwano kunye nabantu abangaphandle kwelo gumbi kwaye mabanganxibelelani nabaviwa ababhala iseshoni yokuqala okanye abo basanda kugqiba ukubhala iseshoni yabo yoviwo yokuqala. Nangona kunjalo, ngeli xesha balindileyo abaviwa beseshoni yesibini, kwindawo ekhuselekileyo zingakubo iincwadi zabo, bangafundela uviwo kwaye bangathetha omnye nomnye.
8.10.2 Umgqomo "Recycle Bin" kwikhompyutha nganye mawungabi nanto kuwo phakathi kweeseshoni.
8.10.3 Akukho zifayili zomsebenzisi (user files) ezithi zishiywe ziyimfihlo yakhe kwi-hard drive yayo nayiphi na ikhompyutha. Eyona ndlela ibhetele yokwenza oku kukukhangela "searching" kwi-hard drive nganye nokukhangela iifayili ezitshintshiweyo kwiiyure zangaphambili ezi-2 ukuya kwezi-3, kwaye ukuba zizifayili zabasebenzisi, mazicinywe.
8.10.4 Ikhowudi zokungena zeefolda ezisetyenzisisweyo kwiseshoni yokuqala zenziwa zingasebenzi.

9. UKUBEKA ESWENI IINDAWO ZOKUBHALELA IIMVIWO
9.1 Ababeki-liso (monitors) abaqeshwe liSebe i-WCED baya kundwendwela iindawo zokubhalela iimviwo ngosuku oluphambi kokuqala koviwo ukuqinisekisa ukuba zonke iikhompyutha ezikunxibelelwano nezizimele zodwa (networks and stand-alone workstations) zilungiswe ngokufanelekileyo
9.2 Amagosa eWCED aya kundwendwela iindawo yokubhalela iimviwo zeprakthikhali ukuqinisekisa ukuba imiyalelo ekule setyhula iyalandelwa ngqo.

10. IIMFUNO ZOKUSUPHAVAYIZA
Abagadi babaviwa badlala indima ebaluleke gqitha ekuqinisekiseni ukuba abaviwa abakopi omnye komnye okanye abancedwa ngexesha bebhala uviwo ngabalingane babo okanye ngootitshala babo. Ngako oko ke kubaluleke gqitha ukuba ezona mfuno zisezantsi zokusuphavayiza zilandelwe ngqo. Ukongeza kule miqathango yokhuseleko ingentla apha, iinqununu zikhunjuzwa oku kulandelayo:
10.1 Imisebenzi eluxanduva lomgadi wabaviwa
10.1.1 Ngaphambi kokuqala koviwo, bonke abaviwa mabakwaziswe oku ngokuthi baxelelwe ukuba, xa befunyenwe bekopa iifayili okanye begcina iifayili (copying files or saving files) kwiindawo ezingezizo ezo zichazwe ngumgadi wabaviwa, iziphumo zabo zingabhengezwa njengelize nento engekhoyo (declared null and void) baze bathintelwe ekubeni basibhale kwakhona eso sifundo kangangethuba leminyaka EZINTATHU. Amagama achanekileyo amakasetyenziswe ngumgadi wabaviwa oyintloko xa esenza isaziso aya kunikwa ekwimvulophu ekufakwe kuyo iCD eneefayili zedatha.
10.1.2 Ukuba ngaba kungakho nayiphi na imibuzo engezinto ezimalunga nekhompyutha (technical queries) emayiphendulwe, umgadi wabaviwa makabe ngunozakuzaku athetha kuye utitshala xa enxibelelana nabafundi.
10.1.3 Umgadi wabaviwa MAKABEKHO xa iifayili zedatha (data files) zifakwa naxa zikhutshwa kwii-stand-alone computers kunye/okanye kwi-networked server, kwakunye naxa kufakwa idatha ekwiifolda kwi-CD.
10.1.4 Iileyibhile (izitikha) ezineekhowudi zokufikelela maziqokelelwe kubaviwa ngokukhawuleza emva kokungena kwikhompyutha (log-in).
10.1.5 Umgadi wabaviwa makabekho kwigumbi lokubhalela iimviwo ekupheleni kweseshoni yoviwo ukuze enze imiyalelo echazwe kwiZiqendu 7.6 no-8.9 apha ngasentla.
10.2 Imisebenzi eluxanduva lukatitshala:
10.2.1 Utitshala we-Computer Applications Technology okanye owe-Information Technology makahlale kwigumbi lokubhalela uviwo ngalo lonke ixesha lokuqhubeka koviwo, ukwenzela ukuba asombulule naziphi na iingxaki zeekhompyutha (technical problems) ezinokuvela.
10.2.2 Utitshala makabekho kwigumbi loviwo emva kokugqitywa kweseshoni yoviwo, ukuze enze imiyalelo enikwe kwiZiqendu 7.6 no-8.9 apha ngasentla.
10.3 Imisebenzi yenqununu
10.3.1 Inqununu mayiqinisekise ukuba i-CD eneefayili zedatha inikwa utitshala okanye umlawuli wonxibelelwano (network administrator) onoxanduva lokulungisa iziko lokubhalela iimviwo kwiintsuku ezimbini (2) phambi kokuqhutywa koviwo
10.3.2 Inqununu mayiqinisekise ukuba lo titshala ukhankanyiweyo okanye umlawuli wonxibelelwano (network administrator) ulungisa unxibelelwano kunye/okanye iikhompyutha ngosuku lokufumana iCD leyo. Ababeki-liso beWCED baya kutshekisha ngosuku olungaphambi koloviwo ukuba ngaba unxibelelwano kunye/okanye iikhompyutha (networks and/or workstations) zilungiswe ngokufanelekileyo na.
10.3.3 Kwakugqitywa nje ukulungiswa igumbi leekhompyutha (computer centre), inqununu mayithathe iCD eneefayili zedatha ize iyigcine kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo.
10.3.4 Inqununu mayiqinisekise ukuba akukho titshala okanye mviwa ungena kwigumbi elineekhomyutha emva kokuba iifayili zedatha zikotshiwe lwaza unxibelelwano/ iikhompyutha zalungiselelwa ukusetyenziswa.
10.3.5 Inqununu mayibekho kwigumbi lokubhalela iimviwo ekupheleni kweseshoni yoviwo ukuze yenze imiyalelo echazwe kwiZiqendu 7.6 no-8.9 apha ngasentla.

11. Ukumka kombane (Power failures)
11.1 Ukuba kumka umbane ngexesha lokubhala uviwo, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
11.1.1 Abaviwa mabahlale kwiqumbi elineekhomyutha (computer room) de umbane ubuye. Abaviwa mabangathethi omnye nomnye ngexesha belinde ukubuya kombane. Ixesha abaphulukene nalo ngethuba lokumka kombane liya kubuyiswa njengexesha elongeziweyo loviwo.
11.1.2 Xa kumke umbane, umphathi weziko lokubhalela makazise ngoko nangoko abasemagunyeni baloo ngingqi (local authorities). Makazame ukufumana apho kubo ukuba ngaba umbane uya kumka ithuba elingakanani na, ukuba oko kunokwenzeka.
11.1.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) malaziswe ngoko nangoko ngokumka kombane.
11.1.4 Ukuba emva kweeyure ezimbini (2), umbane awukabuyi, uviwo luya kuhlehliselwa elinye ixesha.
11.1.5 Umsebenzi ogqityiweyo ngabaviwa uya kugqithiswa uze ungeniswe kwiSebe iWCED kunye namaxwebhu.
11.1.6 Kwimeko apho uviwo luthe lwarhoxiswa ngenxa yokumka kombane, abafundi mababhale iphepha i-backup paper ngomnye umhla.
11.1.7 Kwimeko apho iiseshoni ezimbini zoviwo zicwangciselwe ixesha loviwo, elileli, kusasa nasemva kwemini, le nkqubo ingentla inokusetyenziswa kuzo zombini iiseshoni zoviwo.
11.2 Kwimeko yokonakala kwekhomyutha (computer breakdowns) ngexesha loviwo, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
11.2.1 Abaviwa mabasuswe ngokukhawuleza basiwe kwezo zixhobo ze-backup equipment, baze bongezelwe ixesha elifanelekileyo.
11.2.2 Akukho xesha liya kongezwa ngenxa yomsebenzi ekuphulukenwe nawo kuba ungakhange ugcinwe ngokuchanekileyo (not correctly saved.)
11.2.3 Abaviwa mabaligqibe iphepha lemibuzo yoviwo ngexesha elimisiweyo.

12. Ukungalandelwa ngqo kwale miyalelo ikule setyhula kungakhokelela ekubeni kuthathwe amanyathelo oluleko nokubekwa ityala lowo ungayithobelanga le miyalelo yale setyhula.
13. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba ikopi yale setyhula inikwa bonke ootitshala nababagadi babaviwa be-Computer Applications Technology nabe-Information Technology.
14. Kucelwa uncede uqhagamshelane noMnu I Francis (oonkcukacha zakhe zichazwe apha ngasentla ku-7.7) ukuba ufuna ukucaciselwa nangakumbi kunye/okanye uncedo.


ISAYINWE: NGU- BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:22

isiHlomelo A: ISAMPULA YE-ACCESS LABEL  (ubukhulu: 23 KB)
isiHlomelo B: ULUHLU LOKUTSHEKISHA  (ubukhulu: 18 KB)