1. Okulapha kubhekiselele kwiSetyhula 0028/2008 ye-14 Agasti 2008.
2.1 Oku kulandelayo kubhekiselele kwezi zifundo: isi-Afrikansi, isiNgesi, isiXhosa, isiSuthu nesiTswana:
2.1.1 Luphelisiwe uHlelo oluPhezulu noHlelo oluPhakathi (Higher Grade and Standard Grade). Iilwimi zifundiswa njengoLwimi lwaseKhaya, uLwimi loKuqala oLongezelelweyo okanye uLwimi Lwesibini oLongezelelweyo.
2.1.2 Iincwadi ezidweliswe kwiilisti zamaBakala 7, 8, 9, 10, no-11 zezo kucetyiswa ukuba zifundwe (recommendations).
2.2 Oku kulandelayo yimimiselo yazo zonke ezi lwimi zikhankanywe apha ngasentla kumaBakala 10 no-11:
2.2.1 KULWMI LWASEKHAYA kufundwa isihobe, inoveli enye nedrama/nedrama ebhalwe okwemibongo (verse play) enye. Zonke ezi ntlobo (genres) zivavanywa ngaphakathi, o.k.t. luvavanyo olwenziwa sisikolo. Amabali amafutshane okanye neziphi na ezinye iintlobo, zingasetyenziselwa iimpendulo zoncwadi ezitshiwo ngomlomo (oral responses), njengoko kucacisiwe kwiSikhokelo soHlolo lweSifundo (Subject Assessment Guidelines) sikaJanuwari 2008. Ummiselo oyimfuneko kukuba uhlobo olusetyenziselwa iimpendulo zoncwadi ezitshiwo ngomlomo mayingabi yenye yezo ntlobo zivavanywa kuviwo loncwadi (iPhepha 2). Iimpendulo zoncwadi ezitshiwo ngomlomo nazo zikwavavanywa ngaphakathi.
2.2.2 KULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO kufundwa NAZIPHI NA EZIMBINI kwezi zilandelayo: isihobe, inoveli, idrama/idrama namabali amafutshane. Ezi ntlobo zimbini zivavanywa ngaphakathi. Naziphi na ezinye zeentlobo zingasetyenziselwa iimpendulo zoncwadi ezitshiwo ngomlomo, njengoko kucacisiwe kwiSikhokelo soHlolo lweSifundo sikaJanuwari 2008. Ummiselo oyimfuneko kukuba uhlobo olusetyenziselwa iimpendulo zoncwadi ezitshiwo ngomlomo lungabi yenye yezo ntlobo zivavanywa kuviwo loncwadi (iPhepha 2). Iimpendulo zoncwadi ezitshiwo ngomlomo nazo zikwavavanywa ngaphakathi.
2.2.3 KULWIMI LWESIBINI OLONGEZELELWEYO kufundwa NAYIPHI NA ENYE kwezi zilandelayo: isihobe, inoveli, idrama, amabali amafutshane. Olu hlobo luvavanywa ngaphakathi. Akukho mfuneko yokuba abaviwa boLwimi Lwesibini oLongezelelweyo banike iimpendulo zoncwadi ezitshiwo ngomlomo kwaye ke ngoko bafunda uhlobo olunye KUPHELA ngonyaka.
3. 3. ISebe licela uxolo ngako nakuphi na ukungaqiniseki okungaba kubangelwe yiSetyhula 0028/2008.


ISAYINWE: NGU- BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:09