1. Ingcaciso eyandlalelayo
1.1 I-CTA iqulunqwa liSebe leMfundo likazwelonke (national Department of Education) (DoE). Kuzo zonke iinkalo zezifundo i-CTA inemisebenzi yovavanyo lwenkqubo yomfundi (kwiCandelo A) nemisebenzi ebhalwayo (kwiCandelo B). Omabini la macandelo anyanzelekile ukuba awenze umfundi ukuze afumane iziphumo zakhe kwinqanaba leBakala 9.
1.2 I-CTA ebhalwa kwiBakala 9 yenza ama-25% ovavanyo lokuphela konyaka kwaye iyinxalenye yomsebenzi wovavanyo omiselwe ngokusesikweni weKota 4.
1.3 ISebe leMfundo liseta ithayimthebhile kazwelonke yokubhalwa kweCandelo B lale CTA.
1.4 ICandelo B lale CTA malenziwe kwiimeko eziphantsi kolawulo yaye lenziwe ngokungqinelana nethayimthebhile kazwelonke.
1.5 Ngenxa yokungabikho komgaqo-nkqubo kazwelonke ongokwenziwa kwale CTA, i-WCED iqaphele imfuneko yokuba kubekho umgaqo-sikhokelo ongummiselo (regulatory framework) ukuqinisekisa ukwenziwa ngokufanayo kolawulo nokwenziwa komsebenzi we-CTA kulo lonke iphondo.
1.6 Isetyhula noMgaqo-sikhokelo onguMmiselo we-CTA (Regulatory Framework for the CTA) usekelwe kwimigqaliselo ekolu xwebhu lomgaqo-nkqubo, National policy on the conduct, administration and management of the National Senior Certificate. A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF) olukule Gazethi 30048.
2. Iinqununu nabaphathi mabaqinisekise ukuba onke amagosa achaphazelekayo kwii-CTA anolwazi olucacileyo ngokuqulathwe kwiRegulatory Framework eqhotyoshelwe kule setyhula njengeSihlomelo A.
3. Ukungawuthobeli lo mgaqo-sikhokelo kuya kuthathwa njengesitenxo sezovavanyo kwaye kuya kusingathwa kwangolo hlobo.
4. Isetyhula neSihlomelo ziyafumaneka kweli ziko lewebhu loVavanyo le-WCED:
http://curriculum.pgwc.gov.za/site/21/pol/view/.
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU- BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:14

isiHlomelo A: "Regulatory Framework"  (ubukhulu: 186 KB)