1. ISebe leMfundo likazwelonke liye laqulunqa isikhokelo sikazwelonke sonyulo lwamabhunga olawulo ezikolo ukuqinisekisa ukuba iyathotyelwa inkqubo yokukhetha amagama abagqatswa (nomination) neyonyulo lwamabhunga olawulo kwizikolo zikarhulumente kuwo onke amaphondo. Njengoko esi sikhokelo sahlukile kwimigqaliselo ekhoyo engokwakhiwa (constitution) nemisebenzi yamabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, esasikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) nesaye sabhengezwa kwiGazethi yePhondo yeSikhawu 6001 ka-29 Apreli 2003 (Provincial Gazette Extraordinary 6001 of 29 April 2003), migqaliselo leyo ekuye kwafuneka ukuba ihlaziywe ngokufanelekileyo.
2. Apha kuqhotyoshelwe ikopi yemigqaliselo ehlaziyiweyo epapashwe kwiGazethi yePhondo yeSikhawu 6554 ye-12 Septemba 2008. Le migqaliselo ithatha indawo yemigqaliselo ekhankanywe kumhlathi 1 kwaye iqala ukusebenza ukususela kumhla wopapasho lwayo.
3. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abantu abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU- HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:15


"La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies), kwaye ziya kuposelwa kuwe kungekudala".