1. |
ULWABIWO-MALI
Iinkcukacha zolwabiwo-mali ngokwe-N&S (Norms and Standards) zesikolo sakho ngalo nyaka-mali oqala nge-1 Apreli 2009 kuye kwi-31 Matshi 2010 zipapashwe kwiCEMIS. Izikolo zinganakho ukufikelela kuzo ngokusebenzisa ezi settings zilandelayo:
Logisha kwi-CEMIS. Kukho umyalezo kwesinye sezikrini zokuvula ocebisa omakwenziwe. Uklikhe "Proceed". Yisa ikhesa yakho kule ayithem yemenyu "Administration" kwiCEMIS uklikhe ku-"Norms and Standards Allocation". Nceda uliprinte eli phepha.
Kucelwa ukuba uthathele ingqalelo oku kulandelayo:
|
1.2 |
Ileta yolwabiwo-mali ibandakanya ulwabiwo lwango-2009/10, kwakunye nolwabiwo-mali lwephondo lweminyaka-mali emibini elandelayo. Esi sabelo samva sabalwa ngokususela kumanani obhaliso ango-2008.
|
1.3 |
Imali eyabelwe izikolo ngokweSetyhula 0051/2007 mayisetyenziswe iphele zizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, phambi kwe-31 Matshi 2009. Zonke iifom WCED 043 zezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezingekangeniswa, mazingeniswe phambi kwe-28 Februwari 2009, ukuthintela ukuba ziphulukane nezo mali zazo.
|
2. |
ISICWANGCISO SENTLAWULO (PAYMENT SCHEDULE)
|
2.1 |
Izikolo ezibiza iifizi
|
2.1.1 |
Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, ngaphambi kwe-28 Februwari 2009, ziyahlula-hlule imali yesabelo sazo sonyaka-mali ophela nge-31 Matshi 2009 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amane, angala, ele-LTSM, eleenkonzo zikamasipala lolondolozo (maintenance) nelokuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases). Lakufumana ifom WCED 032, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kutshekisha iibhajethi. Izikolo ziya kwaziswa ukuba iifom zazo azenziwanga kakuhle ukwenzela ukuba ziphinde zingenise iifom WCED 032 ezintsha.
|
2.1.2 |
Iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zolondolozo (maintenance) kunye neentlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona iya kuhlawulwa ngo-Apreli/Meyi 2009, ize i-50% eseleyo ihlawulwe ngoNovemba 2009.
|
2.1.3 |
Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziya kusifumana isabelo-mali sazo sonyaka-mali 2009/10 ngezavenge ezibini, ekuzezi i-60% neya kukhutshwa ngo-Apreli/Meyi 2009 ne-40% eya kukhutshwa ngoNovemba 2009. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazisebenzise intlawulo yokuqala yazo (eyi-60%) neya kwenziwa ngo-Apreli/Meyi 2009, ekuthengeni iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) zonyaka ka-2009 ngaphambi kokuphela kukaSeptemba 2009, zize zihlawule enye inkcitho, njengoko kucacisiwe kumhlathi 3.1 apha ngasezantsi. Intlawulo ethunyelwa ngekhompyutha yesibini (eyi-40%) neya kwenziwa ngoNovemba 2009 mayisetyenziselwe ukuhlawula iindleko ezifanelekileyo ezinxulumene nesikolo ukuya kutsho ekupheleni konyaka-mali kaRhulumente o.k.t. 31 Matshi 2010.
|
2.2 |
Izikolo ezingabizi zifizi (No-fee schools)
|
2.2.1 |
Kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, i-20% yaso sonke isabelo-mali saso se-N&S, esithathwa ngokuba yingeniso yonyaka evela kwiifizi zesikolo, siya kuhlawulwa kwisikolo ngo-Apreli/Meyi 2009. Izikolo ziya kwaziswa ngesi sixa-mali kwileta engesabelo-mali sazo se-N&S eqhotyoshelweyo. Makukhunjulwe ukuba esi sixa-mali masisiqhube isikolo de kuye kutsho ku-Apreli 2010, apho kuya kufumaneka intlawulo yonyaka-mali olandelayo. Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 phambi kwe-28 Februwari 2009, ziyahlula-hlule imali eshiyekileyo yesabelo sazo sonyaka-mali ophela ngowe-31 Matshi 2010 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amane, kwifom WCED 032 (Jonga umhlathi 2.1.1 ngentla).
|
2.2.2 |
Ukongeza, iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments ) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zolondolozo (maintenance) kunye neentlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona iya kuhlawulwa ngo-Apreli/Meyi 2009 ukuze i-50% eseleyo ngoNovemba 2009.
|
2.2.3 |
Kwangokufanayo nezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 (funda umhlathi 2.2.1 apha ngentla), i-20% yaso sonke isabelo-mali saso se-N&S, mayigcinelwe inkcitho ebihlawulwa ngaphambili ngeefizi zesikolo kwaye iya kuhlawulwa yonke ngo-Apreli/Meyi 2009. Isabelo ngokwe-N&S njengoko kuchaziweyo ngentla apha, masilawulwe ngokomhlathi 5 olapha ngasezantsi.
|
3. |
UKUSETYENZISWA KWESABELO-MALI
|
3.1 |
Isabelo-mali ngokwe-N&S senzelwa eyona njongo ephambili nengeyokuqala, ukuthenga iLTSM, ukuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zomsebenzi (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo zemihla ngemihla. Ingeniso yesikolo esiyenze ngokwaso, njengoko kuchaziwe kumhlathi 4, mayisetyenziselwe kuqala ukongeza apho kushota khona kwezi zinto zilapha ngentla phambi kokuba isetyenziselwe ukuhlawula izithuba zengqesho zamaBhunga oLawulo.
Kucetyiswa ukuba izikolo ziyahlula-hlule imali eziyabelweyo ngolu hlobo lulandelayo ngokweendidi ngeendidi zeendleko
- I-50% isetyenziselwe ii-odolo zeLTSM zango-2010. Ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngenkalo yesifundo nganye okanye ngesifundo ngasinye. Khangela kwisiHlomelo A ngokumalunga noluhlu lwezinto ezifakiweyo phantsi kweLTSM.
- I-24% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala. Izikolo zingenza ibhajethi yepesenti enkulu kunoku ukuba iindlela zenkcitho zazo (expenditure tendencies) zenza ukuba oku kube yimfuneko.
- I-6% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo
- I-20% isetyenziselwe ukuhlawula izinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (local purchases)
|
3.1.1 |
Iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM)
(a) |
Izikolo zinokuthi, phantsi kwale miqathango ilandelayo, zikhuphe isabelo esinga-phantsi kwesimelwe ukwabelwa izibonelelo zeLTSM
- ukuba ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi emiselweyo yenkalo yesifundo nganye okanye yesifundo ngasinye kwaye unakho ukufikelela kwizibonelelo zeLTSM ezizezinye, ezifana nelayibrari neencwadi ezinokusetyenziswa (reference books) KWANOKUBA ukuba ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni malunga noku kutenxa kokumiselweyo.
- ukuba isigqibo sebhunga elilawulayo ngokumalunga nebhajethi, ekufuneka ingeniswe kwintlanganiso yabazali, sicacisiwe yaye isixa-mali esichithwe kwizibonelelo zeLTSM, ngomfundi ngamnye sibonelelwe. Esi sigqibo masandlalwe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umcebisi ngeze-IMG uyasixhasa okanye akasixhasi.
|
(b) |
Zonke izikolo mazilandele ngqo uMgaqo-nkqubo woKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) weli phondo xa zisebenzisa isabelo-mali sazo ngokwe-N&S ekuthengeni izibonelelo zeLTSM. Ukulungiselela le njongo, kunikwe izintlu ezimbini zabathengisi-zincwadi (suppliers). Uluhlu lokuqala (luluhlu lwabakhethwa kuqala) lumele abo bathengisi amabakhethwe kuqala. Babizwa ngokuba zii-Historically Disadvantaged Individuals (HDIs) nee-Small, Medium and Micro Enterprises (SMMEs). Izikolo mazithenge iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi ngexabiso ubuncinane eliyi-70% yesabelo sazo seN&S kubathengisi abakolu luhlu lokuqala. Izibonelelo ze-LTSM zingathengwa kubathengisi abakuluhlu lwesibini ngebhalansi (eyi-30% yesabelo-mali seencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi). Ezi zintlu zamvanje zathunyelwa ezikolweni ngeesetyhula ezahlukeneyo.
|
(c) |
Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba luxanduva lwazo ukwenza iinzame mpela zokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi bazo ngezaphulelo ezikhulu kumaxabiso eencwadi.
|
(d) |
Zifunyanwa njani iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (i-LTSM)
- Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazilandele iinkqubo ezimiselweyo kwisiHlomelo A.
- Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazilandele ngqo uMgaqo-nkqubo woKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) ekufakeni ii-odolo zazo zeLTSM kubathengisi ababhaliswe kwimvumelwano B/WCED 60. (B/WCED 60 contract).
- Izikolo mazikhethe zonke iincwadi zezifundo ze-FET kulo khatalogu ivunywe kuzwelonke (makufundwe kwiSetyhula DCF 018/2008). Xa kukhethwa iLTSM kwincwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa, izikolo mazilandele isikhokelo noko kukhethwe ngaMacandelo eKharityhulam eWCED (WCED Curriculum Directorates). Kungaqhagamshelwana nee-ofisi zezithili zemfundo, xa ngaba izikolo zifuna uncedo malunga nokukhetha i-LTSM kunye nokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi ngawona maxabiso abhetele.
|
|
3.1.2 |
Iinkonzo zikamasipala
(a) |
Injongo yesabelo esinikwa izikolo ngokwe-N&S, phakathi kwezinye izinto, kukuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, o.k.t. umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewerage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma, njl. njl. yaye asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo nakwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuyihlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
|
(b) |
Izikolo ezimbalwa zivakalise ukuba azifuni kulawula ii-akhawunti zazo zeenkonzo zikamasipala yaye ezi akhawunti ziya kuqhubeka zihlawulwe yi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo. I-ofisi yesithili semfundo iya kunika isikolo ngasinye iikopi zee-akhawunti zaso qho ngenyanga ngenjongo yokuba sizitshekishe kwaye singqine ukuba ii-akhawunti ezo zichanekile.
|
(c) |
Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibale imali ebekelwe iinkonzo zikamasipala ngokwenkcitho yazo yangaphambili yezi nkonzo zize ziyibonise kwifom WCED 032. Esi sixa-mali kunye nemali yolondolozo ziya kuhlawulwa ngaxeshanye kwizikolo ezavumayo ukwenza lo msebenzi.
|
(d) |
Phakathi kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo B.
|
(e) |
U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters) ezikolweni. Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane.
|
|
3.1.3 |
Ulondolozo lwemihla ngemihla
(a) |
Ulondolozo lwemihla ngemihla lubandakanya ukulungiswa kwamabala kwakunye, nokuhlaziywa, nokulungiswa kunye/okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo zesikolo. Ukuba alwenziwa ulondolozo lwemihla ngemihla kwangoko, izakhiwo ziya kugxagxiseka kangangokuba zifune ulungiso olungxamisekileyo lomonakalo omkhulu nobiza imali enkulu.
|
(b) |
Izikolo mazizenzele ibhajethi yolondolozo lwemihla-ngemihla ngokungqinelana nemeko yezakhiwo namabala azo. Isabelo-mali ngokwe-N&S sondolozo lwemihla ngemihla sinokungeneli. Kwiimeko ezinjalo isikolo masiyongeze ngokwaso imali esiyabelweyo ngemali ephuma kwiingxowa zaso, apho kusebenzayo oku.
|
(c) |
Isabelo-mali ngokwe-N&S masingaze sisetyenziselwe ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla kwiihostele zokuhlala. Olu hlobo lolondolozo maluxhaswe ngemali yentlawulo yabafundi yokuhlala ehostele/ngeebhasari.
|
|
3.1.4 |
Ulondolozo lwezixhobo zomsebenzi
(a) |
Izikolo mazibekele bucala esinye sesixa-mali kuleyo ziyabelweyo yokwenza ulondolozo lwemihla ngemihla sokusetyenziswa kulondolozo lwezixhobo zomsebenzi zokuhombisa amabala esikolo, umz. ukulungiswa kwemowa, ukusika ingca, ukupeyinta izitulo ezisemabaleni esikolo, ukuthenga ilayimi (lime) nesichumiso (fertiliser).
|
(b) |
Irenti mayingabhidaniswa nolondolozo. Luxanduva lwezikolo ukuzihlawulela imali yeemvumelwano zerenti nezengqeshiso (leases) kunye nolondolozo nolungiso lwezixhobo, umz. iimatshini zokufotokopa neekhompyutha. Ulondolozo lwezi zixhobo alusiyonxalenye yolondolozo lwemihla-ngemihla lwezakhiwo namabala esikolo.
|
|
3.2 |
Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibonise izabelo-mali ezenzelwe ulondolozo lwezakhiwo, amabala nezixhobo zokusebenza njengesixa esinye kwifom WCED 032.
|
3.3 |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni aliyi kwamkela butyala ngentlawulo yazo naziphi ii-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu komlinganiselo osisabelo sazo. Kuya kufuneka izikolo zizihlawulele ngokwazo ezi ndleko. Ukuba kuthi ngenxa yaso nasiphi na isizathu, nesaluhlobo luni na, izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zigqithise kwisabelo sazo ngokwe-N&S, nayiphi na inkcitho engaphezulu iya kuxhuzulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kwisabelo sesikolo sonyaka olandelayo. Oku akuthethi ukuba makugqithiswe kwizabelo-mali ngokwe-N&S.
|
4. |
INGENISO EYENZIWA SISIKOLO NGOKWASO
NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, (UMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, (SASA), amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) makathathe onke amanyathelo afanelekileyo okongezelela kwisabelo sikarhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa sisikolo. Akukho sikolo esingabizi zifizi masibize iifizi zesikolo ezinyanzelekileyo. Nangona kunjalo ziyakhuthazwa ezi zikolo ukuba ziqokelele iminikelo ekhutshwa ngokuzithandela (voluntary contributions) kwaye zinyuse ingxowa-mali ngendlela yezipho-mali (donations), amatheko okunyusa ingxowa (fund-raising functions) njl. njl.
|
5.1 |
Ibhajethi yesikolo evunyiweyo mayingeniswe kwiSithili seMfundo esichaphazelekayo ungadlulanga owe-1 Disemba kunyaka ngamnye.
|
5.2 |
Zonke izikolo mazingenise le fom WCED 043 (iingxelo zekota ezingenkcitho) kwiSithili seMfundo esichaphazelekayo zingekapheli iintsuku eziyi-30 ukususela ekupheleni kwekota nganye (inkcitho eya kutsho kwi-31 Matshi, 30 Juni, 30 Septemba, ne-31 Disemba). Imali iya kuhlawulwa ezikolweni kuphela xa kufunyenwe iingxelo WCED 043 ezanelisayo malunga nemicimbi yemali yeekota zangaphambili.
|
5.3 |
NgokweSiqendu 43(5) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 84 ka-1986), izikolo mazingenise (ukuze iqwalaselwe ngumlawuli weSithili seMfundo esichaphazelekayo) iseti yeengxelo-mali eziphicothiweyo (audited set of financial statements) zonyaka-mali ongaphambili ungekadluli owe-30 Juni kunyaka ngamnye.
|
6. |
ULUNGISO LOMONAKALO OMKHULU OLUNGXAMISEKILEYO
Ngokomhlathi 97 weNNSSF, iSebe iWCED liyalwamkela uxanduva lolungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo, kodwa ke ayininzanga imali iSebe eli linayo yokwenza olo lungiso. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:
IHLELO A Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo nemililo ISebe iWCED liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwe-R5 000 nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo. Eli Sebe iWCED linokuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka imali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukulungiselela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo. |
IHLELO B ISebe iWCED liya kuyithathela kulo le MISEBENZI YOLUNGISO INGXAMISEKILEYO, ngokuxhomekeka ekubeni impilo kunye/okanye nokhuseleko lootitshala nabafundi zisengozini yaye kukho imali eyaneleyo: Ukutshintshwa okanye ukulungiswa kwemibhobho yamanzi ephantsi komhlaba kunye nemibhobho yogutyulo lomphutha (sewer pipes) Ukulungiswa kweekhebhile zombane (electric cables) eziphantsi komhlaba Ukulungiswa kweegiza zombane (kwiihostele kuphela) Ukulungiswa kwezona zixhobo zikhulu zisetyenziswayo ehostele Ukulungiswa kweendawo zokugcina amanzi okusela (Uncedo lungaluhlobo lokunika imali yokuthenga izinto eziza kusetyenzwa kuphela). Izikolo mazingenise iikowuteshini ezi-3. Umsebenzi wokulungisa umonakalo ungaqalisa kuphela emva kokufumaneka kwesigunyaziso soko esivela kwaNdlunkulu. |
|
7.1 |
I-SGB mayibe nolawulo olululo kwingeniso nakwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana-Manual of the Basic Financial System for Schools. Ukuba amalungu ebhunga lolawulo lesikolo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokwenza lo msebenzi ngendlela eyiyo, makakhethe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa.
|
7.2 |
Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo sikaRhulumente naleyo evela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, njengoko kucacisiwe kwiSiqendu 37(6) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, yaye ngakumbi ukuthenga iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi kunye nezinye izinto zokuncedisa ekufundeni iLTSM. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe iWCED, makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 1978 (uMthetho 98 ka-1978) (Copyright Act, 1978 (Act 98 of 1978)).
|
7.3 |
Eli Sebe iWCED linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi/utitshala wesikolo okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa gwenxa kwemali yesikolo. Ngako oko ke izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho.
|
8. |
ISICELO SOKUFAKWA KWESIKOLO PHANTSI KWESIQENDU 21
Izicelo zokutshintsha ukusuka ekubeni sisikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 sibe phantsi kweSiqendu 21 mazingeniswe ngaphambi kwe-20 Februwari 2009 ngale fom eqhotyoshelweyo. Izikolo eziphumeleleyo ziya kufakwa phantsi kweSiqendu 21 ukususela kunyaka-mali olandelayo kuphela, o. k. t., ukususela kowe-1 Apreli 2009.
|
9.1 |
Amanani abafundi
Ukuba amanani abafundi asuselwa kusuku lweshumi Iwesaveyi ngo-2009, ande ngaphezu kwe-7% ekuqaleni kunyaka wesikolo omtsha (2009), kuya kuhlenga-hlengiswa izabelo-mali ngokwe-N&S ngokumalunga noko kwanda kungaphezu kwe-7%. Iileta zezabelo ezihlaziyiweyo ziya kuthunyelwa ezikolweni engagqithanga uMatshi 2009.
|
9.2 |
Ukuhlwempuzeka
ISebe iWCED lifumene izicelo ezinzi ezibhaliweyo nezefoni zokuba kuhlaziywe ii-NQs zezikolo ngokususela kwiimeko zokungaqeshwa kwabazali, abafundi abahamba isikolo abavela kwiingingqi ezihlupheke ngaphezulu, ukungahlawulwa kweefizi zesikolo, njl.njl. Ngokumalunga noku, i-NNSSF iyiqonda kakuhle into yokuba izikolo (ekuzizo ezifumana izabelo-mali (beneficiaries of the allocation)) mayingabi zizo eziza nale ngcaciso, kodwa makusetyenziswe u-StatsSA okanye idatha efana naleyo yakhe.
Kude kube ngoku, akukho luhlenga-hlengiso lwenziweyo ngenxa yezizathu ezingeniswe zizikolo. Kuphela kukwiimeko apho iSebe iWCED liye layalela izikolo ukuba zibhalise abafundi abavela kwiingingqi ezingezizo ezo ezo zimi kuzo izikolo ngenxa, a) yokunqongophala kwendawo (inadequate spaces), okanye b) yengxaki yomgangatho wokufundisa apho kungathathelwa ingqalelo uhlenga-hlengiso lokuhlelwa kwesikolo ngokwenqanaba lentlupheko (NQ ranking). Abafundi abahamba isikolo abavela kubahlali abangengabo abo besikolo (outside the community) ngokuzikhethela kwabo, abanako ukuqwalaselwa ngenjongo yokuhlaziywa kokuhlelwa ngokwamanqanaba entlupheko (revision of poverty placement).
|
10. |
NAZI IINOMBOLO ZONXIBELELWANO ZOKUBUZA IMIBUZO
ISihloko | Igama | Inombolo yefoni |
IifomWCED 043 zeengxelo zekota neengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyo | I-Ofisi yeSithili seMfundo -USekela-Mlawuli (wezoLawulo) | Yeye-Ofisi yeSithili seMfundo esichaphazelekayo |
Ukungeniswa kwefomWCED 032 (Ukuhlelwa kolwabiwo-mali lweN&S) | Nkszn M Ntlabati | 021 467 2140 |
Ukuthengwa kwe-LTSM (WCED 034) nokuthengwa kwezinto kuloo ndawo inesikolo (WCED 026). Zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 | Mnu M Josias Nkszn Phillips | 021 903 8453 021 900 7010 |
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (izabelo-mali ngokwe-N&S) | Nkszn L Shasha Mnu M Draai | 021 467 2770 021 467 2005 |
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyo | Mnu B Bougaard Nkszn V Balfour | 021 467 2132 021 467 9262 |
Imibuzo ngokubanzi | Mnu L van Wyk Mnu J Kitshoff Mnu R Eyssen | 021 467 2658 021 467 2665 021 467 2662 |
|
ISAYINWE: NGU-EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:30
|