1. Intshayelelo

Le setyhula yenza izilungiso kwiSetyhula 0035/2005, eyanika ezona mfuno zisezantsi zokwamkelwa kwabafundi kwiiprogram zesatifikethi esiphakamileyo, zediploma nezesidanga kumaziko emfundo ephakamileyo.

UMphathiswa weMfundo ubhengeze inguqulelo yamvanje yomgaqo-nkqubo wokuqala kwiGazethi kaRhulumente (Government Gazette) 31231 kaJulayi 2008. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0013/2008, enika iimfuno ezimiselweyo zokupasa kwiSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.

2. Ezona mfuno zisezantsi zamvanje zokwamkelwa kwabafundi kumaziko emfundo ephakamileyo
2.1 Kufuneka ngoku abaviwa bafumane awona manqaku asezantsi ayi-30% kulwimi lokufunda nokufundisa lweziko lemfundo ephakamileyo abazikhethele lona, ukongeza kwiimfuno ngeemfuno zamabanga emfundo enziwa lelo ziko.
2.2 Ezona mfuno zisezantsi zokwamkelwa kwabafundi kwi-Higher Certificate siSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) njengoko siqinisekiswe ngu-Umalusi, apho awona manqaku asezantsi ayi-30% kulwimi lokufunda nokufundisa lweziko lemfundo ephakamileyo elikhethiweyo.
2.3 Ezona mfuno zisezantsi zokwamkelwa kwabafundi kwiDiploma siSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) njengoko siqinisekiswe ngu-Umalusi, apho awona manqaku asezantsi ayi-30% kulwimi lokufunda nokufundisa lweziko lemfundo ephakamileyo elikhethiweyo, kwakunye nereyithingi yokupasa engu-3 (achievement rating of 3) (Ukupasa ngomndilili) (Moderate achievement, 40-49%) okanye apase bhetele izifundo ezine ezivunyiweyo zeNSC ngeekhredithi eziyi-20 (NSC 20-credit subjects).
2.4 Ezona mfuno zisezantsi zokwamkelwa kwabafundi kwiBachelor's Degree, siSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) njengoko siqinisekiswe ngu-Umalusi, apho awona manqaku asezantsi ayi-30% kulwimi lokufunda nokufundisa lweziko lemfundo ephakamileyo elikhethiweyo, kwakunye nereyithingi yokupasa engu-4 (achievement rating of 4) (Ukupasa ngokwanelisayo) (Adequate achievement), 50-59%) okanye apase bhetele izifundo ezine ezivunyiweyo zeNSC ezikhethwe kolu luhlu lwezifundo lulandelayo ngeekhredithi eziyi-20 (NSC 20-credit subjects (neziya kwaziwa "njengoluhlu lwezifundo olukhethiweyo":
  • Accounting
  • Agricultural Sciences
  • Business Studies
  • Dramatic Arts
  • Economics
  • Engineering Graphics and Design
  • Geography
  • History
  • Consumer Studies
  • Information Technology
  • Languages (one language of learning and teaching at a higher education institution and two other recognised language subjects)
  • Life Sciences
  • Mathematics
  • Mathematical Literacy
  • Music
  • Physical Sciences
  • Religion Studies
  • Visual Arts
3. Ezi mfuno zizezona zisezantsi zamvanje zokwamkelwa kwabafundi ziya kuqala ukusebenza ukususela nge-1 Januwari 2009. Abafundi abangena kumaziko emfundo ephakamileyo ngo-2009 kufuneka ke ngoko bazifezekise ezi mfuno zimiselweyo.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zazise okukule setyhula ootitshala bezikolo zazo, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:19


Government Gazette 31231 of July 2008 ("Minimum Admission Requirements")  (ubukhulu: 462 KB)