1. INGCACISO YOKWANDLALELA
1.1 Njengoko kumiselwe ngumthetho, iLungu leSigqeba soLawulo (Member of the Executive Council (MEC)) lemfundo lithetha-thethene ngokufanelekileyo nemibutho yabasebenzi yePhondo ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (Provincial Education Labour Relations Council (PELRC)), kwakunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo eyaziwayo kweli phondo ngokumalunga nenani lilonke lezithuba zootitshala elinako ukuzihlawulela ezikumaziko emfundo eSebe leMfundo leNtshona Koloni. Ukulungiselela u-2009, lilandisile inani lezithuba zootitshala elinako ukuzihlawulela ngezithuba eziyi-305, xa kuthelekiswa nenani lezithuba ezazikho ngo-2008.
1.2 Izithuba ezabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zibalwe ngokwemigaqo ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba (revised post distribution norms) eyavunywa yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Committee (HEDCOM)) ngo-2007 emva kweenguqu zamvanje kwikharityhulam yeBakala 12. Ubungakanani beemfuno (weightings) kwiBakala 12 uye watshintsha ngenxa yeenguqu ezibangelwe yikharityhulam yeBakala 12.
1.3 Ngaphambi kuka-2005, izithuba ezabelwe amaziko azizikolo zikarhulumente ezinemfundo eneemfuno ezizodwa (special public schools) zazikhutshwa qho ngonyaka wesithathu (issued every 3rd year), kodwa ukususela ngo-2005 izithuba ezabelwe la maziko zikhutshwa qho ngonyaka.
1.4 Njengoko kumiselwe ngumthetho, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lithetha-thethene nawo omabini amaqela emibutho yabasebenzi yePhondo ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (Provincial Education Labour Relations Council (PELRC)), kunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo eyaziwayo ngokumalunga nezi zithuba zabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa.
2. IMIQATHANGO (IMIGAQO NGOKUBANZI)
2.1 INDLELA EZIMI NGAYO IZITHUBA (POST STRUCTURE)

Ukuma kwezithuba neenkcazo ezikwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 4/2003 yeBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane eMisebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)) kusasebenza nakulwabiwo lwezi zithuba zamaziko. Ukwenzela ukucacisa gca, kucelwa uqaphele into yokuba izigqibo ezikolu xwebhu Occupation Specific Dispensation for Educators (OSD) (Collective Agreement 1 of 2008 of the ELRC) azinayo nayiphi na inxaxheba kulwabiwo lwezi zithuba zamaziko azizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zika-2009.

2.2 UKUHLELWA KWEZIKOLO (SCHOOL GRADINGS)

Izikolo zihlelwe ngokweMigangatho yokuHlelwa kweZikolo (School Grading Norms) ekwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 3/2006 ye-ELRC. Kucelwa ukhangele kwakhona umhlathi 2.1 apha ngasentla.

2.3 UKUPHELELWA LIXESHA KWEZITHUBA (EXPIRY OF POSTS) NGE-31 DISEMBA 2008
2.3.1 Ngokwemiqathango yeNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (RPDM), izithuba zamaziko azizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zikarhulumente ezinemfundo eneemfuno ezizodwa mazikhutshwe kunye nenani lezithuba ezabelwa amaziko qho ngonyaka phambi kokuphela kukaSeptemba wonyaka ongaphambili (before the end of September of the previous year). Oku kuthetha ukuba zonke izithuba zootitshala ezisebenza kunyaka wezifundo ka-2008 (applicable to the 2008 academic year) ezikhutshelwe izizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zikarhulumente ezinemfundo eneemfuno ezizodwa, kwakunye nazo zonke izithuba eziye zaveliswa ezongezelelwayo (all additional posts created) ezenzelwe nezinikwe isikolo sikarhulumente ngo-2008 zaloo nyaka, nokuba ngaba kungenxa yokwanda kwamanani obhaliso lwabafundi okanye kungenxa yeemfuno zekharityhulam zeziko lemfundo, ziyaphelelwa ukuphela kuka-2008.
2.3.2 Izithuba eziveliswe ngenjongo yokukhawulelana nemeko yethutyana (ad hoc posts) (ukongeza phezu kwezo ziboniswe kwizithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo sikarhulumente) nezanikwa izikolo ngo-2007 ngenjongo yokuba zisetyenziswe ngo-2008 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezithile zinomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala oyi-33:1 (kwizikolo eziziisekondari) okanye oyi-37,5:1 (kwizikolo zaseprayimari), nazo ziyaphelelwa lixesha ekupheleni kuka-2008.
2.4 UKWABIWA KWEZITHUBA ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA: IZITHUBA EZIYI-458 ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA (EKUZIZITHUBA ZENQANABA I)

ISebe i-WCED linovuyo ukubhengeza ukuba, ngenxa yokukhula kwenani lilonke lezithuba elinako ukuzihlawulela, libe nako ukuzigcina zikho izithuba eziveliswe ngenjongo yokukhawulelana nemeko yethutyana ngo-2009, neziya kunikwa izikolo njengoko kucacisiwe apha ngasezantsi:

2.4.1 Zizithuba ezingamakhulu amane anamashumi amahlanu anesibhozo (458), eziza kwabelwa izikolo ngenxa yokukhawulelana nemeko yethutyana ukongeza phezu kwezo ziboniswe kwizithuba ezisisigxina ezabelwe izikolo, ezivunywe ngonyaka wezifundo ka-2009.
2.4.2 Kuye kwajongwa oku kulandelayo xa bekusabelwa izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezi zithuba zongeziweyo ziyi-458 zokukhawulelana nemeko yethutyana (ekubeni kuthathelwe ingqalelo kuqala izithuba ezisisigxina ezabelwe iziko ngalinye ngo-2009):

(a) Apho indlela ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba yabe izithuba zootitshala ezingaphantsi kwezi-6 kwisikolo esiyisekondari esincinane, iSebe i-WCED liye longeza izithuba zootitshala zaya kutsho kwezi-6. Umzekelo, ukuba isikolo bekufanele sifumane ootitshala abane (4) ngokwale ndlela ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba, siye sasinikwa ezinye izithuba ezi-2
(b) Apho indlela ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba yabe izithuba zootitshala ezingaphantsi kwezi-6 kwisigaba sesekondari sesikolo esidibeneyo (combined school), siye songeza izithuba zootitshala zaya kutsho kwezi-6 kwisigaba sesekondari. Umzekelo, ukuba isikolo bekufanele sifumane ootitshala abane (4) ngokwale ndlela ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba kwisigaba sesekondari, siye sasinika isikolo ezinye izithuba ezi-2 zesigaba sesekondari
(c) Izithuba ezingamashumi amabini anesixhenxe (27) zabelwe ezinye zezikolo ezifundiswa ngutitshala omnye kuphela.
(d) Izithuba eziseleyo kwezo zokukhawulelana nemeko yethutyana ziye zabelwa izikolo ezinomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala ongaphezu kwe-33:1 (kwizikolo eziziisekondari) okanye ongaphezu kwe-37:1 (kwizikolo zaseprayimari), de libe liphelile inani lezithuba ezivunywe ngenxa yokukhawulelana nemeko yethutyana.

2.4.3 Ezi zithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana (ukongeza phezu kwezithuba zootitshala eziboniswayo ezisisigxina ezabelwe isikolo (fixed establishment) ezinikwa izikolo ukuba zizisebenzise ngo-2009 ukuqinisekisa ukuba izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezithile zinomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala oyi-33:1 (kwizikolo eziziisekondari) okanye oyi-37:1 (kwizikolo zaseprayimari), nazo ziya kuphelelwa lixesha ekupheleni kuka-2009. Oku kuthetha ukuba ezi zithuba aziyi kuba sisigxina.
2.4.4 Lilungelo leSebe i-WCED ukubala ngokutsha naluphi na ulwabiwo lwezithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana ukuba ingcaciso ngesikolo eso, njengoko ifunyenwe kwiSaveyi yeKhompyutha ye-CEMIS (CEMIS Online Survey) kaMatshi 2008, kufunyaniswe ukuba ayichanekanga.

QAPHELA: Izithuba ezingamashumi amathathu anethoba (39) zokukhawulelana nemeko yethutyana zabelwe izikolo njengezithuba zootitshala abangoonojikelela (itinerant posts) kwizikolo ezingaphezu kwezingamashumi amathathu anethoba kweli phondo.

Izithuba ezilishumi elinesithathu (13) zesifundo se-Information Technology (IT), zabelwe izikolo ezilishumi elinesithathu kwiphondo liphela ukwenzela ukuba zibe kumaziko eekhompyutha (computer centres). Kufuneka la maziko eekhompyutha angasisebenziseli nje kuphela esi sithuba ekufundiseni abafundi bawo ngexesha lesikolo, kuloko asisebenzinzele nokufundisa iiklasi zasemva kwemini zabafundi bezikolo ezingabamelwane/ezikufuphi abenza esi sifundo kodwa abangenazititshala zakubafundisa i-IT ezikolweni zabo. Amagama ala maziko eekhompyutha ayafumaneka kwiCandelo leKharityhulam ye-FET (Directorate: Curriculum FET).

2.5 UKWABIWA KWEZITHUBA ZEZIKOLO EKUGXILWE KUZO (FOCUS SCHOOL POSTS)
2.5.1 Izithuba zootitshala ezilishumi elinanye (11) zinikwe izikolo ekugxilwe kuzo ukongeza kwizithuba ezizabelweyo ngo-2008. Ngako oko ke izithuba ezingamashumi amahlanu anesixhenxe (57) zezikolo ekugxilwe kuzo ezisisigxina zabelwe izikolo ezithile ekugxilwe kuzo ukongeza phezu kwezo zithuba zootitshala zisisigxina ezabelwe isikolo ngo-2009.
2.5.2 Ezi zithuba mazisetyenziselwe kuphela qwaba injongo ebezabelwe yona kwaye maziqhubele phambili iinjongo zePhulo leZikolo ekuGxilwe kuzo (Focus School Initiative). Makwenziwe zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba kugaywa kwezi zithuba ootitshala abafanelekileyo, abaqeqeshwe ncam ngokwasemfundweni. Ukuba akukho ndlela yakugaya utitshala ofanelekileyo noqeqeshwe ncam, kungathi ke kuqwalaselwe utitshala onamava ngesifundo eso ngenjongo yokuba aqeshwe, ngokuxhomekeka ekubeni kungeniswa izizathu ezibhaliweyo nezivokothekileyo zokumthethelela loo titshala
2.5.3 Ngenjongo yokuphucula imfundo nenqanaba lokupasa, izikolo ezikhethiweyo ze-MST (Maths, Science and Technology) kwezo kugxilwe kuzo, ingakumbi kwiMathematika neFizikhali Sayensi (Physical Science), zinikwe isithuba esinye ukongeza kwizithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana (iSithuba seNqanaba 1).
2.5.4 Inani lezithuba ezinikwe izikolo ekugxilwe kuzo zika-2009 zibhalwe kwileta eza kuthunyelwa kwiziko yokulazisa ngezithuba zootitshala elabelwe zona.
2.6 IZITHUBA ZEZIKOLO ZE-DINALEDI
2.6.1 Uhlobo ezabiwe ngalo izithuba ezongeziweyo ezabelwe iZikolo zeDinaledi (Dinaledi Schools) (ukongeza phezu kwezo zithuba zabelwe isikolo ngasinye seDinaledi) luza kuhlala lunjalo lungatshintshanga.
2.6.2 Ezi zithuba azisayi kuqwalaselwa xa kugqitywa malunga nenani lezithuba zonyuselo-sikhundleni ezabelwe isikolo eso.
2.7 IZITHUBA ZESIGABA SESISEKO (POSTS FOR FOUNDATION PHASE)
2.7.1 Njengoko sele kutshiwo ngaphambili, landisiwe inani lilonke lezithuba elinako ukuzihlawulela iSebe i-WCED ngo-305, ukususela nge-1 Januwari 2009. Emva kothetha-thethwano nabathathi-nxaxheba abachaphazelekayo (relevant stakeholders), kufikelelwe kwisigqibo izithuba eziyi-150 kwezi ziyi-305 ziya kwabelwa iSigaba seSiseko sezikolo. Injongo yoku kukuphucula ulwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala ezikolweni zethu zaseprayimari.
2.7.2 Ukwabiwa kwezithuba ezabelwe amaziko ezisisigxina (fixed establishment) zezikolo ezineSigaba seSiseko kuya kwenziwa ngendlela eqhelekileyo, ekuya kuthi emva koko kuphinde kujongwe ubungakanani bemfuno (weighting) yabafundi beSigaba seSiseko, okungabangela izikolo ezininzi ezineSigaba seSiseko ziphinde zifumane esinye iSithuba seNqanaba I esongeziweyo (ezinye iZithuba zeNqanaba I ezongeziweyo) (an) additional Post Level 1 post(s).
2.7.3 Ezi Zithuba zeNqanaba 1 zongeziweyo mazisetyenziswe kuphela kwiSigaba seSiseko sesikolo.
2.7.4 Oku kuthetha ukuba zonke izikolo ezichaphazelekayo mazibenalo ubuncinane elona nani lisezantsi lezithuba zeSigaba seSiseko eliqhelekileyo elabiwa sisikolo KWAKUNYE nesithuba sokukhawulelana (nezithuba zokukhawulelana) nemeko yethutyana seSigaba seSiseko esabiwe/ezabiwe ngenxa yobungakanani bemfuno (weighting) obukhankanywe apha ngasentla kubafundi beSigaba seSiseko.
2.7.5 ISithuba seNqanaba I esongeziweyo (iZithuba zeNqanaba I ezongeziweyo) esabiweyo singazaliswa ngokusisigxina.
2.7.6 Ezi zithuba azisayi kuqwalaselwa xa kugqitywa malunga nenani lezithuba zonyuselo-sikhundleni ezabelwe isikolo eso..
2.8 ABAFUNDI BEBAKALA 9: UKUBALWA KWEZITHUBA EZABELWA AMAZIKO
2.8.1 Xa kwakufakelwa izilungiso kumgaqo-nkqubo wobudala bobhaliso lwafundi esikolweni (when age-of-enrolment policy was amended) ekuqaleni kuka-2000, kwabangela ukuncipha phantse nge-22 000 kwamanani abafundi beBakala 1 ababhalisayo. Oku kubangela inani elincinane labafundi beBakala 9 ngo-2008. Kucingelwa ke ngoko ukuba inani lilonke labafundi beBakala 10 ngo-2009 liya kuthi libe ngaphantsi kakhulu kuneleminyaka yangaphambili. Ngenxa yoku, yaye ukwenzela ukugcina uzinzo kwinkqubo yemfundo, izithuba ezisisigxina ezabelwe izikolo ezinabafundi beBakala 9 ngo-2008, zibalwe ngolu hlobo lulandelayo:

(a) Kucelwa uqaphele: Inani lezithuba ezabelwe isikolo linani elidibanisa izithuba zekharityhulam zesikolo kunye nezithuba zokulungisa imeko yokuhlwempuzeka kwesikolo (poverty redress school of the school) nokuxhomekeke kwinani lobungakanani bemfuno yabafundi esikolweni nakobo bephondo. Inani lilonke lobungakanani bemfuno yabafundi besikolo linani elidibanisa inani lobungakanani bemfuno yabafundi kuwo onke amabakala kweso sikolo, kunye nobungakanani bemfuno kulwimi lokufundisa, kunye nobungakanani bemfuno yolwazi abeza sele benalo abafundi (baseline weight). Nangona kunjalo, inani lobungakanani bemfuno labafundi kwiphondo, linani lilonke lobungakanani beemfuno zabafundi lazo zonke izikolo kwiphondo.
(b) Inkqubo eyalandelwayo yile: Kwaye kwasetyenziswa iNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (RPMD model) kwinani lilonke labafundi beBakala 9 lesikolo ngasinye ngo-2008. Eli nani lilonke labafundi beBakala 9 ngo-2008 lasetyenziselwa ukubala inani lobungakanani bemfuno labafundi ngo-2009, kwakunye nenani lilonke lobungakanani bemfuno labafundi kwiphondo ngo-2009. La manani asetyenziswa okokuqala, ukubala inani lilonke lezithuba zekharityhulam ngo-2009. Lakuba libaliwe inani lilonke lezithuba zekharityhulam ngo-2009, lathelekiswa nenani lilonke lezithuba zekharityhulam ngo-2008.

(i) Ukuba lilonke inani lokuqala lezithuba zekharityhulam ngo-2009 lalilingana okanye lingaphezulu kwenani lilonke lezithuba ngo-2008, kongezwa isithuba sokulungisa (izithuba zokulungisa) imeko yokuhlwempuzeka kwesikolo (school's poverty redress post(s)), kwaza kwalungelelaniswa ukubalwa kwenani (rounded off) ukuze kuphume inani lezithuba elabelwa isikolo ngo-2009, emva kokuba kuhlaziywe inani lilonke lobungakanani bemfuno yabafundi elabalwayo kwisikolo ngasinye nakwiphondo.
(ii) Ukuba lilonke inani lokuqala lezithuba zekharityhulam ngo-2009 lalingaphantsi kwenani lilonke lezithuba ngo-2008, ngokuqinisekileyo oko kwakuza kuba kubangelwe linani elisezantsi labafundi kwiBakala 9 ngo-2008, xa kuthelekiswa nenani lilonke labafundi beBakala 9 ngo-2007, ngoko ke bekuza kusetyenziswa lilonke inani labafundi beBakala 9 ngo-2007 elingaphezulu, ekubaleni inani lilonke lobungakanani bemfuno elihlaziyiweyo labafundi beBakala 9 ngo-2009 leso sikolo, kwakunye nokubala inani lawo onke amanani (grand total) ahlaziyiweyo obungakanani bemfuno kuzo zonke izikolo ngo-2009. Libizwa eli nani lilonke lezithuba zekharityhulam ngokuba linani lesibini lezithuba zekharityhulam ngo-2009. Lilonke inani lezithuba zemeko yokuhlwempuzeka kwesikolo (school's poverty redress post) lidityaniswa nenani lilonke lezithuba zekharityhulam zesibini lika-2009 lize eli nani lilonke libalwe lilungelelaniswe (rounded off) ukuze kuphume inani lezithuba elabelwa isikolo ngo-2009, ekubeni kuthathelwe ingqalelo amanani ewonke obungakanani beemfuno zabafundi ahlaziyiweyo.

2.8.2 Malunga namanye amabakala, kusetyenziswe amanani abafundi afunyenwe kwiSaveyi yeCEMIS (CEMIS Online Survey) kaMatshi 2008 ukubala inani lezithuba elabelwa isikolo ngasinye njengoko kuqheleke ukwenziwa njalo.
2.9 IZITHUBA ZOKUXHASA UKUFUNDA

Izithuba zokuXhasa ukuFunda kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ziqhagamshelwe kwizithuba ezabelwe izithili zemfundo yaye ke ngoko, aziveli kwizithuba ezabelwe izikolo, ngaphandle kwezo zabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinee-unit classes ezivunyiweyo.

2.10 IZITHUBA ZEETHERAPISTI

Kwabiwe izithuba zeetheraphisti ezilishumi elinanye (11) ezongezelelweyo ngonyaka wezifundo ka-2009. Oku kwenza kube zizithuba ezili-132 zizonke ekufuneka zabelwe izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa.

2.11 IZITHUBA ZEESAYIKHOLOJISTI: IZIKOLO ZIKARHULUMENTE ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA (PUBLIC SPECIAL SCHOOLS)

Izithuba zeesayikholojisti kwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, apho oku kusebenzayo, ziyinxalenye yezithuba zonyuselo-sikhundleni.

2.12 UKUHLAZIYWA KWEZITHUBA EZABELWE AMAZIKO NGO-2009
2.12.1 ISebe i-WCED labele amaziko aphantsi kwalo inani lezithuba elinako ukuzihlawulela ngokungqinelana neRPDM nemiqathango ecaciswe kule setyhula.
2.12.2 Nakuba kunjalo, iSebe i-WCED liyayiqonda into yokuba kunokwenzeka ukuba kubekho iintloko zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinqwenela ukuba kuhlaziywe ulwabiwo lwezithuba zamaziko azo ngenxa yeenguqu ezizodwa kakhulu (exceptional changes) kwiimeko zezikolo zazo. Kwimeko zokuhlaziywa kolwabiwo lwezithuba zamaziko makungeniswe izicelo ezixhaswa zizizathu ezivakalayo kwiSebe i-WCED. Mazithunyelwe kulo The Director Human Capital Planning, Western Cape Education Department, Room 2012, 2nd Floor, Atterbury House, WCED, Lower Burg Street, Cape Town, 8000. Kungenjalo ungasebenzisa le nombolo yefeksi 021 467 9384 okanye 086 695 4133 okanye le dilesi ye-imeyili mdelo@pgwc.gov.za Kucelwa uzibhale zonke izicelo ngolu hlobo: "For attention: Nksz MN Delo". Ezi zicelo mazifike kwiSebe i-WCED ungadlulanga owe 19 Oktobha 2008.
2.13 UKUTSHITSHISWA KWEZITHUBA NGENXA YOKUNCIPHA KWENANI LOBHALISO NGOSUKU LOKUQALA LUKA-2009
2.13.1 Apho isikolo sifumana ukuba linciphile inani lobhaliso lwabafundi baso xa zivulwa izikolo ngo-2009, o.k.t. apho inani lobhaliso lwabafundi ngosuku lokuqala lwesikolo lingaphantsi kwenani labafundi (kwidatha yeCEMIS 2008) eliboniswe kwizithuba zalo elizabelweyo ngo-2009, ezo zithuba zinokuzaliswa kuphela kangangoko kulingana nomlinganiselo wenani labafundi emalifundiswe ngutitshala weso sikolo ngokwenani labafundi elibhalisileyo ngo-2009.
2.13.2 Oku kulapha ngasentla kuthetha ukuthi, ukuba inani lezithuba ezabelwe isikolo ngo-2009 (ngokususela kwidatha yeCEMIS 2008) yabafundi abali-1000, lithi libonelele ngezithuba ezingama-30 (enika umlinganiselo wenani labafundi emalifundiswe ngutitshala ongu-33.33: 1 kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo esichaphazelekayo), lize inani lobhaliso lwabafundi kusuku lokuqala esikolweni ngo-2009 libe lingu-920 kuphela, ngoko ke inqununu inokuzalisa izithuba eziyi-28 kuphela, o.k.t ama-920 ohlula-hlulwe ngo-33.33 uba ngu-28 (27.60) (920÷ 33.33 = 28 (27.60)). Izithuba ezibini ezishiyekileyo ziya kutshitshiswa zize zabelwe ezinye izikolo apho kuye kwakho ukukhula kwamanani kuzo. Olu lwabiwo ngokutsha luya kususela kwakhona kwinani labafundi ababhaliswe kwiCEMIS.
2.13.3 Lo mqathango ukhankanywe apha ngasentla AWUSEBENZI kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo apho ZONKE izithuba ezikhoyo zizaliswe ngootitshala abasisigxina. Nakuba kunjalo, ukuba kuthi kuvuleke isithuba ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kuya kusetyenziswa lo mqathango ulapha ngasentla.
2.14 UKUTSHITSHISWA KWEZITHUBA NGENXA YOKUNCIPHA KWENANI LOBHALISO NGETHUBA LOKUQHUBEKA KUKA-2009

Lilungelo leSebe i-WCED ukutshitshisa iZithuba zeNqanaba 1 ukuba kukho ukuhla kwamanani obhaliso lwabafundi esikolweni ngethuba lokuqhubeka konyaka u-2009. Kwiimeko ezinjengezi ootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina (in a temporary capacity), baya kutshintshelwa kwizithuba ezikwamanye amaziko. Ngako oko ke ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba, xa kugaywa ootitshala abaqeshwa ngokungesosigxina, mazibaxelele abenzi-sicelo ukuba mabazi ukuthi baqeshwa kukho into yokuba bangatshintshelwa kwamanye amaziko xa kutshitshiswa izithuba ngenxa yokuncipha kwenani lobhaliso lwabafundi.

2.15 UKUDALWA KWEZITHUBA NGENXA YOKWANDA KWENANI LOBHALISO NGO-2009
2.15.1 Izicelo ezenziwa zizikolo kwiSebe i-WCED zokudalwa kwezithuba ezongeziweyo kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngenxa yokwanda kwenani lobhaliso lwabafundi okanye ngenxa yezinye iimeko ezingqongileyo (other contextual factors), mazingeniswe ngekhompyutha ngokuzithumela nge-CEMIS. Akukho sicelo siya kuqwalaselwa ukuba asingeniswanga ngokusebenzisa ikhompyutha sithunyelwe nge-CEMIS. Xa isikolo sisenza isicelo sesithuba esongezelelweyo, masingenise isicelo esixhaswa zizizathu ezivakalayo kakunye neshedyuli yokucacisa ukuba baya kusetyenziswa njani na abo titshala. Yonke imiqathango echazwe kule Ngcaciso iMfutshane DPE Minute No. 0007/2006, yomhla we-8 Disemba 2006 nakule Setyhula 0011/2003 ye-16 Januwari 2003 isasebenza nangoku, ngaphandle nje komahluko omnye wokuba izicelo zenziwa ngekhompyutha zize zithunyelwe nge -CEMIS.
2.15.2 Kucelwa iinqununu ziqaphele oku kulandelayo:
  • Izicelo zokongezelelwa izithuba aziyi kuthathelwa ngqalelo emva kokuphela kwekota yokuqala ngo-Apreli 2009.
  • Makungatyunjwa titshala ukuba aqeshwe kwisithuba esongezelweleyo sisikolo, (esenze isicelo ngenxa yokwanda kwenani labafundi ababhalisiweyo kunye/okanye ngenxa yeemfuno zekharityhulam zesikolo) ngaphandle kokuba kufunyenwe imvume yokudalwa kweso sithuba songezelweleyo. Imvume elolu hlobo iya kufunyanwa ibhalilwe ivela kwiNtloko yeSebe leMfundo okanye kulowo idlulisele kuye amagunya.
3. IZITHUBA ZIKA-2009 (2009 ESTABLISHMENTS)
3.1 UKUZALISWA KWEZITHUBA XA KWANDISWE INANI LEZITHUBA

Kwimeko apho kuye kwakho ukwanda kwinani lezithuba zootitshala elabelwe isikolo sikarhulumente esiqhelekileyo, izithuba ezitsha eziye zavela zinokuzaliswa ngolu hlobo lulandelayo:

(a) Ngokumatanisa nokufaka esithubeni ootitshala abangaphezu kwemfuneko (by matching and placing of staff in excess) (Makuqatshelwe ukuba ukumatanisa nokufaka esithubeni ootitshala abangaphezu kwemfuneko yinkqubo eqhubeka okokoko, nekhethwa kuqala kunaleyo yokupapashwa kwezithuba.
(b) Ngokupapashwa kuLuhlu lweZithuba ngenjongo yokuzaliswa ngokusisigxina kwezithuba ezilolu hlobo. (Oku kuthetha ukuba iZithuba zeNqanaba 1 nezithuba zonyuselo-sikhundleni mazipapashwe ngokukhawuleza kakhulu kangangoko oku kunokwenzeka.)
(c) Ngokuqeshwa kootitshala ngokusisigxina okanye ngokungesosigxina okanye ngokuthi babe ngababambeleyo (in an acting capacity) ngokwemigaqo emiselweyo yomgaqo-nkqubo okhoyo.

3.2 UKUZALISWA KWEZITHUBA XA KUNCITSHISWE INANI LEZITHUBA
3.2.1 Kwimeko apho liye lancipha inani lezithuba kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa (o.k.t. apho kutshitshiswe isithuba okanye izithuba), isikolo singazalisa kuphela elo nani lezithuba libonisiweyo kuluhlu lwezithuba esizabelweyo. Ngako oko ke oku kuthetha ukuba isikolo asinako konke konke ukuzalisa ngaphezu kwenani lezithuba esizabelweyo sona.
3.2.2 Ukuba kuthe kwakho inani lootitshala abaqeshwe ngokusisigxina elingaphezu kwenani lezithuba ezabelwe eso sikolo, eso sikolo masingaze siphinde siqeshe abanye ootitshala nokuba ngaba kungokusisigxina okanye ngokungesosigxina.
3.2.3 Ziyakhunjuzwa kwakhona iintloko zamaziko emfundo ukuba iSebe i-WCED aliliniki iziko ootitshala abambeleyo apho kukho ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina abangaphezu kwenani lezithuba.
3.2.4 Ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina mabavakaliswe njengabangaphezu kwemfuneko (declared in excess) ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (ELRC Collective Agreement 4/2003).
3.3 UKUZALISWA KWEZITHUBA EZIPAPASHIWEYO
3.3.1 Zonke izithuba esele zipapashwe kuLuhlu lweZithuba lweSebe zingazaliswa ngokusisigxina, ngokuxhomekeka ekubeni isithuba eso sikho kwinani lezithuba ezabelwe iziko ngo-2009.
3.3.2 Ukuba kuthe kanti isithuba eso asikho kwinani lezithuba ezabelwe iziko ngo-2009, elo ziko alinalungelo leso sithuba yaye eso sithuba siya kuthathwa ngokuba sipapashwe ngempazamo.
3.3.3 Usaza kuhlala usebenza umgqaliselo othi isithuba esipapashiweyo (ngakumbi isithuba sonyuselo-sikhundleni) singazaliswa kuphela xa singazi kudala omnye utitshala ongaphezu kwemfuneko.
3.3.4 Ukuba iintloko zamaziko emfundo kunye namabhunga olawulo zithi zibe noluvo lokuba inkcazo yesithuba esipapashiweyo ayisazanelisi iimfuno zekharityhulam zelo ziko, zinokucela iSebe i-WCED ukuba lisithathe eso sithuba njengesipapashwe ngempazamo. Isicelo esilolu hlobo masihambe kunye nenkcazo ebanzi yezizathu ezisixhasayo.
3.4 UKUZALISWA KWEZITHUBA ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA
3.4.1 Ukuzaliswa kwezithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana (ad hoc posts) kungenziwa kuphela ngokuba kuqeshwe abangesosigxina (in a temporary capacity) yaye, xa kuyimeko yootitshala abaqeqeshwe ngokupheleleyo (fully qualified educators), oko kuqeshwa ngokungesosigxina, makungabi ngaphezu kweenyanga zekhalenda ezilishumi elinambini yaye makungadluleli ngaphaya kwe-31 Disemba 2009.
3.4.2 Ukuzaliswa kwezithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana, makwenziwe ngokuthi kuthathelwe ingqalelo imihlathi 2.12 no-2.12 yale setyhula.
3.5 OOTITSHALA ABANGAPHEZU KWEMFUNEKO
3.5.1 Ootitshala esekuthiwe bangaphezu kwemfuneko, ngokususela kulwabiwo lwezithuba lwangaphambili nangokungqinelana neenkqubo zangaphambili, nabasengaphezu kwemfuneko nangoku, baya kugcina loo meko yabo yokubangaphezu kwemfuneko (retain their in excess status). Imeko yaba titshala iya kusingathwa ngokulandela iimvumelwano ezikhoyo ngoku kunye nemibutho yabasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
3.5.2 Aba titshala bangaphezu kwemfuneko (funda umhlathi 3.5.1) banokufakwa ezithubeni ezabelwe amaziko ngokutsha ngokuthi kumataniswe (by matching) izithuba ezilingana nezo bakuzo baze ke baqeshwe apho kuzo [funda umhlathi 3.1 (a).
3.5.3 Njengoko kucacisiwe kumhlathi 3.2.4 apha ngasentla, ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina mabachazwe njengabangaphezu kwemfuneko ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
4. IMIBUZO

Kucelwa ubhekise yonke imibuzo emalunga nale setyhula kubaphathi beekomiti zeesekethe.

5. IZINTO NGOKUBANZI

Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo ukuze bonke bayithathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-RB SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:05