1. |
Kuye kwayimfuneko ukukhupha esi sikhokelo silandelayo sokusetyenziswa kwamakhadi edatha:
|
1.1 |
Onke amakhadi edatha ahlala ebhaliswe ngegama leSebe i-WCED, nelizibopheleleyo ukuhlawula umrhumo wenyanga kwephakheji evumela ukukhutshelwa (downloading) kwedatha eyi-500MB. Nakuba kunjalo, igosa ngalinye liya kuba noxanduva lokuhlawula iintlawulo eziye zagqitha kumyinge osikiweyo (set limit).
|
1.2 |
Ngenxa yephakheji entsha yamakhadi edatha i-data-card bundle package, iimvumelwano zee-mobile data cards ezikhoyo ngoku zingaphuculwa zakuba ziphelelwe lixesha. ISebe i-WCED lingena kwimvumelwano yeenyanga eziyi-24 nomboneleli-nkonzo. Ii-bundle zedatha ezingasetyenziswanga ziphelelwa lixesha ekupheleni kwenyanga nganye kwaye azinako ukudluliselwa kwenye inyanga elandelayo. Zakuba zisetyenzisiwe ii-bundle zemvumelwano eziyi-500MB, kuya kusebenza ireyithi esetyenziswayo ye-out-of-bundle.
|
1.3 |
Umyinge osikiweyo (set limit) ufakwa kwiimvumelwano zekhadi ledatha ngalinye. Kuza kuqaliswa ukusetyenziswa komyinge oyi-500MB data bundle ukususela ngoku kwizicelo ezitsha yaye kuya kufakwa umyinge osikiweyo wokusetyenziswa kwekhadi qho ngenyanga nganye kwakuphelelwa iimvumelwano ezikhoyo ngoku. Amagosa afuna inkonzo yekhadi ledatha makakhethe owabo umboneleli-nkonzo (uMTN okanye uVodacom). Kwezo meko apho umyinge unganelanga ukuhlangabezana neemfuno zomsebenzi wegosa, usekela mlawuli-jikelele ochaphazelekayo angakuvuma ukongezwa komyinge wegosa elo, akuba efumene isicelo esinezizathu ezixhasa oku ngokuvokothekileyo. Kufuneka umboneleli-nkonzo athi, ngokungqinelana nephakheji evunyiweyo, afake isithintelo kwikhadi ledatha ukuze kungagqithwa kumyinge osikiweyo.
|
2. |
Kucelwa bonke abasebenzi bamakhadi edatha bayibekwe esweni ngenyameko enkulu indlela abawasebenzisa ngayo amakhadi abo.
|
2.1 |
Oku kwenziwa bhetele kakhulu ngokufaka kwakhona zonke i-"Volume Counters" ekuqaleni kwethuba lokubizwa kwentlawulo (billing period) baze be babeke esweni i-"Total Volume Statistic" - oku akumelanga kugqitha kwi-512 000kB (o.k.t. i-500MB) kwidatha ethunyelweyo nengenileyo kuyo nayiphi na inyanga enye yokubizwa kwentlawulo ngokhutshwa kwesitatimenti senyanga. Qaphela ukuba ithuba lokukhutshwa kwesitatimenti sentlawulo nguMTN siqala nge-21 yenyanga ukuya kutsho kwi-20 yenyanga elandelayo.
|
2.2 |
I-"Volume Counters" zifakwa kwakhona ngokwenza oku kulandelayo: Lowuda (Load) iprogram yekhadi ledatha u-(F@stLink). Phambi kokufaka kwakhona iikhawunta, bhala idatha yezinto zizonke eziye "Zathunyelwa" ("Sent") nezo "Zingenileyo" ("Received") phantsi ko-"Total Volume Statistic". Sebenzisa oku ukuthelekisa oko ukusebenzisileyo noko kubhalwe kwi-invoyisi - buza nakuphi na ukungangqinelani kwezinto. Ukufaka kwakhona ii-volume counters, klikha nje uClear button (ngasentla nje kweConnect button nekuya kuthi emva koko i-"Volume Counters" zibuyiselwe kuziro (zero). Unako emva koko ukuyivala i-window.
|
3. |
Kusafuneka ngaphezulu koku kuqatshelwe ukuba, ngokwe-original DITCOM applications, amakhadi edatha anikwe amagosa athile (designated officials) ukuze akwazi ukufikelela kwimiyalezo yawo ye-imeyili xa engekho ezi-ofisini zawo - eneneni ke oku kukwandiswa kweGroupWise facility yawo - kwaye, kwiimeko ezikhethekileyo (in selected cases), kukufikelela kwi-backend databases (ezinjengo-EduInfoSearch). Ukufikelela okungengako (limited access) kwi-Intanethi ngeenjongo zophando/zeprojekthi kubonelelwe ngako kwi-500MB bundle. Kucelwa ukhumbule ukuba ukusetyenziswa ngokungenankathalo kwekhadi ngabantu abangengomagosa amiselwe oko nokukotshwa komculo, iividiyo zomculo nezinye iimveliso zevidiyo (umz. iividiyo zeYouTube neemuvi) akuyi kuxolelwa konke konke, njengoko ezi zinto zingunobangela wokusetyenziswa kakhulu kwezi zibonelelo neendleko ezixhomileyo ezihamba nako.
|
4. |
Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:28
|