1. Siyabulela ngamagama abatyunjwa afunyenwe nguNdlunkulu ngo-2007, sibe nako ukukhupha iBhaso eliLodwa leNyanga (itshekhi ye-14th ) (Special Monthly Award) (14th cheque) lokuwonga abantu ngabantu okanye amaqela qho ngenyanga kunyaka ophelileyo (ngaphandle kwango-Agasti 2007, ekusalindelwe nangoku igama lotyunjelwe lona). Iinkcukacha zabasebenzi abafumene amabhaso ngo-2007 zikwiSihlomelo VIII. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linqwenela ukuqhubela phambili ngokunika amabhaso nango-2008 ngako oko ke, niyabongozwa kwakhona ukuba nincede nityumbe abasebenzi bokufumana ibhaso.
2. Linye qwaba ngenyanga ibhaso elinokukhutshwa linikwe umqeshwa okanye iqela labaqeshwa kwiSebe iWCED liphela ngenxa yomsebenzi oqaqambe ngokukodwa.
3. Ngalinye igama elityunjiweyo kufuneka lixhaswe bubungqina benye yezi zinto okanye bezinye zezi zinto zilandelayo :
  • Ukuphucula, phakathi kwezinye izinto, iindlela zokusebenza (methods), iinkqubo (procedures), izixhobo zomsebenzi kunye/okanye iimeko zomsebenzi
  • Ukuphucula umgangatho weziveliso (products), kunye/okanye wenkonzo
  • Inkonzo eqaqambileyo, umzekelo, igadi entle kunye/okanye amabala esikolo acocekileyo
  • Ukunciphisa iindleko kunye/okanye ukuphelisa inkcitho eninzi enxulumene, umzekelo, nosetyenziso lwezinto zokubhala (stationery), lwestokhwe okanye lwempahla
  • Ukuphucula amanyathelo okhuselo nokhuseleko kunye/okanye ukuziphatha
  • Umsebenzi owodwa okanye onzima nobilis' ibunzi owathi, ukongeza kwimisebenzi yesiqhelo yalowo uchaphazelekayo (yabo bachaphazelekayo), wenziwa ngomxhino nokuzimisela okungaphaya kokuqhelekileyo waza wagqitywa ngempumelelo
  • Naluphi na uphuculo olulolunye, ukonga imali okanye umsebenzi okanye inkonzo engaphaya kwesiqhelo

Imizekelo yezizathu ezixhasayo ezibhaliweyo eyavunywayo iqhotyoshelwe njenge-siHlomelo IX.

4. Iinqobo zokugweba xa kuvavanywa nolwabiwo lwamanqaku
4.1 Amagama abatyunjiweyo aya kuvavanywa ngokungqinelana nezi nqobo zokugweba zilandelayo yaye kunikwe amanqaku ngokususela kwezi totali zilandelayo:
  • Ukugqwesa (i-10 lamanqaku)
  • Ixabiso elibonakalayo (i-10 lamanqaku)
  • Inzuzo engqinekayo (i-10 lamanqaku)
  • Umzamo nokuzenza idini (i-10 lamanqaku)
4.2 Amanqaku okugqibela anikwa kususelwa kwinani lilonke elingama-40 amanqaku, yaye elo gosa okanye elo qela malifumane ubuncinane ama-80% (o.k.t. ama-32 kuma-40 amanqaku). Aqhotyoshelwe amaxwebhu amanqaku ( IsiHlomelo V kubantu abangabodwa nesiHlomelo VI samaqela). Makuqatshelwe ukuba iinqobo zokugweba ezisetyenziswayo xa kuvavanywa iqela labantu azahluke kuyaphi kwezo zaxa kuvavanywa umntu omnye.
5. Njengoko kukhankanyiwe kumhlathi 2, ibhaso linokunikwa iqela labasebenzi.
5.1 Kutyunjwa ngokuthi kusetyenziswe ifom emiselweyo ( IsiHlomelo III ), yaye kusetyenziswa imiqathango efanayo njengaxa kutyunjwa umntu omnye.
5.2 Ukutyunjwa kwamaqela makukhatshwe yinkcazo epheleleyo yemisebenzi (yomntu ngamnye) eyenziweyo ngeli thuba lale nkqubo. Makusetyenziswe IsiHlomelo IV ukulungiselela le njongo, yaye makubekho, phakathi kwezinye izinto, ingcaciso elandelayo:
  • Isishwankathelo somsebenzi owenziweyo okanye seprojekthi eyenziweyo
  • Inkcazo yemisebenzi yaloo magosa athatha inxaxheba kwiprojekthi
  • Uvavanyo okanye ulwabiwo lwamanqaku ngokumalunga negalelo legosa ngalinye kwisiphumo esifunyenweyo
6. Oku kulandelayo ziinkcukacha ezisetyenziswayo ekunikweni kwamabhaso kulowo nalowo mntu nakumaqela:
  • Ibhaso elinikwa iqela liya kuba lelohlobo lokunikwa isixa-mali esimiselwe yintloko yesebe elo.
  • Indlela ekuza kwabelwa ngayo amalungu elo qela eso sixa-mali mayicaciswe kuloo ngxelo inezizathu ezixhasayo ezibhaliweyo enikwa yisuphavayiza
  • Ibhaso elinikwa umntu okwiqela malingaze libe ngaphezulu ngexabiso kumvuzo womntu ngamnye wenyanga enye otsalelwa umhlala-phantsi.
  • Umntu ongayedwa unikwa isatifikethi esisayinwe yiNtsumpa Jikelele, ukuqaphela ngokukodwa impumelelo yakhe.
7. Ukuze la mabhaso abe nokwabiwa ngokufanayo kubaqeshwa beSebe eli, kuya kuqwalaselwa kuphela amagama atyunjwe kwisithili esinye okanye kwaNdlunkulu kwinyanga nganye. Ukususela ngoJanuwari 2008 kucelwa amagama abatyunjwa avela kwisithili ngasinye nakwaNdlunkulu kwezi nyanga ziboniswe apha ngasezantsi:
Januwari 2008  METRO NORTH DISTRICT
Februwari 2008 HEAD OFFICE
Matshi 2008    EDEN & KAROO DISTRICT
Apreli 2008    METRO EAST DISTRICT
Meyi 2008      WEST COAST DISTRICT
Juni 2008      METRO SOUTH DISTRICT
Julayi 2008    CAPE WINELANDS DISTRICT
Agasti 2008    METRO CENTRAL DISTRICT
Septemba 2008  OVERBERG DISTRICT
Oktobha 2008   METRO NORTH DISTRICT 
Novemba 2008   HEAD OFFICE
Disemba 2008   EDEN & KAROO DISTRICT
8. Njengoko kubaluleke gqitha ukuba amagama abatyunjwa angeniswe kwangoko. Niyacelwa ukuba niqinisekise ukuba amagama abatyunjwa enyanga ethile afika kwaNdlunkulu lungadlulanga usuku lwe-15 lwenyanga engaphambili. Ukwenza umzekelo, amagama abantu abatyunjelwe uMatshi makafike kule ofisi ungadlulanga owe-15 Februwari. Ukuze kube nokwenzeka oku, ii-ofisi zezithili namacandelo achaphazelekayo makawuthathe umhla we-10 wenyanga engaphambi kwaleyo yokunikwa ibhaso, njengomhla wokuvala ukwamkelwa kwamagama abatyunjiweyo kubasebenzi bawo.
9. Kucelwa niqaphele ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente (public service personnnel) abakwi-ofisi okanye abakwiziko lemfundo elikwisithili esicacisiweyo okanye abakwaNdlunkulu, mabathathelwe ingqalelo ingaphelanga loo nyanga ithile.
10. Iingxelo ezingabo bantu okanye ezingaloo maqela afunyanwe ekufanele ukutyunjwa mazingeniswe ngaloo maziko emfundo kwii-ofisi zezithili zawo, apho amagama aya kuhluzwa yikomiti echotshelwe ngumlawuli wesithili. Kwakuba nje kugqityiwe ukwenziwa uhluzo lokuqala, makungeniswe iingxelo zokuchongwa kwabo ezivela kumaziko nakwi-ofisi yesithili, zikhatshwa yingxelo etsho ukuba ngubani na okanye liliphi na iqela ekufuneka lifumane ibhaso, kwi-Ofisini yaBasebenzi kwaNdlunkulu (Personnel Office at Head Office) apho kuya kwenziwa isigqibo sokugqibela.
11. Ukwenzela ukulungiselela imibuzo enokuvela kamva, makugcinwe iirekhodi zeengxoxo eziqhubeka ngexesha lenkqubo yokuhluza kwi-ofisi yesithili okanye kwaNdlunkulu.
12. La maxwebhu alandelayo naqhotyoshelweyo, makasetyenziswe kule nkqubo:
  • IsiHlomelo I: Ukutyunjwa komntu omnye
  • IsiHlomelo II: Inkcazo yomsebenzi womntu omnye
  • IsiHlomelo III: Ukutyunjwa kweqela
  • IsiHlomelo IV: Ukutyunjwa kweqela (inkcazo epheleleyo yemisebenzi yomntu ngamnye)
  • IsiHlomelo V: Uxwebhu lwamanqaku omntu omnye
  • IsiHlomelo VI: Uxwebhu lwamanqaku eqela labantu
  • IsiHlomelo VII: ISiqendu 37(2) (c) soMthetho weNkonzo kaRhulumente ka-1994, njengoko ufakelwe izilungiso
  • IsiHlomelo VIII: Iinkcukacha zabasebenzi abafumene amabhaso kunyaka ophelileyo
  • IsiHlomelo IX: Imizekelo yezizathu ezixhasayo ezibhaliweyo (leyo yavunywayo ngenjongo zokuwongwa ngamabhaso awodwa)
13. Ayinakugxininiswa ngokwaneleyo into yokuba isenzo eso masibe sesiqaqambe ngokukodwa ukuze loo mnntu okanye elo qela libe nokuthathelwa ingqalelo yokufumana ibhaso.
14. Eli bhaso lisebenza kubo bonke abasebenzi benkonzo karhulumente kumanqanaba ezithuba ezingaphantsi kwenqanaba lezolawulo (inqanaba lomvuzo 13).
15. Niyacelwa ukuba nazise bonke abaqeshwa abakwiziko lemfundo okanye kwicandelo lakho okanye kwi-ofisi yakho okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:12:21

Annexure I  (ubukhulu: 5 KB)
Annexure II  (ubukhulu: 4 KB)
Annexure III  (ubukhulu: 5 KB)
Annexure IV  (ubukhulu: 4 KB)
Annexure V  (ubukhulu: 6 KB)
Annexure VI  (ubukhulu: 6 KB)
Annexure VII  (ubukhulu: 8 KB)
Annexure VIII  (ubukhulu: 6 KB)
Annexure IX  (ubukhulu: 29 KB)