1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0036/2001, yomhla we-23 Matshi 2001.
2. Yayingummiselo ukuba iilogishithi zezithuthi zikaRhulumente zingeniswe kwicandelo lezoThutho ngeZithuthi zikaRhulumente (Government Motor Transport (GMT)) eKapa. Oku akuseyomfuneko ngoku kuba iikhilomitha ezihanjwe sisithuthi zifunyanwa ngokusebenzisa isistim yokulandelelwa kwezithuthi (vehicle tracking system). Nangona kunjalo, ilogishithi isisixhobo esibalulekileyo sokulawula nokungqinisisa iikhilomitha ezihanjwe zizithuthi ngokuzithelekisa nezo ziboniswa yisistim yokulandelelwa kwezithuthi. Ikwasisixhobo esibalulekileyo sokucwangcisela usetyenziso lwezithuthi kwixesha elizayo ngenxa yeengxaki zokunqongophala kwemali (budgetary constraints).
3. Ngako oko ke, iya kuthakazelelwa into yokuba ilogishithi yentsusa (original logsheet) (ikopi engaphezulu) igcinwa zii-ofisi zesithili ize ikopi yesibini (etyheli ngombala) ingeniswe kwaNdlunkulu (ibhalwe "For attention: Mr J.G Heath, Room 609)" ihamba kunye nale fom iqhotyoshelweyo. Ezinye iikopi zinokushiyeka kwi-logbook. Kusabaluleke gqitha ukuba kuzaliswe onke amacandelwana elogishithi. Iziliphu zokutha ipetroli kwisithuthi (e-fuel slips) mazigcinwe kwi-logbook zize ziqhotyoshelwe nge-stapler kwilogishithi yaloo nyanga ichaphazelekayo.
4. Ziyacetyiswa ii-ofisi zezithili ukuba zibe neziko ledatha elibonisa iikhilomitha ezihanjwe (database of kilometres travelled) sisithuthi ngasinye kwisithili ukwenzela ukuba i-akhawunti yezothutho i-Government Motor Transport (GMT) ibenako ukungqinisiswa ngokuyithelekisa naleyo yeziko ledatha. Ezi akhawunti ziya kungeniswa qho ngenyanga nganye kwii-ofisi zezithili ukwenzela ukuba zingqinwe njengezichanekileyo (be certified as correct). UNdlunkulu naye uya kwenjenjalo ngokumalunga nezithuthi azabelweyo.
5. Siyayibulela intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:28

Log Sheet Register  (ubukhulu: 11 KB)