1. Kufakwe apha izintlu zokugqibela zeencwadi ezinokufundwa zoncwadi olucetyiswayo zamaBakala 7 - 11 ngo-2009.
2. Izintlu zeencwadi ezinokufundwa zoncwadi lwabafundi beBakala 10 bango-2009 isekwazezo zazimiselwe ukufundwa zabafundi beBakala 10 ngo-2008. Makufundwe iSetyhula 0035/2007, yomhla we-03 Agasti 2007.
3. Ootitshala babafundi beBakala 11 ngo-2009 bangakhetha iincwadi zoncwadi lokufundwa kwizintlu zeencwadi zeWCED zabafundi beBakala 11, okanye bakhethe naziphi na iincwadi ezifanelekileyo kwezo zintlu izikolo zazifumanayo ngo-2008, ezaziqhotyoshelwe kule Setyhula 0035/2007, yomhla we-03 Agasti 2007.
4. Izintlu zeencwadi ezimiselwe ukufundwa kwiilwimi zaseburhulumenteni zabafundi beBakala 12 bango-2009 zapapashwa kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam yeFET o.k.t DCF 0017/2008, yomhla we-28/05/2008. Nakuba kunjalo, azizange zifakwe iilisti zeencwadi zamabali amafutshane nezesihobe ezimiselwe ukufundwa eziza kufundwa ngabafundi beBakala 12, njengoko zingekakhutshwa liSebe leMfundo likazwelonke. ISebe iWCED liya kuzithumela ezikolweni ngokukhawuleza ezi listi zakuba zifikile.
5. ISebe linqwenela ukuvakalisa umbulelo walo kubo bonke abenze igalelo ekuqulunqweni kwezi zintlu. Kubulelwa ngokukodwa iikomiti zeencwadi ezimiselwe ukufundwa.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:14


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).