1. Le setyhula ithatha indawo yazo zonke ezinye iisetyhula ezakhutshwa ngaphambili ngokumalunga nalo mba ulapha ngasentla.
2. Lo gama iSebe leMfundo leNtshona Koloni lilihlonipha ilungelo labaqeshwa balo lokulandela ikhondo lezopolitiko, ngokomgaqo-siseko welizwe lethu likwazimisele ukuqinisekisa ilungelo labafundi lokufumana imfundo kwindawo ekhuselekileyo nengenaziphazamiso.
3. Ootitshala bakwimeko eyahluke mpela kwabanye abantu njengoko benokuba nempembelelo kubafundi nakubazali. Ukuba baba ngabagqatswa kunyulo, baya kujongana nemeko apho kuya kubakho impixano phakathi kwezona zinto zibalulekileyo kubizo lwabo kunye nezo bazikhethileyo (conflict of interest), njengoko kufuneka, kwelinye icala, bafundise ngendlela engakhethi cala lithile nebonisa ubungcali kuqeqesho lwabo (engenazimpembelelo zezopolitiko), kuze kwelinye icala kufuneke ukuba baphakamise iimfuno zamaqela ezopolitiko abawameleyo.
4. Ngaphezulu, kuye kulindeleke ukuba abagqatswa abatyunjiweyo bagaye iivoti egameni leqela lezopolitiko abalimeleyo. Oku kungabangela ukuba bashiye amagumbi okufundisa, okanye kubenze bangakwazi ukwenza imisebenzi yamaxesha asemva kwawokufundisa (extra-curricula activities), nto leyo enokuphazamisa ukufundisa ngethuba lonyulo yaye oku akuyi kuba yeyona nto elungiselela abafundi (ngakumbi abafundi abakwiBakala 12).
5. Imithetho, imigaqo yomgaqo-nkqubo nemiqathango elawula uthatho-nxaxheba lwabaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni (ootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente) kunyulo loomasipala, lwamaphondo nolukazwelonke isingethwe ngolu hlobo lulandelayo kwesi zihlomelo ziqhotyoshelweyo:
IsiHlomelo A1 - Unyulo looMasipala
                (Ukuthatha inxaxheba ithutyana)
IsiHlomelo A2 - Unyulo lwePhondo
                (Ukuthatha inxaxheba isigxina)
IsiHlomelo B  - Unyulo lwePhondo
IsiHlomelo C  - Unyulo lukaZwelonke 
6. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo nabalawuli ukuba baqinisekise ukuba okubhalwe kule setyhula kwaziswa bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo. Makacelwe ngamnye umntu ochaphazelekayo ukuba alusayina olu xwebhu njengobungqina bokuba uyakwazi okuqulathwe lulo.


ISAYINWE: NGU-RB SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:30

isiHlomelo A1  (ubukhulu: 31 KB)
isiHlomelo A2  (ubukhulu: 35 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 35 KB)
isiHlomelo C  (ubukhulu: 35 KB)