1. Ukwenzela ukuba kuphuculwe ukwazi ukufikelela kwingcaciso nokuphucula ukwenziwa kweenkonzo isebe liqaphele imfuneko yesistim yokunika inkxaso kwimiba enxulumene nolawulo lwabasebenzi. Ngako oko ke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department (WCED)) liye yavelisa iSistim yoLawulo lweKhefu laBasebenzi (Human Capital Leave Management System (HC-LMS)), ekuyisistim yokulawula ingcaciso ukuncedisa iinqununu nabaphathi kwimicimbi yabasebenzi. I-HC-LMS yenziwe ngohlobo lokuba ibonise ingcaciso ekhoyo ngoku engabasebenzi, njengoko ifakwe kwi-Pesali (Persal).
2. Idatha eza kuboniswa kwi-HC-LMS iya kukotshelwa qho ngeveki isuka kwiPesali. Iinqununu nabaphathi baya kuba nako ukulogisha kwisistim ukujonga inkqubela malunga nemicimbi ebhekiswe kumacandelo ezaBasebenzi (Human Capital directorate) kwaNdlunkulu. Luza kuphuculwa ngakumbi unxibelelwano njengoko iinqununu nabaphathi baya kuba nako ukuthumela imiyalezo okanye imibuzo kwisistim ye-HC-LMS.
3. Kukhethwe ezi nkalo ikhefu, ukubakho kwabasebenzi emsebenzini, ulawulo lwepheyishithi nokulandelelwa kwabo baqeshwe ngemvumelwano (tracking of contract appointments) njengeenkalo ezibaluleke kakhulu emazisingathwe yi-HC-LMS.

Oku kulandelayo ziinkcukacha malunga noku:

3.1 ULawulo lweKhefu

Iinqununu nabaphathi baya kuba nako ukujonga ingcaciso engekhefu yabo bonke abasebenzi babo (ootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente). Ingakumbi ngokumalunga nekhefu lokungakwazi kusebenza ngenxa yokungaphili (incapacity leave), neemeko zokuthatha umhlala-phantsi ngenxa yokugula, iinqununu nabaphathi baya kuthi kwakhona babe kwimeko yokwazi ukubeka esweni inkqubela malunga nezi zicelo. UNdlunkulu uya kuthi, kwelakhe icala, akwazi ukucela amaxwebhu angekangeniswa kwiinqununu nakubaphathi ngokusebenzisa i-HC-LMS.

3.2 IRejista yokuBakho eMsebenzini yaBaqeshwa (Employee Attendance Register)

Kuya kulindeleka ukuba iinqununu nabaphathi bafake kwisistim ingcaciso yokubakho emsebenzini kwabo bonke abaqeshwa. Kunyanzelekile ukuba iinqununu nabaphathi bazalise irejista yokubakho emsebenzini kwi-HC-LMS yonke imihla. Ixesha elisikiweyo (a cut-off time) yintsimbi ye-10:00 ngosuku oluchaphazelekayo neliya kuqala ukusebenza kungekudala ngokumalunga nokufakwa qho ngosuku kwengcaciso kwisistim yokubakho emsebenzini kwabaqeshwa ukwandisa ukusebenza ngempumelelo kwesistim. Oku kuya kwenza bonke abaphathi bamanqanaba ngamanqanaba bakwazi ukubona isishwankathelo esipheleleyo sokubakho emsebenzini kwisistim iphela.

Le rejista iya kuba nezi zinto zilandelayo ongazikhetha:

  • Ukungabikho emsebenzini okucwangcisiweyo (apho umqeshwa afumene imvume kuqala yokungabikho emsebenzini, yokufika kade, yokumka phambi kwexesha, njl. njl.)
  • Ukungabikho emsebenzini okungacwangciswanga (apho umqeshwa angenzanga malungiselelo kwangaphambili okungabikho emsebenzini)
  • Ukufika emva kwexesha, efumene imvume kuqala (apho umqeshwa azisa iziko kwangaphambili ngokufika kwakhe emva kwexesha emsebenzini)
  • Ukufika emva kwexesha, engafumananga mvume kuqala (apho umqeshwa angalazisanga iziko kwangaphambili ngokuba uza kufika emva kwexesha emsebenzini)
3.3 Ulawulo lwepheyishithi

Esi sisixhobo solawulo esenzelwe ngokukodwa iCandelo leeNkonzo zoLawulo lweMali (Accounting Services) ukwenzela ukubeka esweni inkqubo yokubuyiselwa kwaNdlunkulu kweepheyishithi. UNdlunkulu uya kuba nako ngoku ukuthumela imiyalezo ezikolweni nge-HC-LMS ngokumalunga neepheyishithi ezingekabuyiswa. Iinqununu nabaphathi baya kuba nako ukuphendula imiyalezo kwi-HC-LMS, bakuba nje benze oko kucelwayo okanye kubuzwayo.

3.4 UkuLandelelwa kwaBaqeshwe ngeMvumelwano

Iinqununu ziya kuba nako ukusebenzisa i-HC-LMS ukubeka esweni inkqubela malunga nokuqeshwa okanye namalungiselelo okuhlawulwa kwemivuzo yootitshala abaqeshwe ngemvumelwano (educators on contract) emva kokungeniswa kweefom zokutyunjwa (nomination forms). UNdlunkulu uya kuba nako ukuthumela imiyalezo ezikolweni ukuba kukho nalo naluphi na uxwebhu olufunekayo olungekangeniswa.

4. Ukungena kwiziko lewebhu le-HC-LMS kwenzeka ngale ndlela ilandelayo:
  • Yiya kwibrawuza ye-Intanethi (6 okanye 7) utayiphe oku "lms.wcape.gov.za"
  • Kuya kuvela iskrini sokulogisha.
  • Tayipha iPesali yakho ne-"phasiwedi" ("password").
  • Cofa iqhosha elithi Submit.
  • Isistim iya kukuyalela ukuba utshintshe iphasiwedi yakho.
  • Iya kulandela ngokukucela ukuba ungqinisise iphasiwedi entsha.
  • Emva koko cofa iqhosha elithi Submit.
  • Ukuba unayo indlela yokungena evunyiweyo, umz. uyinqununu okanye ungumphathi, uya kuba nako ukungena kuzo zonke iirekhodi zabasebenzi bakho.
  • Ukuba ulogisha njengoyisebenzisa nje ngokubanzi (general user), uya kufumana indlela yokufikelela kwingcaciso yakho buqu kuphela.
  • Ukuba ulogisha njengomlawuli wesistim, o.k.t. abaphathi bakwaNdlunkulu, uya kungena kwiirekhodi zabo bonke abasebenzi bakwaNdlunkulu, bee-ofisi zezithili nabasezikolweni.

Qaphela: Ziyacelwa iinqununu nabaphathi ukuba zifake ingcaciso engokubakho emsebenzini kwabasebenzi ukuqalela emva (with retrospective effect) ukususela nge-1 Julayi 2008.

5. Ukubhalisa kwi-HC-LMS

Ekuqaleni, ziinqununu kuphela eziya kubhaliswa kwi-HC-LMS emva kokuzalisa ifom yobhaliso esayinwe ngumphathi wesekethe. Emva kokwamkelwa kwefom yobhaliso ezalisiweyo, umlawuli wesistim okwaNdlunkulu uya kubhalisa inqununu kwi-HC-LMS aze ayazise loo nqununu ngokunikwa kwayo imvume yokungena kwisistim.

Abasebenzi benkonzo karhulumente (iisuphavayiza) baya kubhaliswa kwi-HC-LMS ngokuzalisa ifom yobhaliso esayinwe ngumphathi wecandelo (line manager).

Ngaphandle kokwenzela ukubhala kwirejista yokubakho emsebenzini, iinqununu nabaphathi abasayi kuba nokutshintsha nayiphi na idatha ekwi-HC-LMS. Nakuba kunjalo, iya kufumaneka isistim yemiyalezo neyemibuzo ukwenzela ukuba abalawuli beesistim bakwaNdlunkulu babe nokucelwa ukuba batshintshe izinto ezifuna ukutshintshwa.

6. I-ofisi yoncedo

I- HC-LMS inayo i-ofisi yoncedo ukunceda iinqununu nabaphathi ekusebenziseni le sistim ngempumelelo. Iinombolo zefoni ze-ofisi yoncedo zezi 021 467 2155, 021 467 2072, 021 467 2046, 021 467 2047, nale 021 467 2751.

Idilesi ye-imeyili (e-mail address) ye-HC-LMS yile: hclms@pgwc.gov.za.

Isikhokelo esipheleleyo esazisa nge-HC-LMS nokusetyenziswa kwayo sikwi-log-in screen. Iphetshana elinika ilungelo lokusebenzisa I- HC-LMS lingakhutshelwa kwi-log-in webpage.

7. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi ukuba bazise okubhalwe kule setyhula bonke abaqeshwa, kwakunye nabo basekhefini. Ziyacelwa kwakhona iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba ikopi yolu xwebhu inikwa usihlalo webhunga lolawulo lesikolo.
8. Sinethemba lokuba iinqununu nabaphathi baya kuyifumana i-HC-LMS isisixhobo esiluncedo kakhulu malunga nolawulo lwabasebenzi. Nivumelekile balingane ukuba ningenise amagalelo neekhomenti ngokumalunga ne- HC-LMS nokuphuculwa ngakumbi kwayo.
8. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abalingane bethu ekwenzeni eli nyathelo litsha libe yimpumelelo.


ISAYINWE: NGU-RB SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:22