1. Olu xwebhu lomgaqo-nkqubo, National Policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF), olukule Gazethi 30048 yowe-6 Julayi 2007, lubonisa ukuba makusekwe iKomiti kaZwelonke yokuSingatha iZitenxo zeeMviwo (National Examinations Irregularities Committee (NEIC)) neKomiti yePhondo yokuSingatha iZitenxo zeeMviwo (Provincial Examinations Irregularities Committee) (PEIC). I-PEIC mayithwale uxanduva lokusingatha izitenxo zovavanyo kwiphondo.
2. Kwintlanganiso yeKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Departments Committee (HEDCOM)) eyayibanjwe nge-12 Meyi 2008, iHEDCOM yaxhasa isiphakamiso seKomiti yeeMviwo eDibanisa amaPhondo (Inter-Provincial Examinations Committee) sokuba ngasinye isithili semfundo masiseke iKomiti yeSithili yokuVavanya iZitenxo zoVavanyo (District Assessment Irregularities Committee (DAIC)).
3. I-DAIC iya kuba lisetyana (appendage) leKomiti yePhondo yokuSingatha iZitenxo zeeMviwo (PEIC) yaye iya kusebenza phantsi kolawulo lwamagunya ePEIC ize inike ingxelo qho kwiPEIC. I-PEIC iya kudibanisa iingxelo ezivela kuzo zonke iiDAIC ize inike ingxelo yephondo kwiKomiti kaZwelonke yokuSingatha iZitenxo zeeMviwo (National Examinations Irregularities Committee).
4. I-DAIC iya kusingatha zonke izitenxo zovavanyo, kuwo omabini amanqanaba ele-GET nele-FET, yaye iya kudlala indima ebaluleke kakhulu ekusingatheni izitenxo ezinxulumene nee-CTA nezovavanyo lweBakala 12.
5. Apha kule setyhula kuqhotyoshelwe, njengesiHlomelo A, isikhokelo malunga nendlela iDAIC emayisekwe ngayo nokuba yenziwe ngoobani kunye namagunya olawulo aya kuba ngawekomiti elolu hlobo.
6. Amalungu eDAIC azakutyunjwa yiNtloko yeSebe leMfundo, ngokususela kwiingcebiso zabalawuli bezithili kunye neNtloko yoLawulo lweeMviwo noVavanyo kwiphondo.
7. Bayacelwa abalawuli bezithili ukuba bangenise amagama amalungu abawacebisayo eDAIC nganye kuMlawuli woLawulo loVavanyo (Director: Assessment Management) ungadlulanga owe-29 Agasti 2008.
8. Kulindeleke ukuba ii-ofisi zezithili zibe sele zizisekile iiDAIC zazo nekufuneka zibe sele zisebenza ngokupheleleyo nge-30 Septemba 2008.
9. Isaziso esifanelekileyo esimalunga nokusebenza kweDAIC masithunyelwe kuzo zonke izikolo ezikwisithili.
10. ICandelo loLawulo loVavanyo liya kukubeka esweni ukusekwa kweeDAIC ukususela ku-Septemba 2008 ukuya phambili.
11. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:13

isiHlomelo A  (ubukhulu: 63 KB)