1. Ukupasa kwiBakala 9 kusekelwe kwiimfuno ezimiselweyo ezicaciswe kuMgaqo-nkqubo woVavanyo kwi-GET (GET Assessment Policy) kwiGazethi kaRhulumente (Government Gazette) No. 29626 ye-12 Februwari 2007.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kuphinda lisebenzise iinkqubo yokufaka idatha yeBakala 9 (Grade 9 data-capturing program) ukufaka zonke iziphumo zokupasa zeBakala 9 kuvimba wedatha kazwelonke (national data bank). Iprogram i-Excel yeWCED yeBakala 9 (Grade 9 Excel program) ingena endaweni yala maxwebhu azii-computerised sheets ("lotto sheets"), ethuba elidlulileyo. Kunyanzelekile ukuba zonke izikolo zingenise idatha yazo ka-2008 yeBakala 9 ikule fomathi ye-Excel (Excel format).
3. Ngokusebenzisa amava angaphambili ne-feedback exabisekileyo evela kootitshala beWCED, kuye kwaphuculwa zombini, iprogram ye-Excel (Excel program) nenkqubo yokufakwa kwedatha yokupasa kwabafundi.
4. Imisebenzi neemfanelo zomakwenziwe kwezi nkqubo
4.1 Ootitshala
4.1.1 Ootitshala mabaqinisekise ukuba zonke iimfuneko ezimiselweyo zemisebenzi yovavanyo yeBakala 9 zenziwe.
4.1.2 Makubekho ubungqina bongenelelo ngoncedo nenkxaso obufumanekayo kwiiseshoni zokwenza izigqibo malunga nokupasa kwabafundi.
4.1.3 Isampula engu-(3%) emele umsebenzi wabafundi mayimodareyithwe kuwo omabini amacandelo ele-CASS nelee-CTA eziphumo zeBakala 9 (Gazette 29626).
4.1.4 Apho kusebenzayo oku, ootitshala mabahlaziye iinkcukacha zobhaliso zabafundi phambi kokuba kufakwe iziphumo kwaye mabaqhubeke nokuhlaziya iinkcukacha zobhaliso zabafundi de iziphumo zokugqibela zingeniswe kwiWCED.
4.2 Iinqununu zezikolo
4.2.1 Iziphumo mazimodareyithwe ngokufanelekileyo, zitshekishwe ukuba zichanekile na zize zingqinisiswe.
4.2.2 Makuxoxwe ngemingeni yovavanyo ngabafundi kuze kwenziwe izigqibo ngayo ngomfundi ngamnye, yikomiti yolawulo yesikolo.
4.2.3 Zakuba iishedyuli zisayiniwe, makwenziwe iikopi ezimbini zeeshedyuli ezisayiniweyo. Kucetyiswa ukuba izikolo ziprinte iikopi ezikwifomathi engu-A3. Ikopi enye, kwakunye nekopi yekhompyutha ekwi-CD okanye ekwi-memory stick, mazingeniswe kubaphati beekomiti zeesekethe/kumcebisi we-IMG. Maziqinisekise iinqununu ukuba ii-CD zifakwe iileyibhile ngokucacileyo kwabhalwa zonke iinkcukacha zoqhagamshelwano zesikolo.
4.2.4 Ikopi eprintiweyo yeshedyuli evunyiweyo yaza yasayinwa kwakunye nekopi yokugqibela yekhompyutha (final electronic copy) mayigcinwe ngokukhuselekileyo sisikolo njengoxwebhu oluya kuhlala luyirekhodi esisigxina (permanent record).
4.2.5 Iya kuxabiseka gqitha i-feedback ngale program yokufakwa kwedatha yeziphumo zeBakala 9 njengoko iya kuqinisekisa ukuba iWCED inganako ukuqhubeka iphucule isistim. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu nootitshala ukuba bazalise ifom ye-feedback eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) ize ithunyelwe nge-imeyili okanye ngefeksi kuNks Heléne van Zyl phambi kwe-1 Disemba 2008.
4.3 Abaququzeleli bovavanyo bezithili
4.3.1 Abaququzeleli bovavanyo bezithili baya kuqhuba iiseshoni zoqeqesho nabo bonke abachaphazelekayo kwiprogram ye-Excel nasekwenzeni inkqubo yokufaka idatha yeziphumo zeBakala 9.
4.3.2 Incwadana yemigaqo yoqeqesho enemiyalelo yenyathelo ngalinye, iya kunikwa amagosa nootitshala kwezi seshoni zoqeqesho.
4.3.3 Yonke imibuzo emalunga neprogram ye-Excel nenkqubo yolawulo mayibhekiswe ngqo kumququzeleli wovavanyo wesithili. Iinkcukacha zoghagamshelwano zabaququzeleli bovavanyo bezithili namagosa eemviwo zikwisiHlomelo A sale setyhula.
4.3.4 Abaququzeleli bovavanyo bezithili baya kuqinisekisa ukuba zonke iziphumo zingeniswa ngomhla omiselweyo kwiCandelo loLawulo lweeMviwo.
4.2 Iikomiti zeesekethe
4.4.1 Kucetyiswa ukuba iikomiti zeesekethe zityelele izikolo ukuya kubeka esweni uvavanyo lweBakala 9 nenkqubo yokufakwa kwedatha yeziphumo.
4.4.2 Ishedyuli yokuphela konyaka mayitshekishwe ize ingqinwe kubaphati beekomiti zeesekethe / ngumcebisi we-IMG okanye lilungu lekomiti yesekethe. Kubaphati beekomiti zeesekethe /umcebisi we-IMG okanye igosa elabelwe lo msebenzi liya kusayina iikopi eziprintiweyo zeeshedyuli.
4.4.3 Yonke idatha mayisayinwe ize ingeniswe kubaphati beekomiti zeesekethe /kubacebisi be-IMG phakathi kwe-30 kaNovemba ne-4 kaDisemba 2008.
4.5 Abaphathi bephondo
4.5.1 Abaphathi bephondo baya kufaka idatha yazo zonke iziphumo zeBakala 9 zeWCED ekhompyutheni kwi-master program enefomathi efana kanye ngqo neprogram yesikolo - baze bayingenise kwiSebe leMfundo likazwelonke. Ngako oko ke akunakwenzeka ukuba izikolo zingenise idatha ikwenye ifomathi nokuba yeyiphi na ngaphandle kokuba ikwi-memory stick okanye kwi-CD.
4.5.2 Iingxelo ezisisishwankathelo zephondo ziya kunikwa zonke izithili ekuqaleni kuka-2009.
5. Okukwiprogram ye-Excel yokufaka idatha yeziphumo zeBakala 9
  • Imiyalelo ecacisa inyathelo ngenyathelo ngalinye lokuzaliswa kwe-Excel spreadsheets
  • Amaxwebhu ii-Recording sheets ayo yonke imisebenzi yovavanyo emiselweyo kwinkalo yesifundo nganye ngonyaka (Ii-recording sheets zibandakanya ii-CTA [Sections A and B] eziya kuba yimisebenzi emiselweyo yovavanyo kwiKota yesine, njengoko kucacisiwe kwiGazethi 29626.)
  • Iifomula zokubala iziphumo zomfundi ngamnye ngokweemfuno zomgaqo-nkqubo wovavanyo lukazwelonke (Iprogram ye-Excel iya kubala iziphumo zomfundi ngamnye kwaye ootitshala mabangatshintshi nanye into kula maxwebhu aprogramiweyo (programmed sheets).
  • Ishedyuli yeBakala 9 yekota nganye, kwakunye neshedyuli yokuphela konyaka (Ingcaciso evela kwii-recording sheets iya kukhutshelwa kwishedyuli ngokuzenzekelayo (automatically transferred.))
6. Iiripoti zeBakala 9

Iprogram ibhalwe ngendlela yokuba ingcaciso evela kwishedyuli ibe nokukhutshelwa ngokuzenzekalayo (transferred automatically) kwiripothi yomfundi ngamnye obhaliswe kwi-CEMIS. Izikolo zingakhetha ukusebenzisa eli khadi leripoti okanye ziqhubeke zisebenzisa iifom zazo zeripoti zesikolo, ukuba ibandakanyiwe eyona ngcaciso ifunekayo ubuncinane (minimum information) ecaciswe kwi-GET Assessment kwiGazethi kaRhulumente 29626 (Government Gazette 29626).

7. Ukurekhodwa kweziphumo zeBakala 9
7.1 Ukubhaliswa kwabafundi kwiCEMIS

Ubhaliso lwabafundi alunako ukutshintshwa kwiprogram ye-Excel. Le program yenziwe ngohlobo lokuba ubhaliso lwabafundi luhlaziywe kwiCEMIS phambi kokuba ikotshwe.

7.2 Ukulawula inkqubo esikolweni
7.2.1 I-"import" function iya kuvumela ootitshala ukuba bakope baze bayizalise (complete) ngokomfundi ngamnye (ngenkalo yesifundo nganye okanye ngotitshala ngamnye). Le program iya kuthi ngokuzenzekelayo ithathe "import" iziphumo kuzo zonke iinkalo ezahlukileyo izise kwi-master folder.
7.2.2 Ukuba ootitshala banqwenela ukongeza abafundi abatsha okanye ukukhupha ezincwadini abafundi ababhalisiweyo, oko makwenziwe kwiCEMIS. I-"import" function yeprogram ye-Excel ivumela ootitshala ukuba bathathe amanqaku nabafundi abatsha babafake kwifolda ye-Excel entsha (engenanto). Oku kuya kuthatha ixesha kwaye ootitshala bayacetyiswa ukuba batshekishe iinkcukacha zobhaliso zabafundi ngononophelo phambi kokuba baqalise inkqubo yokufaka idatha yeziphumo.
7.3 Ukukotshwa kweprogram kwiziko lewebhu leCEMIS

Incwadana yemigaqo elandeleka ngokulula, necacisa ukuba iprogram ye-Excel ikotshwa njani na kwiziko lewebhu leCEMIS, iya kunikwa bonke abaqeqeshwayo ngethuba leeseshoni zoqeqesho kwizithili.

7.4 Ukuzaliswa nokuprintwa kweeshedyuli
7.4.1 Zakuba zonke iziphumo zifakiwe kwidatha ngokuchanekileyo, kuya kuvela iqhosha eliluhlaza (green button) (njengenyathelo lokhuseleko elakhelwe kwiprogram). Ishedyuli yokuphela konyaka ingaprintwa emva koku.
7.4.2 Le shedyuli mayingensiwe kwikomiti yesekethe kunye/okanye kumcebisi we-IMG ukuze ivunywe ize isayinwe. Ukuba kukho naluphi na utshintsho ekufuneka lwenziwe, malwenziwe ekhompyutheni ize iprintwe kwakhona phambi kokuba ivunywe, isayinwe ize ingeniswe.
7.5 Ukwenza izigqibo ngokupasa kwabafundi

Iziphumo zabafundi ziya kubalwa ngokuzenzekelayo yiprogram, kodwa zonke ezi ziphumo mazisoloko zitshekishwa zize zingqinwe ziinqununu zesikolo namagosa ezithili.

8. Ukuzaliswa kwee-recording sheets
8.1 Ukuba umfundi akakho (absent) ngenxa yezizathu ezisemthethweni (legitimate reasons) kwaye unobungqina obanelisayo obuxhasa oko (convincing supporting proof) nanini na ngamathuba ovavanyo, zonke iziphumo ezikhoyo ezifunyenwe ngovavanyo rhoqo (continual assessment (CASS) nee-CTA (ICandelo A neCandelo B), mazithathelwe ingqalelo ukulungiselela injongo yokupasa. Amalungiselelo alolu hlobo makarekhodwe kwikholam yee-Remarks kwishedyuli yokupasa. Oku kufuneka kwenziwe kuphela kwiimeko ezizodwa.
8.2 Umfundi obengekho engenazo nezizathu ezisemthethweni ezibubungqina obuvakalayo uya kubhalwa njengongekhoyo (absent) (A) kwaye iprogram ayiyi kunika manqaku kuloo msebenzi (misebenzi). Umfundi uya kunikwa u-ziro kuloo msebenzi uchaphazelekayo. Kwakhona, oku kufuneka kwenziwe kuphela kwiimeko ezizodwa.
9. Inkxaso nengcaciso
9.1 Nayiphi na imibuzo malunga nokukotshwa okanye ukusetyenziswa kweprogram ingabhekiswa kumququzeleli wovavanyo wesithili sakho. (Jonga isiHlomelo A ukuze ufumane iinkcukacha zoqhagamshelwano).
9.2 Ingcaciso engaphezulu iyafumaneka kwiziko lewebhu lovavanyo (assessment website) apha: http://curriculum.pgwc.gov.za/site/21/page/view/


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:13

isiHlomelo A  (ubukhulu: 44 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 40 KB)

Government Gazette 29626 of 12 February 2007:  "National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the General Education and Training Band (GET)"  (ubukhulu: 947 KB)