1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0010/2008, yomhla we-23 Apreli 2008, eyayihamba kunye nethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zikaNovemba 2008.
2. Kucelwa uncede uqaphele izilungiso eziqhotyoshelwe kwithayimthebhile yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zikaNovemba 2008. Ezi zilungiso zenzelwa ukulungiselela ukhetho lwezifundo ngabaviwa olwalungacingelwanga phambi kobhaliso lwabaviwa kunye nezifundo zabo.

3. Izilungiso ezifakiweyo ngoku kule thayimthebhile iqhotyoshelweyo zezi zilandelayo:
3.1 Ixesha eliya kuthathwa ziiLwimi zeNkobe iPhepha 2 ziiyure ezi-2½ kungabi zezi-2.
3.2 Zonke iiLwimi zeSibini eZongezelelweyo zinamaphepha ama-2, endaweni yama-3.
3.3 I-Mechanical Technology isusiwe kuMvulo we-17 Novemba 2008 yasiwa kuLwesine we-13 Novemba 2008.
3.4 I-Electrical Technology isusiwe kuLwesibini we-25 Novemba 2008 yasiwa kuLwesithathu we-3 Disemba 2008.
3.5 I-Hospitality Studies isusiwe kwiseshoni yakusasa yasiwa kwiseshoni yasemva kwemini ngoLwesibini we-2 Disemba 2008.
3.6 Imihla yokubhalwa kwe-Maritime Economics ne-Nautical Science ifakiwe nayo kule thayimthebhile iqhotyoshelweyo. I-Nautical Science Paper 1 iya kubhalwa ngoLwesine we-6 Novemba 2008 ngo-14:00. I-Maritime Economics iya kubhalwa ngoLwesihlanu we-28 Novemba ngo-09:00, lo gama i-Nautical Science Paper 2 iya kubhalwa ngoMvulo we-1 Disemba 2008 ngo-09:00.

4. Apha kufakwe ikopi yethayimthebhile yokugqibela efakelwe izilungiso yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zikaNovemba 2008.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ezi nguqu kubo bonke abaviwa ababhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoNovemba noDisemba 2008.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:15

Ithayimthebhile yokugqibela efakelwe izilungiso yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zikaNovemba 2008
(ubukhulu: 119 KB)