1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lamkele lo mgaqo-nkqubo ulandelayo wenkcitho ebangelwa zezi ndibano zilapha ngentla.
1.1 Zizakhiwo zeWCED kuphela emazisetyenziswe. Ezi zakhiwo zibandakanya izikolo zikarhulumente, iikholeji zootitshala nezobugcisa, amaziko ootitshala neeklinikhi. Ukuba akukho ziko lifanelekileyo leWCED lifumanekayo, zinokusetyenziswa izakhiwo zangaphandle, phantsi komqathango wokuba kufunyanwe imvume yokusetyenziswa kwazo kumlawuli ofanelekileyo, mvume leyo ekufuneka inikwe kuphela kwiimeko ezizodwa (in exceptional circumstances). Kwiimeko ezilolu hlobo kuya kusebenza umgaqo-nkqubo oqhelekileyo wokuthenga ukusetyenziswa kwezakhiwo nokutyisa abantu (catering).
1.2 Ezi ntlawulo zilandelayo zisebenza kuwo onke amaziko eWCED, ngaphandle kwamaziko ootitshala neeklinikhi.

Ukuqeshwa kweholo nezibonelelo zayo: (Oku kubandakanya amagumbi okuxoxela bucala nezibonelelo zezixhobo zesandi nezemifanekiso, ukuba zikho.)R354 ngosuku
Ukutyisa abantu ngosuku: (Oku kudibanisa iti yakusasa, isidlo sasemini neti yasemva kwemini.)Eyona iphezulu yi-R47.20 umntu ngamnye
Iti okanye ikofu kusasa okanye emva kweseshoni yasemva kwemini:Eyona iphezulu yi-R11.80 umntu ngamnye ngeseshoni

1.3 Ezi ntlawulo ziya kuhlawulwa amaziko kusetyenziswa unxibelelwano lwekhompyutha (electronic fund transfer). Ngako oko ke, iinkqubo zokuthengwa kweenkonzo neempahla (Procurement Procedures) aziyi kusetyenziswa. Iziko elifanelekileyo malingenise ibango lentlawulo libhalwe kwiphepha elineletahedi yalo esemthethweni.
1.4 Amaziko ootitshala neeklinikhi akayi kuba nalungelo lembuyiselo ngenxa yokuba kusetyenziswe izakhiwo zawo kwaye akukho ntlawulo inokwenziwa kuwo, njengoko engenamalungelo omntu ngokwasemthethweni (legal entities). Ukuba asetyenzisiwe la maziko ukutyisa abantu kuya kusebenza iinkqubo zokuthengwa kweenkonzo neempahla eziqhelekileyo (normal procurement procedures)
1.5 Makugcinwe irejista yabantu abazileyo kwindibano (attendance register) kuzo zonke iindibano. Mayingeniswe namaxwebhu okucela intlawulo.
1.6 Ngosuku lokuqala lwendibano, umntu/inkampani etyisayo iya kuhlawulwa ngenani elipheleleyo labantu abafanele ukubakho. Kwiintsuku ezilandelayo, umntu/inkampani etyisayo, iya kuhlawulwa ngelo nani labantu abasayinileyo kwirejista ngosuku lokuqala. Oku kusebenza kwiimeko apho amaziko emfundo ahlawulwa ngokwezi ntlawulo zilapha ngasentla nalapho iikhontraka zangaphandle zibonelela ngeenkonzo ngokwemimiselo yemigqaliselo yethenda. Imvumelwano nomntu/nenkampani etyisayo mayenze amalungiselelo alolu hlobo. Apho indibano iyeyosuku olunye kuphela, ithathwa njengosuku lokuqala.
1.7 Ukuba icandelo lingena ezindlekweni (umz. zokufotokopa) egameni lelinye icandelo elenza amalungiselelo endibano, linokufuna imbuyiselo ngezo ndleko.
1.8 Apho umqeshwa asebenzisa iteksi ukuya kwindibano zize zingabi nakufumaneka iirisithi, isikolo okanye i-ofisi apho umqeshwa asebenza khona, mayingenise i-afidavithi echaza ukuba kungani na irisithi ingafumaneki. Oku kuya kwamkelwa njengerisithi ebubungqina bokuba kwenziwa inkcitho.
1.9 Mayiphetshwe into yeesemina noomasifundisane abathatha ixesha elingaphezu kosuku olunye ngenxa yezinto ezibangela inkcitho. Xa kusetyenziswa amaziko eWCED, abo bathunywa bathe, ngenxa yeemfuneko yoko, balala ezihotele, kwizindlu zeendwendwe, njl. njl. mabasebenzise iintlawulo zeDPSA ngokumalunga nendawo yokuhlala nokutya. (Ezi ndleko azibandakanyi iziselo ezinxilisayo nokufowuna.)
2. La malungiselelo asebenza ukususela ngomhla wo - 1 Agasti 2008 kwaye mabaziswe ngawo bonke abachaphazelekayo ukuze bawathathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:06