1. Imiqathango eyimfuneko yokupasa kwabo bonke abafundi abakwizikolo zikarhulumente nezizimeleyo ezilandela inkqubo yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke nezifundisa iBakala 9 icaciswe gca kwiGazethi kaRhulumente 29626 yowe-12 Februwari 2007. Iziphumo zovavanyo rhoqo, kwakunye namaCandelo A no-B emisebenzi yovavanyo efanayo (common tasks for assessment) (CTAs), zimisela indlela yokupasa ukuya kwiBakala 10.
2. Ii-CTA ziqhutywa kwikota 4 yonyaka wezifundo weBakala 9 kwaye zikukuphela kwemisebenzi yovavanyo efanayo eqhutywa ngokomgaqo woviwo (formal assessment tasks) nerekhodwayo yaloo kota.
3. Kucelwa niqaphele ukuba ii-CTA (amaCandelo A no-B) mazigcinwe ziyimfihlo enkulu yaye mazingaze zinikwe nabani na ongagunyaziswanga okanye nawuphi na umfundi phambi kokuba kuqaliswe ukuqhutywa kweemvavanyo ngokusemthethweni.
4. ICandelo A le-CTA nganye malenzelwe ezikolweni kwikota yesine kwaye malibe yinxalenye yeprogram yezifundo zesiqhelo. Isikolo masiqhube sisebenze ngendlela eqhelekileyo ngethuba lokwenziwa kweCandelo A.
5. ICandelo B le-CTA nganye liya kuba nemisebenzi emayenziwe ngulowo nalowo mfundi kwiimeko zoviwo oluphantsi kolawulo (contolled examination conditions).
6. ICandelo B le-CTA nganye maliqhutywe ukuqalela nge-17 Novemba ukuya kwi-28 Novemba 2008 kulandelwa ithayimthebhile kazwelonke eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A).
7. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba le thayimthebhile kazwelonke iqhotyoshelweyo yokwenziwa kweCandelo B lee-CTA mayilandelwe ngqo ngokupheleleyo. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo le thayimthebhile kuya kuba sisitenxo ekubhalweni koviwo (examination irregularity) ze kusingathwe ngendlela ezisingathwa ngayo izitenxo ekubhalweni koviwo.
8. Iilwimi zenkobe
8.1 Iilwimi zenkobe ziya kubhalwa nge-17 Novemba 2008. Iseshoni yokuqala iya kuqala ngo-09:00 - 11:00 ize eyesibini iqale ngo-12:00 - 14:00.
8.2 Ukulungiselela abafundi abenza iilwimi ezimbini zaseburhulumenteni kwinqanaba lolwimi lwenkobe, kuya kusebenza la manyathelo alandelayo:
8.2.1 Olunye ulwimi lwenkobe luya kubhalwa kwangolu suku lunye, nge-17 Novemba 2008, ukuqala ngo-09:00 - 11:00 luze olunye ulwimi lwenkobe luqale ngo-12:00 - 14:00.
8.2.2 Ukuqinisekisa ukuthembakala kwalo msebenzi ubhalwayo, bonke abafundi abenza iilwimi ezimbini zaseburhulumenteni kwinqanaba lolwimi lwenkobe mabahlale apho esikolweni bephantsi kolawulo (under controlled conditions) emva kweseshoni yokuqala.
8.2.3 Iinqununu nabalawuli boviwo mabaqinisekise ukuba abafundi ababhala iphepha lolwimi lwenkobe ngenjikalanga abananxibelelwano konke konke nabafundi ababhale iphepha lolwimi lwenkobe kusasa.
8.2.4 Njengoko eli candelo liqhutywa phantsi kweemeko zoviwo oluphantsi kolawulo, akukho mfundi uya kuvunyelwa ukuba abe neselula kuye. Makubeko amanyathelo alungisiweyo okuqinisekisa ukuba oku kulawulwa ngendlela eyiyo.
8.2.5 Iimemoranda zeCandelo B lee-CTA zeelwimi zenkobe ziya kufumaneka emva kweseshoni yesibini ngenjikalanga ye-17 Novemba 2008.
9. IiLwimi zokuQala eZongezelelweyo
9.1 Zonke iilwimi zokuqala ezongezelelweyo ziya kubhalwa nge-18 Novemba 2008, ukuqala ngo-09:00 - 11:00.
9.2 Ukuba kukho nabaphi na abafundi abenza iilwimi zombini kwinqanaba lolwimi lokuqala olongezelelweyo, mabahlale apho esikolweni bephantsi kolawulo (under controlled conditions) baze babhale elinye iphepha lolwimi lokuqala olongezelelweyo nge-18 Novemba ukuqala ngo-12:00 - 14:00. Makulandelwe inkqubo ekwanjengaleyo ilandelwa xa kubhalwa iilwimi zenkobe nge-17 Novemba.
10. IiLwimi zeSibini eZongezelelweyo

Bonke abafundi abenza iilwimi kwinqanaba lolwimi lwesibini olongezelelweyo baya kubhala nge-28 Novemba 2008 ukuqala ngo-09:00 - 11:00.

11. Mazincede iinqununu ziqinisekise ukuba ngamnye utitshala, umfundi nomzali ngamnye unekopi yethayimthebhile eqhotyoshelweyo ((isiHlomelo A). Le thayimthebhile ikwafumaneka nakwiziko lewebhu loVavanyo le-GET apha http://curriculum.pgwc.gov.za/site/21/page/view


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:26

isiHlomelo A  (ubukhulu: 15 KB)
Government Gazette 29626 of 12 February 2007:  "National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the General Education and Training Band (GET)"  (ubukhulu: 947 KB)