1. Intshayelelo

Iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke esitsha (National Senior Certificate) (NSC) ziya kube zibhalwa ityeli lokuqala kulo nyaka. Kubaluleke kakhulu ukuba iinqununu zezikolo zimisele umoya omawulawule ngethuba lezi mviwo ngokuqinisekisa ukuba abaviwa bayaluqonda uhlobo lokuziphatha olulindeleke kubo ngethuba lokubhalwa kweemviwo.


2. Usuku lokugqibela lwesikolo lwabafundi beBakala 12
2.1 ISetyhula 0010/2008 yakhupha ithayimthebhile yeemviwo zematriki, eziqala nge-29 Oktobha 2008. Usuku lokugqibela lwesikolo lwaseburhulumenteni lwabo bonke abafundi beBakala 12 ngowe-24 Oktobha 2008. Izikolo ziyacelwa ukuba zilisebenzise kakuhle ixesha eliya kutsho kulo mhla ukuqinisekisa ukuba bonke abaviwa bazilungiselelwe kakuhle ngokupheleleyo iimviwo.
2.2 Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke abafundi beBakala 12 ukuba babekho kude kube ngumhla wokugqibela wekota yesikolo (owe-5 Disemba 2008), ukwenzela ukuba xa kuthe kwakho imfuneko yokuba kuhlehliselwe elinye ixesha ukubhalwa kwephepha loviwo elithile.

3. Indlela yokunxiba ngethuba lokubhalwa kweemviwo
3.1 Iyunifom yesikolo ibalulekile ukulondoloza isithethe sesikolo, ukuzingca nokuziphatha kakuhle.
3.2 Kwixesha elidlulileyo, uninzi lwezikolo eziseNtshona Koloni beziqinisekisa ukuba abaviwa bazo banxiba iyunifom yesikolo ngethuba lokubhalwa kweemviwo zeMatriki. Le nto ibinceda kakhulu ekulondolozeni indlela yokuziphatha kakuhle ngethuba leemviwo. Ngaphezulu, ibinceda ekwahluleni phakathi kwabaviwa nabagadi babaviwa.
3.3 Uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke luseyinxalenye yonyaka wesikolo ngokusemthethweni kubafundi beBakala 12.
3.4 Iinqununu zezikolo ziyacelwa ukuba zixelele abaviwa bazo beBakala 12 ukuba ukunxitywa kweyunifom yesikolo kunyanzelekile xa kubhalwa iimviwo zeNSC.
3.5 I-WCED ikhuthaza izikolo ezizimeleyo ukuba nazo ngokunjalo mazisithobele esi sicelo.

4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi bazo, igqiza lokugada abaviwa, abazali nabafundi beBakala 12.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:26