1. Ngenxa yokwanda kokusetyenziswa kwezithuthi ze-GG ngamagosa, kuye kwayimfuneko ukukhumbuza abo bazisebenzisayo ngoxanduva lwabo, ngokweSetyhula yeSebe lezoThutho No. 4 ka-2000, xa besebenzisa izithuthi ze-GG.

2. Ukubhukishwa kwesithuthi se-GG ukulungiselela iihambo zaseburhulumenteni

Isithuthi se-GG masibhukishwe ubuncinane kwiiyure ezingama-24 phambi kokuba kwenziwe uhambo ngokuzalisa i-National Trip Authorisation Form luze lugunyaziswe nohambo olo.


3. Ukulungela kwesithuthi indlela
3.1 Injongo yethu kukuphucula imeko yezithuthi ze-GG. Ngoko ke, ukuze siqinisekise ukuba isithuthi ngasinye sikwimeko entle, kubalulekile ukuba umqhubi asihlole isithuthi phambi kokuba asisebenzise. Ukuba kuye kwakho umonakalo kwisithuthi, iingxaki zokonakala kwesithuthi (mechanical problems with the vehicle), umqhubi makakwazise oko ngoko nangoko. Ukuba kuye kwakho nawuphi na umonakalo, ilahleko okanye ukubiwa okuye akwaxelwa, ityala liya kuba kumqhubi wokugqibela ukusebenzisa isithuthi esichaphazelekayo.
3.2 Kubalulekile, xa kuthathwa isithuthi kwi-GMT “Top Yard”, ukuba umsebenzisi wesithuthi axelele igosa elisikhuphayo, kwakunye negosa lokhuseleko (unogada) ngazo naziphi na iziphene ezikwisithuthi ngokuzalisa elinye icala le-Trip Authorisation Form (Z606) .
3.3 Tshekisha ngononophelo isithuthi eso ukuqaphela ezi ziphene zilandelayo:
  • Ukubetheka, imikrwelo, ukuchachamba kweefestile, amatayari amtyibilizi, ukuchitheka kwe-oyili namanzi phantsi kwemoto
  • Izibane neebreyikhi (kubandakanywa nebreyikhi yesandla) ezingasebenzi kakuhle
  • Iibhanti zokhuseleko ezingasebenziyo
  • Akukho diski yelayisensi isemthethweni
  • Akukho vili lisisipere, ujekhe okanye isipanele samavili
Ukuba isithuthi eso asifanelanga ukuba siqhutywe, ungavumi ukusiqhuba koko ucele amagosa ajongene nezothutho ukuba akhuphe esinye isithuthi.

4. Ukulungiswa kwezithuthi
4.1 Nasiphi na isiphene kwisithuthi masiqwalaselwe ngokukhawuleza ukuthintela umonakalo ongaphezulu. Isithuthi esineziphene asisayi kukhutshwa side isiphene eso sibe silungisiwe.
4.2 Ukulungiswa kwezithuthi ze-GG kubaluleke kuqala kunokusetyenziswa kwazo. Ngako oko ke, ukulungiswa kwezithuthi akusayi kulibaziseka ngenxa yokunqongophala kwezithuthi.

5. Ukucoceka nokubukeka
5.1 Ukutshaya akuvumelekanga kwizithuthi ze-GG.

5.2 Abaqhubi, ngokusebenzisana namagosa ezothutho, kufuneka baqinisekise ukuba izithuthi zigcinwa zicocekile kwaye zibukeka, ngaphakathi nangaphandle. Zonke iibhotile ezingamakhoba, iitoti ezingamakhoba, iibhokisana ezilahliweyo zokufaka ilantshi, amaxwebhu omsebenzi, njl. njl. makasuswe kwisithuthi xa sibuyiswa.

6. Iingozi
6.1 Ingozi ebandakanya isithuthi se-GG kufuneka ixelwe zingadlulanga iiyure ezingama-24 kwabeNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika nakwigosa lezothutho elifanelekileyo.
6.2 Umqhubi kufuneka
  • angavumi butyala kuye nabani na;
  • aqhagamshelane noNedfleet (ifoni 0800 500 005 okanye 0800 100 3538) ukuze isithuthi sirhuqwe, xa kuyimfuneko;/li>
  • afumane inombolo yetyala yamapolisa zingadlulanga iiyure ezingama-24; kwaye
  • azalise ifom yengxelo yengozi (Z181) , efumaneka kumagosa ezothutho, aze ayingenise, namanye amaxwebhu axhasayo afanelekileyo (umz. izitetimenti zamangqina, isiketshi sendawo leyo kwehle kuyo ingozi, iikowuteshini ezi-3 zokusilungisa), zingadlulanga iiyure ezingama-48 kwigosa elifanelekileyo.
7. Iinombolo zefoni

Ukususela nge-1 Oktobha 2007, iGovernment Motor Transport (GMT) ifumene umboneleli- nkonzo omtsha, ongulo, Nedbank (Nedfleet) and AFS (eFuel). Iinombolo zabo zefoni zimi ngolu hlobo lulandelayo:

Nedfleet:
Service authorization and tyres:0800 500 005
Reporting of lost/stolen cards:0800 500 005 (Ngeeyure zomsebenzi - Office hours)
0800 110 929 (Emva komsebenzi - After-hours)
031 336 2218 (Ukuba akukho mpendulo e-ofisini)
Towing of vehicles:
(accident or mechanical breakdown)
0800 500 005 (Okanye 0800 100 353)

AFS (eFuel):
Helpdesk (manual overrides):0860 100 353
Installation or calibration problems:021 467 4746

GMT:
Lost or stolen items, as well as vehicle condition problems:021 467 4756 / 4783
Reporting of accidents:021 467 4797 (Ngeeyure zomsebenzi - Office hours)
0800 500 005 (Emva komsebenzi - After-hours)
Vehicle theft or hijackings:082 906 4057
(Le yifoni esebenza iiyure ezingama-24 ngosuku, iintsuku ezisi-7 ngeveki kwaye isiganeko masixelwe ngoko nangoko.)


ISAYINWE: NGU- LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:03

"Trip Authorisation Form" (Z606)  (ubukhulu: 24 KB)
"Accident Report Form" (Z181)  (ubukhulu: 107 KB)