1. Ngokomhlathi (6) walo mgaqo-nkqubo: The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF), utshintsho lwezifundo luvunyelwa kwezi meko zilandelayo:
1.1 Umfundi angasitshintsha isifundo esinye okanye ngaphezu koko kunyaka wakhe weBakala 10. (A learner may change one or more subjects in his or her Grade 10 year).
1.2 Abafundi bangasitshintsha isifundo kwiBakala 11 okanye 12 ukuba isikolo sikubona ukutshintsha isifundo eso kuyeyona nto elungiselela umfundi bhetele. Isikolo singasenza eso sigqibo kuphela emva kokuthethana neNtloko yeSebe okanye lowo idlulisele kuye igunya layo. (Learners may change a subject in Grade 11 or 12 if the school deems it in the best interest of the learner to change a subject. The school may take such a decision only after consultation with the Head of Department or his/her delegate.)
2. Inkqubo esetyenziswayo kulo lonke utshintsho lwezifundo kwiBakala 10 ukuya ku-12 yacaciswa kwiSetyhula 0004 ka-2008. Umhla wokugqibela okhankanywe kwiSetyhula 0004 ka-2008 uhlehlisiwe ukuba ube yi-30 Meyi 2008.
3. Njengenkokeli yokufundiswa kwezifundo, inqununu ithwele uxanduva lokuqinisekisa ukuba izicelo zabafundi zafunyanwa zaza zamkelwa lisebe lemfundo lephondo. Makubekho isicwangciso solawulo ukuqinisekisa ukuba izifundo zabafundi zibhaliswa ngokuchanekileyo kwi-CEMIS.
4. Njengoko abafundi belindeleke ukuba babonise ulwazi kuzo zonke iziphumo zokufunda nemigangatho yovavanyo ekufuneka kufikelelwe kuyo kwithuba leminyaka emithathu (amaBakala 10, 11 no-12), oku kunobakubeka engxakini abafundi beBakala 12 ekwenzeni naluphi na olunye utshintsho lwezifundo ngeli xesha lamva. Ngako oko ke akuzi kuphinde kwamkelwe lutshintsho lwezifundo liSebe iWCED emva kwe-30 Meyi 2008.
5. Ngokwenjenje kucelwa iinqununu zezikolo nabaphathi bezithili ukuba bangavumeli naluphi na olunye utshintsho lwezifundo zabafundi beBakala 12.
6. Kwiimeko ezizodwa kakhulu, lusengavunyelwa utshintsho lwezifundo kwiBakala 11, kodwa kufuneka lwenzelwe isigqibo ngokusebenzisa inkqubo ifanayo neyeBakala 12 nekufuneka ilawulwe sisithili nasisikolo.
7. Isikolo siya kulawula utshintsho lwezifundo kwiBakala 10.
8. Kucelwa uqinisekiswe ukuba abazali, ootitshala nabafundi kumaBakala 10 ukuya ku-12 banolwazi ngokuqulethwe yile setyhula kwanentsingiselo yeziphumo zako.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:03