1. ISebe leMfundo liqulunqe isikhokelo sikazwelonke ukulungiselela unyulo lwamabhunga olawulo ezikolo ukuqinisekisa ungqinelwano kwinkqubo yokutyunjwa nokunyulwa kwamabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente kuwo onke amaphondo. Esi sikhokelo sahlukile kwimiqathango ekhoyo yokusekwa kwamabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente nemisebenzi yawo esakhutshwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), nto leyo ebangele kufuneke ukuba le miqathango, njengoko yayipapashwe kwi-Provincial Gazette Extraordinary 5946 yowe-31 Januwari 2003, ihlaziywe nayo ukungqinelana noku.
2. Apha kuqhotyoshelwe ikopi yemiqathango ehlaziyiweyo epapashwe kwi-Provincial Gazette Extraordinary 6519 yowe-20 Meyi 2008. Le miqathango ithatha indawo yaleyo ikhankanywe kumhlathi 1 yaye iqala ukusebenza ukususela ngomhla wokupapashwa kwayo.
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke oosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo nabo bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:18


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).