Le setyhula isebenza njengedibanisa iimfuno ezingummiselo zomgaqo-nkqubo ezikhankanywe kula maxwebhu alandelayo:
1. UKHETHO LWEZIFUNDO NEMIGAQO YOKUDITYANISWA KWEZIFUNDO UKUZE UFUMANE ISATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE (NCS)

1.1 Ukhetho lwezifundo lushwankathelwe kwisiHlomelo A sale setyhula.
1.2 Umfundi makenze ubuncinane izifundo ezisixhenxe (7).
1.3 Umfundi akavumelekanga ukuba enze i-Computer Applications Technology ne-Information Technology zombini.
1.4 Umfundi akavumelekanga ukuba enze i-Consumer Studies ne-Hospitality Studies zombini.
1.5 Imihlathi 1.3 no-1.4 isebenza kuphela kwiBakala 10 ngo-2008; amaBakala 10 nawe-11 ku-2009 ize ibe ngamaBakala 10-12 ukusuka ku-2010 ukubheka phambili njengoko kuchaziweyo kwiSetyhula 31/2007.
1.6 Ukulungiselela ukupasa kuLwazi ngezoBomi ekupheleni kweBakala 10 nele-11 nokukhutshwa kwesatifikethi ekupheleni kweBakala 12, makwenziwe imisebenzi yovavanyo emihlanu yangaphakathi kwibakala ngalinye. Bonke ubungqina benkqubo yabafundi kwimisebenzi yovavanyo emi-5 yangaphakathi mabuboniswe kubungqina obuqokelelwe ngumfundi obungeniswa ngenjongo yokumodareyithwa ekupheleni kwamaBakala 10, 11 nele-12.
1.7 Ukuba umfundi ukhetha ukufunda izifundo ezisibhozo (8) okanye ezingaphezu koko, oko kuya kunceda ekwandiseni ulwazi lwakhe ngokwesiqinisekiso semfundo kuphela. Iziphumo zokupasa ziya kusekelwa kwizifundo ezisixhenxe kwaye akukho manqaku, kwaye kungekho manqaku ebhonasi anokuzuzwa ngokwenza izifundo ezingaphezu kwezisixhenxe. Ukuba umfundi ufuna izifundo ezongezelelweyo izifundo ezo mazifundwe ngumfundi ukusukela kwibakala 10 ukuya phezulu. Umfundi akavumelekanga ukuba aqalise ngezifundo ezongezelelweyo kwibakala 11 okanye le-12.
1.8 NgokweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate), kufuneka kufundiswe iilwimi ezimbini zaseburhulumenteni, makuqondakale nje ukuthi olunye kwezi lwimi zimbini lufundiswa kwinqanaba loLwimi lweNkobe luze olunye lufundiswe kwinqanaba loLwimi lweNkobe okanye lokuQala oLongezelelweyo. Olunye lwezi lwimi malube lulwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching) (LoLT).

2. IMINYINYIVA KUBAFUNDI ABAVELA KWAMANYE AMAZWE (IMMIGRANTS)
2.1 Kuyimfuneko ukuba iinqununu ziwuqaphele umnyinyiva onikwa kulwimi kwabo bazanelisayo iimfuno, kwakunye nenkqubo emayilandelwe xa kusenziwa isicelo sokuxolelwa ekwenzeni ulwimi oluthile (language exemption).
2.2 Asingabo bonke abafundi abavela kumazwe angaphandle abakufaneleyo ukwenzelwa umnyinyiva kulwimi. Nakuba kunjalo, njengoko imeko yabanye baba bafundi idla ngokungasiwa so malunga nokufundiswa kolwimi lwesibini kwisigaba saseprayimari, bazifumana besengxakini xa befumana kuviwo lweBakala 9 -okanye nasemva koko - ukuba abakufanelanga ukufumana ukuxolelwa kulwimi. Ngako oko ke kunyanzelekile ukuba iinqununu zaseprayimari nazo ziziqaphele iikhrayitheriya ezisetyenziswa ekuxolelweni kulwimi.
2.3 Umfundi ovela ngaphandle ucaciswe ngolu hlobo lulandelayo kumhlathi 12 wolu xwebhu lomgaqo-nkqubo, The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework::
  1. Umviwa ongumfundi ovela ngaphandle
  2. ngumntu owathi

  3. (aa) wabhalisa okokuqala waza wangena kwisikolo esiseMzantsi Afrika kwiBakala 7 okanye kwibakala elingaphezu koko, okanye
    (bb) akuba eqale ukufunda kwisikolo saseMzantsi Afrika, waza waya kufunda kwisikolo esingaphandle eMzantsi Afrika iminyaka emibini okanye engaphezu koko emva kweBakala 6 okanye elilingana neli.
2.4 Ukuze ubani kuthiwe ngumfundi ovela kwelinye ilizwe makabe namaxwebhu aseburhulumenteni afanelekileyo akhutshwe liSebe leMicimbi yaseKhaya (Department of Home Affairs) namaxwebhu aseburhulumenteni afanelekileyo akhutshwa sisikolo eso umfundi abhalise kuso ngethuba engena okokuqala kwinkqubo yemfundo yezikolo yaseMzantsi Afrika.
2.5 Umfundi ovela kwelinye ilizwe, njengoko kuchaziweyo apha ngasentla, unokufunda ulwimi lwaseburhulumenteni lube lunye (1) kuphela kwinqanaba ubuncinane loLwimi oLongezelelweyo lokuQala (First Additional Language level) nekufuneka azuze amanqaku okupasa ayi-30% ubuncinane ukupasa olo lwimi, kodwa makabe wenza esinye isifundo phantsi kweQela B endaweni yolwimi olunye lwaseburhulumenteni angalufundiyo. (isiHlomelo A).
2.6 Ezinye izinto ezinokukhethwa ngokumalunga nabafundi abenza ulwimi lwabo lwenkobe zikhankanywe kumhlathi 12(1)(a) - (v)(bb) woxwebhu lwalo mgaqo-nkqubo, The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF) (on page 16).
2.7 Abafundi abakhankanywe kumhlathi 2.6 apha ngasentla kulindeleke ukuba bapase ulwimi lwenkobe lingaphelanga ithuba eliziinyanga ezi-6 phambi kokuba babhale i-NSC neliphela kwiinyanga ezi-6 emva kokuba bebhale iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Iziphumo zolu viwo lolwimi lwenkobe mazithunyelwe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokukhawuleza ngenjongo yokukhutshwa kwesatifikethi. Uxanduva lusemagxeni omfundi ukwenza amalungiselelo ayimfuneko oviwo lwenqanaba A oluqhutywa liBhunga laseBritane (British Council) efumaneka kule dilesi ilandelayo:
The British Council
Examinations Services 
33 Hoofdt  Street 
Braampark, Forum 1
Ground Floor 
Braamfontein 
2001

Ifoni: 086 001 2233
2.8 Ukuvunywa liSebe leMfundo ukuxolelwa ekwenzeni ulwimi kwabafundi abavela kwamanye amazwe kuyafuneka kwakhona kuvavanyo lweBakala 9.
2.9 Uyacelwa uqaphele ezi zinto zilandelayo ngokumalunga nezicelo zokuxolelwa kulwimi:
2.9.1 Makuzaliswe le fom iqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) xa kusenziwa isicelo sokuxolelwa kulwimi. Le fom izalisiweyo mayihambe kunye noxwebhu lwaseburhulumenteni olufanelekileyo olukhankanywe kumhlathi 2.4 wale setyhula.
2.9.2 Zonke izicelo zokuxolelwa kulwimi mazingeniswe kwiSebe leMfundo, oko kwenziwe ngokuzithumela ngenqununu yesikolo.
2.9.3 Ileta yeSebe leMfundo yokuxolelwa okanye yokuvunywa iya kuthunyelwa ngqo esikolweni.
2.9.4 Umhla wokuxolelwa okanye wokuvunywa kufuneka, kwimeko yomfundi osisigxina, ubhalwe kwirekhodi yomfundi ize ileta yokuxolelwa/yokuvunywa iqhotyoshelwe kwikhadi lerekhodi ukuba umfundi utshintshela kwisikolo esitsha.
2.9.5 Isicelo sokuxolelwa masenziwe kwangoko emva kokuba umfundi amkelwe okokuqala kwisikolo esiseMzantsi Afrika, kungabi ngexesha apho umfundi ebhaliselwa uviwo.
2.9.6 Abafundi abahleli ngokungesosigxina eMzantsi Afrika mababe nemvume yokufunda (study permit) ekhutshwa liSebe leMicimbi yaseKhaya. Ikopi yemvume mayihambe kunye nesicelo sokuxolelwa kulwimi.
2.9.7 Kubaluleke gqitha ukuba zonke izicelo zabafundi bamaBakala 9 - 12 zifike kwiCandelo loLawulo lweeMviwo phambi kowe-15 Matshi kunyaka ngamnye. Umhla wokuvalwa kwezicelo ngowe-2008 kuphela uya kuba ngowe-23 Meyi 2008.

3. ABAFUNDI ABANEZITHINTELO EKUFUNDENI
3.1 Abafundi abakumaBakala 10-12 abanezithintelo ekufundeni baya kuvunyelwa balandele enye yezi ndlela zamakhondo okufunda (learning pathways) zilandelayo ngenjongo yokuba bafumane isiqinisekiso:
  1. ISatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) (NSC) njengoko sikhankanyiweyo kumaxwebhu alo mgaqo-nkqubo, The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework kunye nofakelo lwezilungiso kulo mgaqo-nkqubo, njengoko lukhankanywe kwiGazethi 29851 ye-30 Apreli 2007,
    OKANYE
  2. ISatifikethi seMatriki sikaZwelonke esinombhalo wokuvunywa (endorsed National Senior Certificate) njengoko sikhankanyiweyo kwiGazethi 29466 yowe-11 Disemba 2006 neGazethi 30371 yowe-11 Oktobha 2007 sabafundi abangakwaziyo ukuphumeza iimfuno ezikhankanywe kumhlathi 3.1(a) apha ngasentla.
3.2 Ngokumalunga nezicelo ezenziwa kwiSebe leMfundo zokucela iminyinyiva yoviwo (examination concessions) (ixesha elongeziweyo okanye nayo nayiphi enye indlela yokuviwa elungelelanisiweyo apha naphaya) ukulungiselela abafundi ababhala iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, ezi zinto zilandelayo maziqatshelwe:
  1. Iintloko zamaziko ezingenisa izicelo kwiSebe leMfundo zeminyinyiva (ixesha elongeziweyo okanye nayo nayiphi enye inkqubo okanye indlela yokuviwa elungelelanisiweyo apha naphaya) ukulungiselela abaviwa beeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, mazikwenze oko ngokwesikhokelo esibhalwe kwisiHlomelo A seNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo 0015/99 yowe-3 Septemba 1999. Ukuba iziko lakho alinalo olu xwebhu lomgaqo-nkqubo, lingalufumana kwiCandelo loLawulo lweeMviwo.
  2. Umhla wokuvalwa kwazo zonke izicelo zokwenzelwa umnyinyiva kwabafundi abakwizikolo eziqhelekileyo ngowe-15 Matshi kunyaka ngamnye. Umhla wokuvalwa kwezicelo ngowe-2008 kuphela uya kuba ngowe-23 Meyi 2008.
  3. Ingxelo yengcali eneenkcukacha ezibanzi (engadlulanga kwiminyaka emithathu ikho)evela kugqirha, kwipharamedikhi, okanye kwisayikholojisti, kwakunye nobunye ubungqina obuxhasayo (iziphumo zovavanyo, iziphumo zoviwo, njl. njl.) mazihambe kunye nefom yesicelo efanelekileyo (isiHlomelo C1 nesiHlomelo C2).
  4. Ifotokopi yesazisi somfundi eqinisekisiweyo nayo mayihambe naso sonke isicelo.
4. IMINYINYIVA KUBAFUNDI ABANEZITHINTELO KAKHULU EKUFUNDENI ISIFUNDO ESITHILE
4.1 Ukuze abe nokupasa i-NSC okanye iBakala 10 nele-11, umfundi ongevayo (deaf) angafunda ulwimi lwaseburhulumenteni olunye (1) kwinqanaba loLwimi oLongezelelweyo, ukuba eso sifundo singesinye asenzayo siphantsi kweQela B endaweni yolwimi lwaseburhulumenteni olunye angalufundiyo (isiHlomelo A).
4.2 Ukuze abe nokupasa i-NSC okanye iBakala 10 nele-11, abafundi abaneengxaki kakhulu ekufundeni iilwimi, ezinjenge-aphasia okanye i-dyslexia, banokwenza ulwimi lwaseburhulumenteni olunye (1) kwinqanaba lokuQala oLongezelelweyo, ukuba eso sifundo singesinye asenzayo siphantsi kweQela B endaweni yolwimi lwaseburhulumenteni olunye angalufundiyo (isiHlomelo A).
4.3 Abafundi abanengxaki enkulu ekwenzeni imathematika, enjenge-dyscalculia, bangaxolelwa ekufundeni iMathematika okanye yesifundo soLwazi lweMathematika, ukuba eso sifundo singesinye asenzayo siphantsi kweQela B endaweni yeMathematika okanye yesifundo soLwazi lweMathematika angasifundiyo (isiHlomelo A).
4.4 Le minyinyiva ikhankanywe apha ngasentla iya kusebenza kwakhona kubafundi ababhalisele iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke esinombhalo wokuvunywa esilungiselelwe abafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa.
4.5 Ingxelo yekomiti enika inkxaso kwimiba yezemfundo yesikolo (educational support team of the school), ebandakanya imbali yenkqubo yezifundo yeminyaka ubuncinane emibini edlulileyo nengxelo engongenelelo ngoncedo olwenziwe sisikolo ukuxhasa umfundi, kwakunye nobunye ubungqina obuxhasayo (iziphumo zovavanyo, iziphumo zoviwo, njl. njl.) mayihambe kunye nefom yesicelo efanelekileyo. Kubaluleke kakhulu ukungqinwa kwezi ngxelo yikomiti yesekethe yesithili/yikomiti ejongene nemiba ngemiba yezemfundo.
4.6 Ifotokopi yesazisi somfundi eqinisekisiweyo nayo mayihambe nazo zonke izicelo.

5. IMINYINYIVA EMALUNGA NABAFUNDI ABANEZITHINTELO EKUFUNDENI NABAFUNA UKUPASA ISATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE ESINOMBHALO WOKUVUNYWA njengoko kucacisiwe kwiGazethi 29466 yowe-11 Disemba 2006 nakwiGazethi 30371 yowe-11 Oktobha 2007.

Amabanga emfundo adweliswe kwisiHlomelo A no-D ngokumalunga nabafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo aya kwenziwa kuphela

  1. ngabafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo ezininzi kakhulu (extensive special needs) abakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa;
  2. ngabafundi abakwizikolo eziqhelekileyo abaqatshelwe bavavanyelwa ukufakwa kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa nabakuluhlu lwabalindele ukwamkelwa kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa;
  3. ngabafundi abakwizikolo eziqhelekileyo abaqatshelwe bavavanyelwa ukufakwa kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa, kodwa bakhetha ukufunda kwizikolo eziqhelekileyo; kunye
  4. nabafundi abanezithintelo kakhulu ekufundeni nabazanelisayo iikhrayitheriya ezicaciswe kwisiHlomelo D sale setyhula.
6. IIMFUNO EZINGUMMISELO ZOKUPASA ISATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE

Okuqhotyoshelwe apha kule setyhula sisishwankathelo seemfuno ezingummiselo wokupasa ezisebenza kubo bonke abaviwa beSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (isiHlomelo D). Uyacelwa ukuba uqinisekise ukuba abazali, ootitshala nabafundi bamaBakala 10-12 bayakwazi okuqulathwe ngulo mgaqo-nkqubo neziphumo zawo. Ukuba unako nakuphi ukungaqiniseki ngayo nayiphi imigaqo ekule setyhula, ungaqhagamshelana nomnye waba bantu balandelayo:

Mr GA ValentineIfoni 021 467 2919(malunga nabafundi abavela kwamanye amazwe)
Mr HAJ CoetzeeIfoni 021 467 2921(malunga nabafundi abaneemfuno ezizodwa)
Mrs J JohnsonIfoni 021 467 2887(malunga nabafundi abavela kwamanye amazwe)


ISAYINWE: NGU-TT SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:12

isiHlomelo A  : Subject choices  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo B  : Application form for language exemption for immigrant learners  (ubukhulu: 24 KB)
isiHlomelo C1: Application for additional time and/or alternative method of examining  (ubukhulu: 28 KB)
isiHlomelo C2: Application for concession(s)  (ubukhulu: 18 KB)
isiHlomelo D  : Minimum promotion requirements  (ubukhulu: 13 KB)

kwisiHlomelo A seNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo 0015/99:  Alternative and adapted methods of examining/assessing learners with special education needs  (ubukhulu: 40 KB)

National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF)  (ubukhulu: 293 KB)
Government Gazette No. 29851  (ubukhulu: 81 KB)
Government Gazette No. 29466  (ubukhulu: 524 KB)
Government Gazette No. 30371  (ubukhulu: 50 KB)