1. Olu xwebhu lomgaqo-nkqubo, the National policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate. A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF), olukule Gazethi 30048, lubonisa ukuba isikolo ngasinye kufuneka siseke iKomiti yokuSingatha iZitenxo zoVavanyo lweZikolo (School Assessment Irregularities Committee) (SAIC).

2. Lo mgaqo-nkqubo ubonelela ngokusekwa kwezi zitraksha zilandelayo ukujongana nezitenxo zovavanyo kumanqanaba kazwelonke, awephondo nawezikolo.
2.1 UMphathiswa weMfundo kazwelonke kufuneka aseke iKomiti yokuSingatha iZitenxo zeeMviwo zikaZwelonke (National Examinations Irregularities Committee) (NEIC) ukuxhasa amasebe amaphondo ekuqinisekiseni ukunyaniseka kweemvavanyo neemviwo.
2.2 Amasebe emfundo amaphondo kufuneka aseke iKomiti yePhondo yokuSingatha iZitenxo zeeMviwo (Provincial Examinations Irregularities Committee) (PEIC) ukuphanda ngezitenxo nokwenza iingcebiso kuMphathiswa wePhondo nakwiNtloko yeSebe leMfundo;
2.3 Izitenxo kuvavanyo lwangaphakathi ezichaphazela abafundi mazisingathwe esikolweni okanye kwiziko lemfundo yiKomiti yeSikolo yokuSingatha iZitenxo zoVavanyo (School Assessment Irregularities Committee) (SAIC), ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo obonelelwe lisebe lemfundo lephondo.

3. Kulindeleke ukuba isikolo ngasinye siseke i-SAIC. Inkqubo, iindima nemisebenzi kufuneka zicaciswe kumgaqo-nkqubo wovavanyo wesikolo. Okuqhotyoshelwe kule setyhula njengesiHlomelo A sisikhokelo malunga nendlela i-SAIC efanele ukusekwa ngayo nabantu ekufaneleke ukuba babe kwikomiti elolu hlobo.
4. Izikolo kulindeleke ukuba zibe sezizisekile ii-SAIC zazo kwaye zibe sele zisebenza ngokupheleleyo ngomhla we 30 Juni 2008.
5. I-SAIC iya kusombulula zonke izitenxo kuvavanyo, kuwo omabini amanqanaba ele-GET nele-FET. I-SAIC iya kudlala indima ebalulekileyo kwizitenxo ezilunxumene nee-CTA novavanyo lweBakala 12.
6. ISebe i-WCED liya kukubeka esweni ukusekwa kwee-SAIC ukususela kuJuni 2008 ukuya phambili.
7. IGazethi kaRhulumente No. 30048 ingakotshwa ngekhompyutha (downloaded) kwiziko lewebhu lecandelo lovavanyo neemviwo leSebe i-WCED apha http://curriculum.pgwc.gov.za/site/21/page/view .
8. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU- TT SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:12

isiHlomelo A: ISIKHOKELO SOKUSEKWA NEMISEBENZI YEKOMITI YESIKOLO YOKUSINGATHA IZITENXO ZOVAVANYO
(ubukhulu: 25 KB)