1. Intshayelelo

Imisebenzi yovavanyo eyipraktikhali (PATs) isetiwe kwizifundo ezikhethiweyo. Ezi PAT zisetwa ngaphandle liSebe leMfundo likazwelonke, ziqhutywe ngaphakathi esikolweni, zize zimodareyithwe ngaphandle kodwa kwiphondo elo.


2. Ezi zifundo zilandelayo zibandakanya i-PAT:
2.1 Agricultural Management Practices, Agricultural Technology
2.2 Dance Studies, Design, Dramatic Arts, Music, Visual Arts
2.3 Computer Applications Technology, Information Technology
2.4 Consumer Studies, Hospitality Studies, Tourism
2.5 Civil Technology, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Mechanical Technology

3. Uvavanyo lwee-PAT
3.1 I-DoE kazwelonke ipapashe isikhokelo semisebenzi yovavanyo eyenziwayo esihamba nale setyhula.
3.2 I-PAT inika ootitshala ithuba lokuqaphela ubugcisa bokwenza kwaloo mfundi oko kufuneka ekwenzile kwisifundo eso sichaphazelekayo kwaye kufuneka yenziwe njengomsebenzi omnye oqhuba ithuba elide (extended task) nohlulwe wangamacandelwana amancinane, okanye waluthotho lwemisebenzi emifutshane.
3.3 I-PAT ingamanqaku ayi-25% yamanqaku ewonke okupasa/okufumana isatifikethi kuzo zonke izifundo, ngaphandle kwe-Design and Visual Arts, apho amanqaku ewonke okupasa/okufumana isatifikethi ayi-37,5%.
3.4 Ezi zikhokelo zihamba nee-PAT mazinikwe ootitshala bezifundo abachaphazelekayo ukuze bakwazi ukusebenzisa la maxwebhu ukuqhuba iimvavanyo eziyimfuneko.
3.5 Kucelwa uqaphele ukuba iSebe leMfundo kuZwelonke likwabonelele ngamaxwebhu azizikhokelo kwezi zifundo Electrical Technology, Computer Applications Technology and Information Technology kwakunye nengcaciso eyongezelelweyo kwi-Civil Technology and Mechanical Technology. Kucelwa wazise bonke ootitshala abachaphazelekayo ngezi zinto zamvanje zikhoyo ngoku.
3.6 Abacebisi ngezekharityhulam abaziingcali ezichaphazelekayo abakwi-ofisi yesithili baya kunika inkxaso izikolo ngethuba lokuqhubeka konyaka. Ngako oko ke, kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayaya kwiintlanganiso zesithili ezimalunga novavanyo kunye nokumodareyithwa kwee-PAT.

4. Iinqununu ziyacelwa zazise le ngcaciso kootitshala nakubafundi ababandakanyekayo.


ISAYINWE: NGU- TT SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:08


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).  La maxwebhu akwafumaneka kweli ziko lewebhu lilandelayo: http://curriculum.pgwc.gov.za/site/22/res/view/989.