1. Iimviwo zokuqala ngqa zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, ezisekelwe kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statements (NCS)) ziya kubhalwa libakala 12 ngoNovemba 2008.
2. IKomiti yamaPhondo eJongene neeMviwo (Inter-Provincial Examination Committee (IPEC) yenze le thayimthebhile yeemviwo yezwelonke emva kokubhungisana nabo bonke abachaphazelekayo kwezemfundo nabemibutho yezenkolo. Le thayimthebhile iye yavunywa yiKomiti yeeNtloko zeMfundo zamaPhondo (Heads of Education Departments Committee (HEDCOM)) yaza ekugqibeleni yavunywa liBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Ministers).
3. Izikolo ziya kuqaphela ukuba ukuqala kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008 lucwangciselelwe ukuba luqale mva xa kuthelekiswa neemviwo zangaphambili zeMatriki. Oku kubangelwe sisicelo soMphathiswa weMfundo sokuba izikolo zisebenzise ithuba elithe kratya elifumanekileyo ekufundiseni nasekufundeni. Ziyacelwa ke ngoko izikolo ukuba ziqhubeke nokurivayiza kunye namanye amalungiselelo oviwo de kube ngumhla wama- 24 Oktobha 2008.
4. Kucwangciselwe iiseshoni ezimbini ngosuku ngalunye. Iseshoni yasekuseni iqala ngo -09:00 ize eyasemva kwemini iqale ngo-14:00.
5. Mazincede iinqununu nabaphathi bamaziko baxelele bonke abaviwa ukuba iimviwo zokuxabangela (supplementary examinations) zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ziya kuqhutywa ngoFebruwari/Matshi 2009, kwaye mazingabhidaniswa noviwo lweMatriki lwangoMeyi/Juni 2009.
6. Okuqhotyoshelwe apha yithayimthebile yokugqibela yeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ka-2008.
7.

Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba zazise iSebe i-WCED ngako nakuphi na ukungqubana kwemihla kwisicwangciso samaxesha okubhala. Ingxelo leyo mayenziwe ngencwadi ebhaliweyo emayithunyelwe phambi kwangoLwesihlanu we-16 Meyi 2008 kulo ulandelayo:

Head: Education
For attention: Mr TJ Magwaca (Room 814)
Western Cape Education Department
Private Bag X911
Cape Town
8000

okanye ngefeksi ngale nombolo: 021 467 2620
idilesi ye-imeyile: 
tmagwaca@pgwc.gov.za

8. Kufuneka iinqununu nabaphathi bamaziko baxelele bonke abaviwa ukuba kufuneka babekho esikolweni de kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo (05 Disemba 2008), ukulungiselela ukuba kuthi ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kubekho imfuneko yokuba kuhlehliswe ukubhalwa kwephepha loviwo elithile.


ISAYINWE: NGU- BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:23

Final timetable for the 2008 National Senior Certificate examinations  (ubukhulu: 40 KB)