1. Niyacelwa ukuba niqaphele olu xwebhu lwemiMiselo lukhankanywe apha ngentla nolwathunyelwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente (kungabandakanywa izikolo ezingahlawulisi zifizi) luhamba kunye nale Setyhula 0058/2006 yowe-9 Novemba 2006.
2. NgokomMiselo 6(11) wale miMiselo ilapha ngentla, ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente (kungabandakanywa izikolo ezingahlawulisi zifizi) KUFUNEKA phambi okanye ekupheleni kwekota yokuqala kunyaka ngamnye lingenise kwiNtloko yeSebe leMfundo ithayimthebhili yethutyana ebonisa
2.1 inani lezicelo zokuxolelwa kwabazali kwintlawulo yeefizi zesikolo elithe laqwalaselwa;
2.2 inani labo baxolelwe ngokupheleleyo kwintlawulo yeefizi;
2.3 inani labo baxolelwe ngokuyinxenye kwintlawulo yeefizi; kunye
2.4 nenani lezicelo zokuxolelwa ezingakhange zivunywe.
3. Ithayimthebhile yokugqibela mayingeniswe phambi okanye nge-30 Novemba kunyaka ngamnye.
4. Ngako oko ke iya kuthakazelelwa into yokuba ibhunga lolawulo linokuzalisa le ngcaciso ifunekayo kuluhlu oluqhotyoshelweyo lize liyithumele kule dilesi ilandelayo phambi kowe-30 Matshi 2007:
Head: Education
For Attention: Mr A Davids
Grand Central Towers - Room 614
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
5. Nceda wazise okukule setyhula onke amalungu ebhunga lolawulo achaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:22

Provisional table  (ubukhulu: 4 KB)
Final table  (ubukhulu: 4 KB)