1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liqulunqe inkqubo eza kulandelwa xa kutyunjwa amagosa kwi-WCED ukuba asebenze kumabhunga - anjengeekomiti ezijongene nemiba ethile (task teams), amabhunga engcebiso (advisory bodies) kunye neekomiti ezabelwe umsebenzi othile (reference group) - kuzwelonke nakumaphondo.
2. Injongo yale nkqubo kukuqinisekisa ukuba imisebenzi ebalulekileyo ye-WCED kunye nezinto eziluxanduva azishiywa zingenziwanga xa amagosa enika inkxaso eyimfuneko kwiSebe leMfundo likazwelonke, kwamanye amasebe emfundo ephondo nakwamanye amasebe ephondo.
3. Le nkqubo yenziwa ngenxa yenkxalabo eyavakaliswa kwiinkalo ezahlukeneyo ngendlela ekutyunjwa ngayo amagosa asuka kwi-WCED ukuba aye kusebenza kula mabhunga. Kubonakala ngathi kusoloko kusiziwa qho kumagosa kuthethwe nawo buqu kwaye amaxesha amaninzi kwenziwa oku ngaphandle kwemvume yesebe.
4. Ngenxa yoku kulapha ngasentla, kufuneka kulandelwe le nkqubo ilandelayo xa kucelwa amagosa e-WCED ukuba asebenze kumabhunga kazwelonke okanye amaphondo:
4.1 Zonke izicelo zamagosa aza kutyunjelwa ukusebenza kumabhunga kazwelonke okanye amaphondo mazithunyelwe ngembalelwano kwiNtsumpa-Jikelele (Superintendent-General), ukuze ziqwalaselwe lisekela mlawuli-jikelele (deputy director-general) elichaphazelekayo ngengcebiso yomlawuli (director) kunye/okanye yomlawuli oyintloko (chief director).
4.2 Isicelo esibhaliweyo masibandakanye injongo yebhunga elichaphazelekayo, ubude bexesha lokuqhubeka kwalo lisebenza, amatyeli okudibana kwalo neenkcukacha zalowo uya kuhlawula iindleko zegosa elithatha inxaxheba kwimisebenzi yelo bhunga. Makufakwe negama lomntu oya kuthatha indawo yelo gosa ngethuba lingekho.
4.3 Iinkcukacha zentlawulo yemali yesibonelelo sokutya neendleko zohambo kufuneka zingqinisiswe ngumphathi weprogram ochaphazelekayo, phambi kokufakwa kwegama legosa elityunjelwe ukuba lisebenze kwelo bhunga lichaphazelekayo. Makusoloko kukhunjulwa ukuba imali yesibonelelo sokutya neendleko zohambo iya kuhlawulwa kuphela xa isekela mlawuli-jikelele elichaphazelekayo linike imvume kwigosa elo ukuba lisebenze kwelo bhunga.
4.4 Makungaze kutyunjwe amagosa ukuba enze umsebenzi ngenxa yezikhundla akuzo ngokuthi kuthethwe nawo buqu okanye kungasetyenziswa le nkqubo (protocol).
4.5 Apho kufanelekileyo, igosa elityunjiweyo malicele isigunyaziso (mandate) kumlawuli oyintloko ochaphazelekayo kunye/okanye kwisekela mlawuli-jikelele elichaphazelekayo ngokumalunga nemiba ekuya kuxoxwa ngayo kwiintlanganiso zelo bhunga lichaphazelekayo.
4.6 Makungeniswe iingxelo ezibhaliweyo ezingemisebenzi yebhunga njengoko kuceliweyo lisekela mlawuli-jikelele elichaphazelekayo.
5. Irejista yamagosa e-WCED enza umsebenzi kumabhunga kazwelonke nawephondo iya kugcinwa e-ofisini yeNtsumpa-Jikelele.
6. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula onke amagosa achaphazelekayo uze uwacele ayisayine kwaye abhale umhla ukubonisa ukuba alufumene olu xwebhu.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:23