1. ISiqendu 24 (2) seGazethi kaRhulumente No. 28156 (eyayipapashwe nge-21 Oktobha 2005) http://www.info.gov.za/gazette/notices/2005/28156.pdf simisela ukuba umfundi ongayithobeliyo yonke imiqathango eyimfuneko yovavanyo lwangaphakathi, nongangenisi sizathu sivakalayo nesisemthethweni sokungayithobeli kwakhe imiqathango, akasayi kufumana ziphumo kweso sifundo.
2. Ngaphezulu, ngokwale Gazethi kaRhulumente, iSiqendu 23 (6) (Government Gazette (section 23 (6) nesele ikhankanywe apha ngentla, abafundi abasisigxina nabo bangesosigxina abenza isifundo seprakhthikhali (practical subject), mabalubandakanye kwakhona uvavanyo lweprakhthikhali njengenxalenye yamanqaku ovavanyo lwangaphakathi.
3. Kwi-Computer Studies olu vavanyo lweprakhthikhali lwenziwe lwakwimo yeprojekthi. Kwi-Computer Studies HG no-SG, iprojekthi inamanqaku angama-60 nama-50 ngokulandelelanayo.
4. Abaviwa abenza i-Computer Studies njengenxenye yeSatifikethi seMatriki ngo-2007 mabangenise iiprojekthi zabo ngaphambi okanye nge-30 Julayi 2007 kutitshala we-Computer Studies wabo.
5. Abafundi abangenise iiprojekthi zabo emva komhla omiselweyo baya kohlwaywa ngamanqaku amabini ngosuku ngalunye (athathwe kwitotali yamanqaku anikwe iprojekthi), ukususela kwi-31 Julayi 2007.
6. Ngokwenjenje kunikwa umyalelo iintloko zawo onke amaziko emfundo alungiselela abaviwa abenza i-Computer Studies iimviwo zeMatriki ngo-2007 ukuba zibhale zichazele bonke abazali babafundi be-Computer Studies okuqulethwe yile setyhula. Imbalelwano elolu hlobo, eya kubazali, mayibandakanye icandelo (isiliphu sempendulo okanye into efana naso) apho abazali bababhale kulo batsho ukuba bayifumene imbalelwano.
7. Esi siliphu sokuvuma ukuba umzali uyifumene imbalelwano esichazwe apha ngentla masifayilishwe njengobungqina besaziso esikule setyhula.
8. Kucelwa niqhagamshelane noMnu I Francis ngale nombolo yefoni 021 467 2549 okanye ngale dilesi ye-imeyili: ifrancis@pgwc.gov.za ukuba nifuna ukucaciselwa xa kukho imfuneko yoko.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:20

Government Gazette No. 28156: Regulations for the Conduct, Administration and Management of Assessment for the Senior Certificate  (ubukhulu: 724 KB)
Government Gazette No. 28156: Chapter 4 (Sections 23 and 24)  (ubukhulu: 37 KB)