1. Izikolo zazichazelwe ngolwabiwo-mali lwazo kwiMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-Mali (Norms and Standards (N&S) allocation) kwiSetyhula 49/2006 ye-6 Oktobha 2006 zaza zacelwa ukuba zahlule isabelo sazo zize zingenise ezo nkcukacha zilolu hlobo zikwifom WCED 032, ingagqithanga we-28 Februwari 2007.
2. Le setyhula ichazwe ngentla apha ikwacela nokuba zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 (non-Section 21 Schools), mazingenise iirikhwizishini zazo ngokumalunga nokuthengwa kweencwadi zezifundo nezinye iincwadi (ifom WCED 034) nezinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (local purchases) (ifom WCED 026), kwi-ofisi yoku-odola eKuils River, engadlulanga uLwesine, we-26 Apreli 2007.
3. Izikolo ke ngoko ziyakhunjuzwa malunga nale mihla ingentla apha yokungeniswa kwezi fom. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:22