1. Ukwenzela ukuncedisa izikolo ekucwangciseleni unyaka, iSebe leMfundo leNtshona Koloni ligqibe ekubeni libonelele amaziko emfundo ngekhalenda yesikolo njengangaphambili.
2. Ikhalenda ka-2008 iya kuthunyelwa ezikolweni ngeposi. Phakathi kwezinye izinto ezikuyo ibonisa imihla ekufuneka amaziko emfundo angenise ngayo iifom namaxwebhu kwaNdlunkulu okanye kwii-Ofisi zeZithili.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziyixhome le khalenda kwindawo esemboniselweni apho inokumana itshekishwa qho ukwenzela ukuqinisekisa ukuba zonke iisaveyi namanye amaxwebhu angeniswa kwangexesha. Ukwenzela lula iinqununu kukho ikholam kule khalenda ekunokubhalwa kuyo imihla ekungeniswe ngayo amaxwebhu neesaveyi ukulungiselela ukuba yonke into ibe phantsi kolawulo.
4. Intsebenziswano yakho ngalo mba iya kuthakazelelwa.


ISAYINWE: NGU-T.S. SHAYI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:12:22