1. Kufunyanwa imibuzo emininzi ngokunxulumene nokususwa kwefanitshala nezixhobo ezingasenakutyenziswa, ezingasenakulungiseka neziphelelwe lixesha,
2. Kucelwa uthathele ingqalelo umMiselo kaNondyebo kaZwelonke 10.1.2 (National Treasury Regulation 10.1.2) omawufundwe kunye neSiqendu 38(1)(d) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente ka-1999 (uMthetho 1/1999), (Public Finance Management Act (Act 1/1999) ofundeka ngolu hlobo: "Amagosa amele ukuphendula makaqinisekise ukuba kukho iinkqubo ezisetyenziswayo ezenzelwe usetyenziso ngendlela eyiyo, eyimpumelelo, enoqoqosho nesekuhleni lwee-asethi zeziko". ("Accounting Officers must ensure that processes and procedures are in place for the effective, efficient, economical and transparent use of the institution's assets".)
3. Kucelwa bonke abaphathi abajongene nestokhwe kwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili ukuba balandele ngqo le nkqubo ilandelayo malunga noku:
3.1 Abaphathi abajongene nestokhwe kwaNdlunkulu
3.1.1 Makuzaliswe le fom Log 1 (Requisition) ize isayinwe ngumphathi ojongene nestokhwe ize ithunyelwe kuMnu P Venter, Room 6 kwisakhiwo iGrand Central Towers. Le ngcaciso ilandelayo mayivele kule fom Log 1:
  • Inkcazo epheleleyo nenombolo yempahla (yeempahla) (item)(s))
  • Imeko yempahla leyo (yeempahla ezo)
  • Indawo kanye ekuyo impahla leyo (iimpahla ezo)(umgangatho, isakhiwo nenombolo ye-ofisi)
  • Inombolo yebhakhowudi yempahla leyo
  • Inombolo yolandelelwano (serial number) yempahla leyo, apho kusebenzayo oku
3.1.2 Apho kukho isithuba esincinane kakhulu kwifom Log 1, kunokuqhotyoshelwa uluhlu olwahlukileyo lwempahla leyo (lweempahla ezo) eza kuchithwa apho kuyo. Nakuba kunjalo, makunikwe ingcaciso ecaciswe kumhlathi 3.1.1 ngento nganye. Abaphathi abajongene nestokhwe mabaqinisekise ukuba kwimeko ezingokutshintshwa kwezixhobo ze-IT ngezinye, iinkcukacha zesixhobo esitsha (zezixhobo ezitsha) nezesidala ziyaboniswa kuluhlu lwe-ICT Installation Checklist (ikopi iqhotyoshelwe). Kubaluleke kakhulu ukuba le fom mayizaliswe ngononophelo olukhulu nangokupheleleyo. Ezi zintlu zokutshekisha (checklists) maziqhotyoshelwe kwifom Log 1.
3.1.3 Ifom ezalisiweyo iBAS Allocation form (PGWC 002) mayihanjiswe nefom Log 1. Le fom iya kusetyenziselwa ukwabela imali nayiphi na inkcitho enokwenzeka ngexesha lenkqubo yokuchithwa kwempahla. Ngamnye umphathi ojongene nestokhwe, makazihlawule iindleko ezilolu hlobo kwibhajethi yakhe.
3.1.4 Abaphathi abajongene nestokhwe baya kunikwa amaxwebhu njengobungqina bokuba impahla (iimpahla) zikhutshiwe ezincwadini yaye loo maxwebhu makagcinwe kunye nekopi ye-inventri yecandelo elichaphazelekayo kwindawo ekhuselekileyo ukulungiselela ukuphicothwa kweencwadi.
3.2 Abaphathi abajongene nestokhwe bee-Ofisi zeZithili
3.2.1 Phambi kokuba kwenziwe iinkqubo ezichazwe kumhlathi 3.1.1, makungeniswe uluhlu lwefanitshala nezixhobo ezingasenakutyenziswa, ezingasenakulungiseka neziphelele lixesha kwikomiti yokuchitha iimpahla (disposal committee), eya kwenziwa ngabantu abathathu ubuncinane, omnye wabo omakabe liGosa eliKhulu ubuncinane. Intloko ye-ofisi mayazise amalungu ekomiti ngokutyunjwa kwawo ngencwadi ebhaliweyo. Umsebenzi wekomiti yokuchitha iimpahla kukutshekisha kanye impahla leyo (iimpahla ezo) eza kuchithwa iyijonge ngeliso (physically) ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ngaba ngokwenene imeko yayo ikufanele na ukuchithwa. Le komiti kuxoxwa ngayo mayenze ingcebiso malunga noku kwigosa elidluliselwe amagunya (uSekela-Mlawuli weCandelo loLawulo loKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo (Deputy Director: Procurement Management). Ukuba kuyimfuneko, makufunyanwe iingxelo zokusebenza kwezixhobo ezo (technical reports).
3.2.2 Kwimeko yezixhobo ze-IT ezingasenakutyenziswa, ezingasenakulungiseka neziphelelwe lixesha, makulandelwe inkqubo echazwe kumhlathi 3.1.2.
3.2.3 Makuzaliswe ifom VA 27, ekubhalwa kuyo ingcebiso yekomiti yokuchitha iimpahla, ize iqhotyoshelwe kwifom Log 1 njengoko kucaciswe kumhlathi 3.1.1. Mayithunyelwe ke ngoko kunye nemizuzu yentlanganiso yekomiti yokuchitha iimpahla nefom ezaliswe ngokupheleleyo yeBAS allocation (PGWC 002) kwaNdlunkuku ukuba iqwalaselwe nguMnu P Venter. Isicelo ke ngoko siya kungeniswa kwigosa elidluliselwe amagunya ukuba lithathe isigqibo. Ifom iBAS Allocation ifunelwa isizathu esifanayo neso sinikwe 3.1.3.
3.2.4 Emva kokuba isicelo sithathelwe ingqalelo ligosa elidluliselwe amagunya, i-ofisi echaphazelekayo iya kwaziswa ngesiphumo sesicelo. Apho kuza kukhutshwa ezincwadini impahla, kuya kunikwa inombolo yokuchitha impahla. Makugcinwe ileta yokugunyazisa ukuchithwa kwempahla kunye ne-inventri ye-ofisi echaphazelekayo kwindawo ekhuselekileyo ukulungiselela ukuphicothwa kweencwadi.
4. Emva kokugqitywa kwenkqubo esele ikhankanywe apha ngasentla, ii-inventri nerejista yee-asethi mazihlaziywe nguNdlunkulu zize ii-inventri ezihlaziyiweyo zingeniswe kubaphathi bestokhwe ngenjongo yokuba bazitshekishe zize ziswayinwe (sign off)
5. Mayigxininiswe into yokuba yonke ifanitshala nezixhobo ziselugcinweni nakulondolozo lomphathi ojongene nestokhwe ochaphazelekayo kude kube kugqitywe inkqubo yokuchithwa kwazo. Ngako oko ke ifanitshala nezixhobo ezilolu hlobo mazigcinwe kwindawo ekhuselekileyo de zibe zichithiwe. Akukho fanitshala okanye zixhobo mazisuswe okanye zishenxiswe kwiindawo zazo zakuqala, phambi kokuba kude kube kugqitywe ukukhutshwa kwazo ezincwadini neenkqubo zokuchithwa kwazo. (Funda iifom zokushenxiswa kweempahla ezimiselweyo kwiSetyhula 28/2005 ye-23 Meyi 2005).
6. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:29

Checklist for installation of ICT hardware  (ubukhulu: 24 KB)