1. Kuqapheleke ukuba kukho ukungaqiniseki okukhoyo malunga nokwenza amabango amalunga neendleko zendawo yokulala, ezohambo nokutya (subsistence and travel expenses) xa umqeshwa weSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) engekho kwindawo asebenza kuyo ngenxa yomsebenzi wesebe kwaye kufuneka achithe ubusuku kuloo ndawo. Ukucacisa lo mba ezi meko zilandelayo zinika umfanekiso onguwo:
1.1 Xa umqeshwa engekho kwindawo asebenza kuyo kuba ehambele imicimbi yesebe eya kuthatha ithuba elingaphezu kweeyure eziyi-24, kwaye kufuneka alale apho ngobo busuku, eyona nto iqheleke kakhulu ukwenziwa kukuba enze ibango leendleko ezihlawulwa kuloo hotele okanye kuloo mzi weendwendwe (guest house). Le ntlawulo ilolu luhlobo kuqheleke ukuba ibandakanye isidlo sakusasa, kodwa ukuba kuye kwenziwa iindleko zokutya eziyimfuneko, uya kuzibuyiselwa nazo xa engenise iirisithi kunye ne-invoyisi yehotele okanye yomzi weendwendwe. Kwiimeko ezinjengezi, apho kwenziwe ibango ngeendleko, intlawulo yesibonelelo esisodwa sosuku, esiyi-R67.50 njengangoku ngeeyure eziyi-24, isenokwenzelwa ibango ngokumalunga nosuku oluzeleyo okanye inxenye yolo suku. Injongo yentlawulo esisibonelelo esisodwa sosuku, kukubuyisela abaqeshwa ngeendleko ezincinane ezifana nee-tips, amaphephandaba njl.njl.
1.2 Xa iindleko zomqeshwa weSebe iWCED zihlawulwa ngomnye umntu, okanye xa i-akhawunti yendawo yokulala ihlawulwa ngqo liSebe, ngamanye amazwi akuyomfuneko kumqeshwa ukuba ayihlawule i-akhawunti ngemali yakhe aze enze ibango lokubuyiselwa imali, umqeshwa uya kuba nelungelo lokwenza ibango lentlawulo eyodwa yosuku (eyi-R67.50 njengangoku), echazwe apha ngentla. Into eqhelekileyo yeyokuba kunqabile ukuba kwenziwe ibango lezi ndleko.
1.3 Kwiimeko ezithile, umzekelo, xa umqeshwa ehlala nosapho lwakhe okanye izihlobo okanye xa ebeye kukhampisha, kungenziwa ibango lentlawulo esisibonelelo esiqingqiweyo sosuku esiyi-R221, 00 ngosuku. Xa kusenziwa ibango lesi sibonelelo, akukho zindleko zokutya nokulala zalo naluphi na uhlobo ziya kuhlawulwa, nkqu nezo zesibonelelo esisodwa sosuku esiyi-R67,50 njengangoku.
2. Ukushwankathela: Xa ingamathuba angaphezu kweeyure eziyi-24 zokungabikho komqeshwa kwindawo asebenza kuyo, amabango angangeniswa ngolu hlobo lulandelayo:
2.1 Xa iindleko zendawo yokulala zingaphezu kwesibonelelo sosuku, (esiyi-R221, 00 njengangoku), kwaye i-akhawunti kufuneka ihlawulwe ngumqeshwa, yena angenza ibango leendleko ezipheleleyo (ngokwe-invoyisi emayingeniswe kunye nebango) kunye nesibonelelo esisodwa sosuku (esiyi-R67,50 njengangoku).
2.2 Xa iindleko zendawo yokulala zingaphezu kwesibonelelo sosuku (esiyi-R221,00 njengangoku), kwaye sihlawulwa ngqo liSebe iWCED okanye nguwo nawuphi na umbutho, makwenziwe kuphela ibango lesibonelelo esisodwa sosuku (esiyi-R67,50 njengangoku).
3.3 Xa kungekho zindleko zendawo yokulala okanye zingaphantsi kunesibonelelo sosuku (esiyi-R221,00 njengangoku) esihlawulwayo, umzekelo xa umqeshwa ethe walala kusapho okanye kwizihlobo zakhe, kungenziwa kuphela ibango lesibonelelo sosuku (esiyi-R221,00 njengangoku).
3. Xa umqeshwa engekho kwindawo asebenza kuyo ithuba elingaphantsi kweeyure eziyi-24, kuphela ziindleko ezimalunga nokutya emazenzelwe ibango. Ezi ntlawulo zilandelayo ziintlawulo ezisetyenziswayo njengangoku kwaye ukubuyiselwa imali kuxhomekeke kuphela qwaba ekungenisweni kweziliphu zekheshi/zethili okanye ii-invoyisi ezibonisa umhla, ixesha nendawo ekuthengwe kuyo, kwakunye naloo nto kanye ithengiweyo:
Isidlo sakusasa - R33,95 
(ukuba umqeshwa umka  ekhaya phambi kuka-06:00)
Isidlo sasemini - R41,90 
(ukuba umqeshwa ufike ekhaya emva kuka-14:00)
Isidlo sangokuhlwa - R58,90 
(ukuba umqeshwa ufika ekhaya emva kuka-20:00)  
Isidlwana esilula ezinzulwini zobusuku - R41,90
(ukuba umqeshwa ufika ekhaya emva kuka-02:00)
Iti/ikofu/Isiselo - R6,77 (zibe mbini ngemini ezona zininzi)
4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi ekungalindeleka ukuba bangabikho kwiindawo abasebenza kuzo amaxesha ngamaxesha.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:13