1. Ngokwalo Mthetho oFakela iZilungiso okhankanywe apha ngasentla, kufakelwa iziqendu ezitsha kuMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika. Kuthe ngenxa yoku kwafuneka amaxwebhu okudluliswa kwamagunya nguMphathiswa weMfundo wePhondo kuhlaziywe kwangokunjalo nako.
2. Kucelwa ukuba amaxwebhu okudluliswa kwamagunya anikwe uMphathiswa weMfundo wePhondo ngokumalunga noMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika afundwe kunye neNgcaciso yaMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0019/2004 yowe-7 Oktobha 2004. La maxwebhu okudluliswa kwamagunya aqala ukusebenza ngomhla wopapasho lwawo (26 Januwari 2006) kwiGazethi kaRhulumente.
3. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abantu abachaphazelekayo.
4. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-A. LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:20

Delegations in respect of the South African Schools Act, 1996 (act 84/1996), as amended  (ubukhulu: 12 KB)