1. UMphathiswa weNkonzo kaRhulumente nezoLawulo (The Minister for Public Service and Administration), uye wathi emva kokuba azisiwe liSebe leeNkonzo zeRhafu (South African Revenue Services) ukuba irhafu ehlawulwa ngumsebenzi oyeke emsebenzini ngokuzithandela kwinkonzo karhulumente iya kuba ngaphezulu kunokuba bekulindelekile, wabhengeza utshintsho malunga nokuyeka komqeshwa emsebenzini kwinkonzo karhulumente ngokwe-EISP. Lo mgaqo utshintshwe ukususela ekuziyekeleni emsebenzini ngokuzithandela (voluntary resignation) ukuya ekukhululweni emsebenzini (discharge), ngokweSiqendu 17(2)(c) soMthetho weNkonzo kaRhulumente, wowe-1994 (Section 17(2)(c) Public Service Act, 1994) njengoko ufakelwe izilungiso kunye neSiqendu 11(1)(c) soMthetho weNgqesho wooTitshala (Section 11(1)(c) of the Employment of Educators Act, 1998), wowe-1998 (UMthetho 76 wowe-1998) (Act 76 of 1998), ofundeka ngokulandelayo:
  • 17(2)(c): "Ukuba, ngezizathu ezingezizo ezokungabikho sempilweni qete okanye ukungakwazi ukuwenza umsebenzi (unfitness or incapacity), ukukhutshwa emsebenzini (discharge) kuya kukhuthaza ubuchule okanye uqoqosho kwisebe okanye kwi-ofisi apho aqeshwe khona, okanye kothi kungenjalo kube ngumdla wenkonzo karhulumente."

  • 11(2)(c): "Ukuba, ngezizathu ezingezizo ezokungabikho sempilweni qete kukatitshala okanye ukungakwazi ukuwenza umsebenzi (unfitness or incapacity), ukukhululwa emsebenzini kukatitshala (discharge) kuya kukhuthaza ubuchule okanye uqoqosho kwisebe okanye kwi-ofisi apho aqeshwe khona, okanye kothi kungenjalo kube ngumdla kuRhulumente."

2. Lo mgaqo mtsha wokuyeka emsebenzini komqeshi uya kusebenza ukususela ngowe-1 Januwari 2006.

3. Nceda uqinisekise ukuba okubhalwe kule setyhula kwaziswa kubo bonke ootitshala abaqeshwe ngokoMthetho weNgqesho wooTitshala wowe-1998 (Employment of Educators Act, 1998) (UMthetho 76 wowe-1998) kunye nabasebenzi benkonzo karhulumente abaqeshwe ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente (Public Service Act, 1994) wowe-1994 njengoko ufakelwe izilungiso. Umqeshwa ngamnye makacelwe alusayine olu xwebhu ukubonisa ukuba uyakwazi okubhaliweyo kulo.


ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:18