1. Kukho iqela leebhasari ezivela kwiNgxowa ka-Vic Bridges Foundation Trust ezinokufunyanwa ngabafundi abakwiBakala 12 abanqwenela ukufunda eyunivesithi okanye etekhnikhoni ngowe-2007 Nganye ibhasari isisi-xamali esingama-R500,00 ngonyaka yaye inikwa okwethuba leminyaka emithathu.
2. Izicelo mazifike kule ofisi ungadlulanga uLwesihlanu wesi-30 Novemba 2007. Iqhotyoshelwe kule leta ifom yesicelo.
3. Izicelo ziya kuqwalaselwa ngabathenjwa (trustees) yaye kuya kunikwa iibhasari ezintlanu (5) eziya kukhethwa ngokuthi kujongwe ukuqaqamba komsebenzi nobungakanani bemfuno kubenzi-sicelo abo. Intlawulo yebhasari iya kuxhomekeka ekungenisweni kobungqina bokuba (a) umenzi-sicelo ubhalise njengomfundi osisigxina kunye (b) neziphumo zokuphela konyaka zomenzi-sicelo zonyaka ongaphambili.
4. Ukuba ofumene ibhasari uyayeka ukufunda, mabaziswe abathenjwa ngencwadi ebhaliweyo. Kwimeko enjengale baya kubanelungelo abathenjwa, ngokwengqiqo yabo, ukubiza kulowo ubenikwe ibhasari ezo mali besele zihlawulwe.
5. Ukuba ngokoluvo lwabathenjwa, ayanelisi inkqubo okanye indlela aziphethe ngayo lowo unikwe ibhasari, lilungelo labo ukuyihlutha ibhasari leyo.
6. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okuqulathwe yile setyhula.
7. Eminye imibuzo malunga nokukule setyhula ingabhekiswa kuMnu A Davids kule nombolo yefoni 021 467 2257.


ISAYINWE: NGU-A. LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:20

Isicelo Sebhasari Yokufunda se-Vic Bridges Foundation  (ubukhulu: 13 KB)