1. Kwintlanganiso yeBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Ministers) nge-4 Juni 2007, kwavunywa ukuba iiMviwo zeMatriki (ikharityhulam endala) emva ko-2007 ziya kuqhutywa ngoMeyi/Juni kunyaka ngamnye, endaweni ka-Oktobha noNovemba.
2. Iimviwo zokuxabangela (Supplementary examination) zika-2008 ngoku ziya kubhalwa ngoMeyi/Juni 2008 ngaxeshanye neemviwo zika 2008 zeMatriki ezibhalwa luninzi lwabaviwa. Emva koko, iimviwo zeMatriki (izifundo zekharityhulam endala) ziya kubhalwa ngoMeyi/Juni ngonyaka ngamnye kude kuye kuba ngoMeyi/Juni 2011.
3. Iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (ikharityhulam entsha) ziya kubhalwa zona ngoFebruwari/Matshi kunyaka ngamnye.

4. Iziphumo zolu tshintsho kubaviwa abasisigxina ababhala uviwo luka-Oktobha noNovemba 2007
4.1 Iimviwo zokuxabangela ziya kubhalwa ngoMeyi/Juni 2008 endaweni yokuba zibhalwe ngoFebruwari nangoMatshi 2008.
4.2 Abaviwa ababhalisela iimviwo zeMatriki zikaMeyi/Juni 2008, abayi kuqingqelwa ukuba babhale izifundo ezibini kuphela ezona zininzi, njengoko imigaqo yeMatriki ibimisela oko kwithuba langaphambili, kodwa bangabhalisela nokuba zingaphi na izifundo.
4.3 Umhla wokuvala ubhaliso lwabaviwa abaya kufaneleka ukuba babhale iimviwo zokuxabangela zikaMeyi/Juni 2008, uya kuba ngowama-31 Januwari 2008.
4.4 Abaviwa beBakala 12 bangoku abangaziphumezanga iimfuno zokupasa izifundo zabo zeMatriki ngoMeyi/Juni 2008 baya kuba nalo elinye ithuba lokwenjenjalo ngoMeyi/Juni kunyaka ngamnye kude kube nguMeyi/Juni ngo-2011.
4.5 Nabaphi na abaviwa abazakubhalisela iimviwo zangoMeyi/Juni ukususela ngo-2008 ukuya ku-2011, mabeze nobungqina bokuba babebhalisele iimviwo zeMatriki zango-2007 kunye/okanye babebhalisele phambi kweemviwo zeMatriki.

5. Iziphumo zolu tshintsho kubaviwa abangesosigxina abaya kuhlalela iimviwo zeMatriki zika-Oktobha noNovemba 2008 nasemva koko
5.1 Ukususela ku-2008 ukubheka phambili, kuphela luviwo olunye ngoMeyi/Juni lonyaka ngamnye ukuya kuma ku-2011, oluya kubakho ukulungiselela aba baviwa.
5.2 Umhla wokuvala ubhaliso lwabo bonke abafundi abangesosigxina abaya kuhlalela iimviwo zeMatriki ngo-2008, uya kuba ngowama-31 Januwari 2008.
5.3 Kuya kufuneka abaviwa babe nobungqina bokuba babebhalisele iimviwo zeMatriki zango-2007 kunye/okanye babebhalisile phambi kweemviwo zeMatriki.

6. Uyacelwa ukuba wazise bonke abaviwa bakho beMatriki abasisigxina nabangesosigxina ngeziphumo zoku kulapha ngasentla.


ISAYINWE: NGU- S NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:01