1. Ngenxa yempazamo yokuvulwa kwephepha lesiNgesi uLwimi lokuQala uHlelo oluPhezulu iPhepha 2 kwisikolo esithile nokuxelwa koko kuqulethwe leli phepha loviwo ngabaviwa kwabanye okuthe kwalandela emva koko, kuye kwafuneka ukuba liphinde libhalwe eli phepha loviwo ngokusebenzisa elinye iphepha endaweni yalo.
2. Ngokwenjenje iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lazisa isigqibo salo sokuba bonke abaviwa mabaphinde balibhale eli phepha loviwo lesiNgesi uLwimi lokuQala uHlelo oluPhezulu iPhepha 2 ngomhla we-23 Novemba 2007 ngo-09:00 kwezo ndawo abaviwa bebebhalela kuzo iphepha lokuqala.

3. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko emfundo ukuba bonke bancede bazise abaviwa ababhala iphepha loviwo lesiNgesi uLwimi lokuQala uHlelo oluPhezulu iPhepha 2 ngomhla we-11 Oktobha 2007 ngalo mhla wokubhala umtsha.

4. Kungenxa yesizathu kanye esinjengesi apho zaye zonke izikolo zaxelelwa ngeSetyhula 0044/2007 yomhla we-30 Agasti 2007, ukuba bonke abaviwa mabasoloko bekho esikolweni de kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo, ukwenzela ukuba xa kuthe kwakho imfuneko yokuhlehliselwa olunye usuku kwephepha loviwo elithile. Loo setyhula yahanjiswa kunye nethayimthebhile yokugqibela yeemviwo zeMatriki zika-Oktobha-Novemba 2007.
5. Izikolo mazenze amalungiselelo ayimfuneko okubhalwa kwakhona kweli phepha loviwo kunye nalawo abo baza kugada abaviwa kolu viwo.
6. Amaphepha emibuzo yolu viwo athatha indawo yeli aya kusiwa ezikolweni kungekudala.
7. Kube ngelishwa ukuba kwenzeke oku, kodwa ke okubalulekileyo kukuqinisekisa ukuthembeka koviwo nokuya kuba yinzuzo kubo bonke abaviwa.
8. ISebe iWCED licela uxolo ngenkxamleko eya kubangelwa ngala malungiselelo kubaviwa nakwiintsapho zabo.
9. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko emfundo ukuba bazalise iphepha eliqhotyoshelwe kule setyhula lokuvuma ukuba bayifumene le setyhula baze balithumele ngefeksi kulo Mnu TJ Magwaca, inombolo yefeksi: 021 467 2620 okanye kuledilesi ye-imeyile tmagwaca@pgwc.gov.za ungagqithanga owe-5 Novemba 2007.


ISAYINWE: NGU- BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:31


"The document, referred to in this Circular, was sent to schools."